NgoLwesine, Oktobha 30
Ngokwenqanaba esele sihambele phambili ngalo, masiqhubeke sihamba ngaloo ndlela.—Fil. 3:16.
UYehova akasoze acinge ukuba akukho yakho xa ungakwazanga ukuyenza into obuzimisele ukumenzela yona, ebingaphezu kwamandla akho. (2 Kor. 8:12) Funda xa kusenzeka into ekwenza ungakwazi ukude uyenze into ozimisele ukuyenza. Sukuzilibala izinto okwazileyo ukuzenza. IBhayibhile ithi ‘uThixo akangoThixo ongenabulungisa ukuba angade awulibale umsebenzi wakho.’ (Heb. 6:10) Ungawulibali ke nawe. Cinga ngezinto osele ukwazile ukuzenza. Mhlawumbi uye wakwazi ukuba ngumhlobo kaYehova nokuxelela abanye ngaye okanye ukubhaptizwa. Ekubeni uye wakwazi ukuzenza izinto obuzimisele ukumenzela zona uYehova, unokukwazi ukusebenzela nakwezo uzimisele ukumenzela zona ngoku. UYehova uza kukunceda ude ukwazi ukwenza into ozimisele ukumenzela yona. Njengokuba usebenzela ukuyenza into ozimisele ukumenzela yona uYehova, yonwatyiswa kukubona indlela akunceda nakusikelela ngayo. (2 Kor. 4:7) Ukuba awuncami, uza kukusikelela kakhulu.—Gal. 6:9. w23.05 31 ¶16-18
NgoLwesihlanu, Oktobha 31
Kaloku uTata uyanithanda, kuba niye nandithanda, naza nakholelwa ukuba ndithunywe nguye.—Yoh. 16:27.
UYehova uyathanda ukubonisa abantu abathandayo indlela abamvuyisa ngayo. IZibhalo zisixelela ngamaxesha amabini, apho axelela uNyana wakhe, uYesu, ukuba uyamthanda futhi uyavuyiswa nguye. (Mat. 3:17; 17:5) Wena, ungathanda ukuva uYehova esithi uyamvuyisa? UYehova akathethi nathi esezulwini, kodwa usebenzisa iLizwi Lakhe, iBhayibhile. Xa sifunda izinto uYesu awayezithetha kubafundi bakhe, iba ngathi siva uYehova esithi uyavuyiswa sithi. UYesu wayezibonakalisa zinjengokuba zinjalo iimpawu zikaTata wakhe. Abafundi bakaYesu babethembekile kodwa benesono. Ngoko xa sifunda ukuba wabaxelela ukuba uyavuyiswa ngabo, sinokuba nombono kaYehova ethetha loo nto nakuthi. (Yoh. 15:9, 15) Iingxaki esinazo azibonisi ukuba uYehova akasavuyiswa sithi. Kodwa kusinika ithuba lokumbonisa ukuba simthanda kangakanani, futhi sithembele kangakanani kuye.—Yak. 1:12. w24.03 28 ¶10-11
NgoMgqibelo, Novemba 1
Wena wenza abantwana neentsana bakudumise.—Mat. 21:16.
Ukuba ungumzali, nceda abantwana bakho balungiselele iimpendulo ezibafaneleyo. Ngamanye amaxesha isifundo sisenokuthetha ngezinto zabantu abadala ezinjengeengxaki zomtshato okanye indlela yokuziphatha, kodwa sinokuba khona isiqendu anokuphendula kuso umntwana. Nceda abantwana bakho baqonde isizathu sokuba bengazukusoloko bekhonjwa xa bephakamisile. Xa ubacacisele, abazukutyhafa xa bengakhonjwa, kukhonjwa abanye. (1 Tim. 6:18) Sonke singakwazi ukulungiselela iimpendulo eziza kuzukisa uYehova zize zikhuthaze abazalwana noodade. (IMize. 25:11) Nangona kusenokufuneka sithethe ngezinto eziye zenzeka kuthi, simele sikulumkele ukuthetha kakhulu ngeziqu zethu. (IMize. 27:2; 2 Kor. 10:18) Eyona nto sifuna ukuyenza kukuthetha kakhulu ngoYehova, iLizwi lakhe nabantu bakhe.—ISityhi. 4:11. w23.04 24-25 ¶17-18