ISAHLUKO 17
Namathela Kwintlangano KaYehova
UMFUNDI uYakobi wathi: “Sondelani kuThixo, naye uza kusondela kuni.” (Yak. 4:8) UYehova akaphakamanga kakhulu kwaye akakude kakhulu kangangokuba akanakusiva xa sithetha naye, nangona singafezekanga. (IZe. 17:27) Sinokusondela njani kuThixo? Oku sinokukwenza ngokwakha ubuhlobo noYehova nokuthandaza ngokunyaniseka. (INdu. 39:12) Sinokuhlakulela ubuhlobo naye ngokufunda iLizwi lakhe iBhayibhile qho. Xa sisenza oku, siye simazi uYehova uThixo, sazi iinjongo zakhe, noko afuna sikwenze. (2 Tim. 3:16, 17) Ngenxa yoko sifunda ukumthanda kwaye siyoyika ukumcaphukisa.—INdu. 25:14.
2 Noko ke, ukusondela kuYehova kunokwenzeka ngoNyana wakhe uYesu kuphela. (Yoh. 17:3; Roma 5:10) Akekho umntu onokuze asibonise indlela uYehova acinga ngayo njengoYesu. Wayesondele kakhulu kuTata wakhe kangangokuba wathi: “Akekho umntu omaziyo uNyana ngaphandle kukaTata, engekho nomntu owaziyo ukuba ngubani uTata ngaphandle koNyana, nalowo uNyana athanda ukumxelela ngaye.” (Luka 10:22) Ngoko xa sifunda okuthethwa ziincwadi zeVangeli ngendlela uYesu awayecinga nawayesenza ngayo, ngokungathi kunjalo, sifunda indlela uYehova acinga navakalelwa ngayo. Olo lwazi lusenza sisondele ngakumbi kuThixo wethu.
3 Phantsi kobuntloko boNyana KaThixo, sakha ubuhlobo noYehova ngokusondela kwinxalenye yentlangano kaYehova ebonakalayo esinceda sifunde indlela yokwenza ukuthanda kwakhe. Njengoko kuprofetiwe kuMateyu 24:45-47, iNkosi, uYesu Kristu, imisele ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi,’ ukuze lilungiselele indlu yokholo ‘ukutya ngexesha elifanelekileyo.’ Namhlanje, eli khoboka lisipha ukutya okuninzi okuqinisa ukholo. UYehova usebenzisa le ntlangano yakhe ukusikhuthaza ukuba sifunde iLizwi lakhe yonke imihla, siye qho kwiintlanganiso zamaKristu, kwaye sishumayele ‘iindaba ezilungileyo ezingoBukumkani.’ (Mat. 24:14; 28:19, 20; Yosh. 1:8; INdu. 1:1-3) Nangona ikhoboka elithembekileyo ingabantu abangafezekanga, siqinisekile ukuba likhokelwa nguThixo. Sifanele sizimisele ukusondela kwinxalenye yentlangano kaYehova ebonakalayo kwaye sizenze izinto efuna sizenze. Oku kuza kusenza sisondele ngakumbi kuThixo wethu, uYehova, kuze kusomeleze yaye kusikhusele phezu kwazo nje izilingo.
INTO EBANGELA UKUBA IZILINGO ZANDE
4 Mhlawumbi sele uneminyaka emininzi usenyanisweni. Ukuba kunjalo, wazi kakuhle ukuba yintoni ekuthethwa ngayo xa kuthethwa ngokunyamezela iimvavanyo. Kwanokuba usandokumazi uYehova kwaye unxulumana nabantu bakhe, usenokuba sele ubonile ukuba uSathana uMtyholi uchasa nabani na ozithoba kulongamo lukaYehova. (2 Tim. 3:12) Kodwa ke enoba unyamezele izinto ezincinci okanye ezinkulu, asikho isizathu sokuba woyike okanye utyhafe. UYehova uyakuqinisekisa ukuba uza kukuxhasa aze akuvuze ngokukuhlangula nangokukunika ubomi kwixesha elizayo.—Heb. 13:5, 6; ISityhi. 2:10.
