Footnote
a Igama elithi ‘ukusekwa kwehlabathi’ linento yokwenza nokuphosa phantsi imbewu, nto leyo ebonisa ukuveliswa kwenzala. Ngoko kuyabonakala ukuba linento yokwenza nenzala yokuqala yabantu. Kwakutheni ukuze uYesu anxulumanise uAbheli ‘nokusekwa kwehlabathi’, ekubeni inguKayin owazalwa kuqala? UKayin wamvukela ngabom uYehova uThixo ngezigqibo nangezenzo zakhe. Njengabazali bakhe, kubonakala ngathi naye akazukuvuswa okanye axolelwe.