Footnote
a Abakhonzi bakaYehova abasebatsha baye babe neengxaki ezifuna babe nesibindi futhi bangagungqi ekumkhonzeni. Abantwana abafunda nabo basenokuhlekisa ngabo kuba bekholelwa ukuba izinto zadalwa. Okanye oontanga babo banokubenza bacinge ukuba bazizidenge, ngenxa yokuba bekhonza uThixo futhi bephila ngemithetho yakhe. Kodwa eli nqaku liza kubonisa ukuba abantu abalumke nyhani ngabantu abalinganisa uDaniyeli, bekhonza uYehova benesibindi futhi bengagungqi.