5 Sonke sinokufumana izilingo kule mihla iseleyo yehlabathi likaSathana. Ukususela oko uBukumkani BukaThixo bamiselwayo ngo-1914, uSathana khange avunyelwe ukuba angene kumazulu kaYehova. Yena neengelosi zakhe baphoswa phantsi emhlabeni. Ukwanda kweengxaki emhlabeni nokutshutshiswa kwabakhonzi bakaYehova abazinikeleyo okuye kuqatsela, kubangelwa ngumsindo kaSathana kwaye kungqina ukuba siphila kwimihla yokugqibela yolawulo lwakhe olungendawo.—ISityhi. 12:1-12.
6 Ecatshukiswa kukuba ethotyiwe, uSathana uyazi ukuba iintsuku zakhe zibaliwe. Encediswa ziidemon zakhe, uzama ngandlela zonke ukugxobha umsebenzi wabakhonzi bakaYehova wokushumayela nokuchitha umanyano abanalo. Loo nto yenza abakhonzi bakaYehova balwe idabi lokholo elichazwa ngale ndlela: “Asilwi nabantu, kodwa silwa noorhulumente, namagunya, nabalawuli beli hlabathi lisebumnyameni, kunye nemikhosi yemimoya emibi esezulwini.” Ukuba sifuna ukuphumelela size sibe kwicala likaYehova, kunokuba siyekelele kweli dabi, simele sigcine impahla yokulwa ikwimeko entle. Simele ‘silwe namaqhinga kaMtyholi.’ (Efe. 6:10-17) Oku kufuna ukuba sinyamezele.
UKUHLALA SINYAMEZELE
7 Ukunyamezela kuthetha “ukukwazi ukumelana nobunzima neengxaki.” Xa sikhonza uThixo, ukunyamezela kuthetha ukumela okulungileyo kwanaxa siphantsi kobunzima, inkcaso, intshutshiso okanye ezinye izinto ezinokusenza simshiye uThixo. AmaKristu amele afunde ukunyamezela, ibe loo nto ithatha ixesha. Amandla ethu okunyamezela ayakhula njengoko sisenza inkqubela. Xa sinyamezela izinto ezincinci ezivavanya ukholo lwethu sisaqala nje ukuba ngamaKristu, siyomelela, size sikwazi ukunyamezela izilingo ezinzima, esiqinisekileyo ukuba ziza kusifikela. (Luka 16:10) Asinakulinda de kufike izilingo ezinzima ngaphambi kokuba sizimisele ukumela ukholo. Sifanele senze isigqibo esingagungqiyo ngaphambi kokuba lufike uvavanyo. Echaza ukuba simele sinyamezele size sibe nazo nezinye iimpawu ezithandwa nguThixo, umpostile uPetros wathi: “Zamani ngamandla enu onke ukuba kukholo lwenu nongezelele ukulunga, ekulungeni ulwazi, elwazini ukuzibamba, ekuzibambeni ukunyamezela, ekunyamezeleni ukuzinikela kuThixo, ekuzinikeleni kuThixo ukuthanda abazalwana, ekuthandeni abazalwana ukuthanda wonke umntu.”—2 Pet. 1:5-7; 1 Tim. 6:11.
Qho sifumana izilingo size sizoyise siye sifunde ukunyamezela
8 Ukubaluleka kokunyamezela sikukhunjuzwa nguYakobi kumazwi akhe athi: “Vuyani bazalwana bam, xa nidibana neengxaki ezahlukahlukeneyo, njengokuba nisazi ukuba xa niphumelela kobo bunzima, nifunda ukunyamezela. Vumelani ukunyamezela kuwugqibe umsebenzi wako, ukuze nigqibelele, nize nibe msulwa ngandlela zonke.” (Yak. 1:2-4) UYakobi uthi amaKristu afanele azamkele iingxaki kwaye azivuyele kuba ziyawanceda anyamezele. Ngaba uzijonga ngolo hlobo izinto? UYakobi uphinda abonise ukuba ukunyamezela kusenza sigqibelele njengamaKristu kwaye kusenza samkeleke ngokupheleleyo kuThixo. Ngokwenene, qho sifumana izilingo size sizoyise siye sifunde ukunyamezela. Ekugqibeleni, ukunyamezela kuvelisa nezinye iimpawu esizifunayo.
