Footnote
b Zintathu izinto ezazinokwenza uDaniyeli angakufuni ukutya kwaseBhabhiloni: (1) Kusenokwenzeka ukuba inyama eyayityiwa apho yayiyeyezilwanyana uMthetho owawusithi mazingatyiwa. (Dut. 14:7, 8) (2) Mhlawumbi nezo zilwanyana zazingophiswanga kakuhle. (Lev. 17:10-12) (3) Umntu otya oko kutya kwakusenokubonakala ngathi ukhonza uthixo wobuxoki.—Thelekisa iLevitikus 7:15 nama-1 Korinte 10:18, 21, 22.