Footnote
b Njengokuba sele etshilo uNahomi, ububele bukaYehova abupheleli kwabaphilayo kuphela; budlulela nakwabafileyo. UNahomi wafelwa ngumyeni wakhe nangoonyana bakhe bobabini. URute yena ufelwe ngumyeni wakhe. Ngokuqinisekileyo omathathu la madoda ayethandwa ngabafazi bawo. Nabuphi na ububele obenzelwa uNahomi noRute, benzelwa loo madoda kuba ukuba ebesaphila ebeza kuqiniseka ukuba bayanyanyekelwa.