9 UYehova uyakholiswa kukunyamezela kwethu; loo nto iza kumenza asinike umvuzo wobomi obungunaphakade. UYakobi wongeza wathi: “Wonwabile umntu oqhubeka enyamezela isilingo, kuba akuphumelela kuso uza kufumana isithsaba sobomi, uYehova asithembisa abo baqhubeka bemthanda.” (Yak. 1:12) Siyanyamezela kuba loo nto ithetha ubomi. Asinakuze sihlale enyanisweni ukuba asikwazi kunyamezela. Ukuba siyanikezela kwiingcinezelo zehlabathi, siza kunyanzeleka ukuba sibuyele ehlabathini. Ukuba asinyamezeli, asiyi kuqhubeka sinomoya kaYehova kwaye ngenxa yoko asinakukwazi ukuvelisa isiqhamo sawo kubomi bethu.
10 Ukuba sifuna ukuqhubeka sinyamezela kula maxesha anzima, kufuneka sizijonge ngendlela efanelekileyo iingxaki esizifumana kuba singamaKristu. Khumbula ukuba uYakobi ebethe: “Vuyani.” Kusenokungabi lula ukuvuya kuba ngamanye amaxesha kusenokubakho iintlungu emzimbeni okanye ukukhathazeka. Kodwa khumbula ukuba ikamva lakho lixhomekeke kule nto. Into eyenzeka kubapostile isinceda sibone indlela esinokuvuya ngayo xa sineengxaki. Ichazwe kwincwadi yeZenzo, ethi: “Bababiza abapostile, babakatsa, babaxelela ukuba bayeke ukuthetha ngegama likaYesu, baza babakhulula. Abapostile baphuma phambi kwaloo Nkundla bevuya, kuba uThixo wayebabona bekufanelekele ukuhlaziswa ngenxa yegama likaYesu.” (IZe. 5:40, 41) Abapostile babesazi ukuba izinto ezibuhlungu ezabehlelayo zazibonisa ukuba baye bawuthobela umyalelo kaYesu yaye uYehova wayekholiswa ngabo. Kwiminyaka kamva, xa wayebhala incwadi yakhe yokuqala ephefumlelweyo, uPetros wathetha ngokubaluleka kokuva ubunzima obunjalo.—1 Pet. 4:12-16.
11 Amanye amava ngakaPawulos noSilas. Xa babeshumayela eFilipi, babanjwa baza batyholwa ngelithi baphazamisa isixeko kwaye bashumayela amasiko angavumelekanga. Ngenxa yoko, babethwa kanobom baza baphoswa ejele. Ingxelo yeBhayibhile isixelela ukuba, besesejele njalo, namanxeba abo engahoywanga, “malunga nasezinzulwini zobusuku uPawulos noSilas babethandaza, bedumisa uThixo ngengoma, yaye amabanjwa ayebamamele.” (IZe. 16:16-25) Ngokufanelekileyo, uPawulos nogxa wakhe abazange bajonge ubunzima ababekubo ngenxa kaKristu njengobungqina bokuba bathembekile kuThixo kuphela, kodwa bakujonga nanjengethuba lokushumayela iindaba ezilungileyo kwabo babefuna ukuzimamela. Abantu babenokufumana ubomi ngenxa yaloo nto. Kamva unogada wejele nabo bonke abo babesendlini yakhe bamamela iindaba ezilungileyo baza baba ngabafundi. (IZe. 16:26-34) UPawulos noSilas bamthemba uYehova, bawathemba amandla akhe nokuba uza kubaxhasa kubunzima ababebufumana. Ibe abazange baphoxeke.
