Footnote
b Xa kwakuqalisa uNisan 15, ekutshoneni kwelanga ngoLwesihlanu, into ethetha ukuqalisa kweSabatha eqhelekileyo yeveki (esusela kwingokuhlwa yangoLwesihlanu ise kweyangoMgqibelo), kuloo nyaka yangqamana nomhla wokuqala woMthendeleko Wamaqebengwana Angenagwele, osoloko usiba yisabatha. Ngenxa yoku kungqamana kwezi Sabatha zimbini, loo mhla wabizwa ngokuba yiSabatha ‘enkulu.’—Funda uYohane 19:31, 42.