Footnote
a UYesu wathi abantu abangamaKristu nyhani baza kubonakala ngokuthandana. Kuba sibathanda abazalwana noodadewethu, sifuna ukwenza uxolo nabo, singabakhethi size sibe nobubele kubo. Le nto ayisoloko ilula. Kweli nqaku siza kuthetha ngeendlela esinokubonisa ngazo ukuba sibathanda kakhulu abazalwana noodadewethu.