Footnote
a USathana ufana nomzingeli owazi kakuhle umsebenzi wakhe. Uyazama ukusibambisa nokuba sesinexesha elingakanani sikhonza uYehova. Eli nqaku liza kusixelela ukuba ulisebenzisa njani ikratshi nokubawa xa efuna siyeke ukuba ngabahlobo bakaThixo. Siza kufunda nokuba wazisebenzisa njani ezi zinto kwabanye abakhonzi bakaYehova, size sibone ukuba singenza ntoni thina ukuze angakwazi ukusibambisa ngazo.