Footnote
b INGCACISO YOMFANEKISO: Ngenxa yokuba benziwe ngokomfanekiso kaThixo, le ndoda nomfazi wayo babonisa iimpawu ezifana nezakhe, bayabathanda abantwana babo, nabo bayathandana futhi bayavelana. Indoda nomfazi wayo bayamthanda uYehova, bafuna ukufundisa nabantwana abaphe bona ukuba bamthande futhi bamkhonze. Basebenzisa ividiyo ukuze bababonise ukuba kwakutheni ukuze uYehova anikele ngoYesu ukuba asihlawulele. Babafundisa nokuba kwiParadesi ezayo siza kuhoya umhlaba nezilwanyana ngonaphakade.