Footnote
a Ngamany’ amaxesha ukoyika kulungile kuba kunokusikhusela engozini. Kodwa kona ukoyika izinto esingamele sizoyike kunokusenzakalisa. Njani? USathana unokusebenzisa olo loyiko. Kucacile ukuba simele sisebenze nzima ukuze singazoyiki izinto esingamele sizoyike. Yintoni eza kusinceda? Eli nqaku liza kusinceda sibone ukuba, xa siqinisekile ukuba uYehova ungakuthi yaye uyasithanda, asizukoyika nto.