Footnote
c Kweli bali kukho imizekelo emibini yokungabi nantlonelo. Okokuqala, uMthetho wawuyichaza ngokucacileyo inyama eyayisisabelo sababingeleli. (Duteronomi 18:3) Kodwa kwintente yokuhlangana ababingeleli abangendawo babeqalise umkhwa ombi. Babedla ngokuyalela umpheki ukuba abanyulele nayiphi na inyama ekufutshane. Okwesibini, xa abantu besizisa amadini abo ukuze atshiswe esibingelelweni, aba babingeleli babeyalela izicaka zabo ukuba zithathe loo nyama ngenkani ngaphambi kokuba kubingelelwe ngamanqatha kuYehova.—Levitikus 3:3-5; 1 Samuweli 2:13-17.