Footnote
a EZibhalweni kusoloko kuthethwa ngoYehova ngokuba unguBawo. Ngokomzekelo, uYesu wasebenzisa ibinzana elithi “Bawo” izihlandlo ezingama-65 kwiincwadi zeVangeli ezintathu zokuqala waze walisebenzisa izihlandlo ezingaphezu kwe-100 kwincwadi yeVangeli kaYohane. Yena uPawulos ubiza uThixo ngokuba “nguBawo” izihlandlo ezingaphezu kwama-40 kwileta yakhe. UYehova nguBawo wethu ngengqiqo yokuba unguMthombo wobomi bethu.