Footnote
b AMAGAMA ACACISIWEYO: Ukusebenzelana nemimoya kuthetha ukukholelwa nokwenza izinto ezidibene needemon. Abantu abasebenzelana nemimoya bakholelwa ukuba xa umntu esifa, umphefumlo wakhe awufi ibe banokuthetha naye ngokuya egqirheni. Abanye basebenzelana nemimoya ngokuthakatha nangokuvumisa. Xa kuthethwa ngomlingo kweli nqaku, akuthethwa ngemilingo edla ngokwenziwa kwiindawo zolonwabo. Kunoko kuthethwa ngobugqi okanye amandla angaqhelekanga. Oku kusenokuthetha nokuthakatha abanye abantu.