Footnote
c INGCACISO YOMFANEKISO: Umntu ofundiswa iBhayibhile unokuyitshintsha indlela aphila ngayo: Ekuqaleni, kubonakala ngathi le ndoda ayizazi into eyiphilelayo, akukho kwanto iyicingayo ngoYehova. Kufika amaNgqina ayishumayeze, iyavuma ukufundiswa iBhayibhile. Izinto ezifundiswayo ziyenza izahlulele kuYehova ize ibhaptizwe. Emva koko nayo yenza abafundi. Ekugqibeleni bonke bonwabile eParadesi.