12 Nanamhlanje uYehova ulungiselele zonke izinto esizifunayo ukuze asixhase kumaxesha ezilingo. Ufuna sinyamezele. Usinike iLizwi lakhe eliphefumlelweyo ukuze siyazi injongo yakhe. Loo nto yakha ukholo lwethu. Sinethuba lokunxulumana namanye amakholwa nelokunikela inkonzo engcwele. Sikwanayo nenyhweba yokuba nobuhlobo obusondeleyo noYehova ngokwakhe ngomthandazo. Uyasimamela xa simdumisa naxa sicela uncedo ngokunyaniseka ukuze sihlale sicocekile emehlweni akhe. (Fil. 4:13) Ibe enye into esingafanele siyilibale ngamandla esiwafumana xa sicinga ngethemba esinalo.—Mat. 24:13; Heb. 6:18; ISityhi. 21:1-4.
UKUNYAMEZELA IZILINGO EZAHLUKENEYO
13 Izilingo esizifumanayo namhlanje zifana nezo zabafundi bokuqala bakaYesu Kristu. Kule mihla, amaNgqina KaYehova aye athukwa aza axhatshazwa nasemizimbeni ngabatshutshisi abaqhutywa kukungazi. Njengakwimihla yabapostile, ubukhulu becala inkcaso ibangelwa ngabantu abathi bathanda unqulo kodwa babe befundisa ubuxoki besenza nezinto ezingavumelaniyo neLizwi LikaThixo. (IZe. 17:5-9, 13) Ngamanye amaxesha, abantu bakaYehova baye bakhuselwa ngamalungelo asemthethweni aqinisekiswa ngoorhulumente behlabathi. (IZe. 22:25; 25:11) Noko ke, nabalawuli abo baye bawuvala ngokusemthethweni umsebenzi wethu, bezama ukusiyekisa ukushumayela. (INdu. 2:1-3) Kwiimeko ezinjalo, ngesibindi silandela umzekelo wabapostile abathembekileyo abathi: “NguThixo umlawuli esimele simthobele kunabantu.”—IZe. 5:29.
14 Njengoko umoya wokuthanda ilizwe usiya usanda emhlabeni wonke, abashumayeli beendaba ezilungileyo bajongene nengcinezelo enkulu yokuba bawuyeke umsebenzi wokushumayela abawunikwe nguThixo. Bonke abakhonzi bakaThixo basixabisa kakhulu isilumkiso esifumaneka kwiSityhilelo 14:9-12 esiphathelele ukukhonza “irhamncwa nomfanekiso walo.” Siyakubona ukubaluleka kwamazwi kaYohane athi: “Kufuneka apha ke ukunyamezela kwabo bangcwele, abagcina imiyalelo kaThixo nababambelele nkqi ekukholweni kuYesu.”
15 Iimvavanyo ezibangelwa ziimfazwe, imvukelo okanye intshutshiso kunye nokuvalwa komsebenzi zinokukwenza ungakwazi ukukhonza uThixo ubonwa ngabantu. Sisenokungakwazi ukuba neentlanganiso zebandla. Lusenokuqhawuka unxibelelwano neofisi yesebe. Ukutyelela kwabaveleli besiphaluka emabandleni kusenokuphazanyiswa. Iimpapasho ezintsha zisenokungafiki kuthi. Yintoni ofanele uyenze xa kusenzeka nayiphi na kwezi zinto?
16 Nantsi impendulo, yenza konke okusemandleni akho ukuze uhlale ukhonza uThixo kuloo meko ukuyo. Unokukwazi ukuzifundela uwedwa. Amaqela amancinci anako ukuhlanganisana ukuze kufundwe kumakhaya abazalwana. Iimpapasho ezakhe zafundwa kunye neBhayibhile ngokwayo zinokusetyenziswa xa kuqhutywa iintlanganiso. Ungaphakuzeli okanye ube nexhala. IQumrhu Elilawulayo linokukwazi ukunxibelelana nabazalwana bokusalathisa ngokukhawuleza.
17 Kodwa kwanokuba unokwahlukaniswa nabo bonke abanye abazalwana, khumbula ukuba awahlukaniswanga noYehova noNyana wakhe, uYesu Kristu. Ithemba lakho linokuhlala lomelele. UYehova usayiva imithandazo yakho, kwaye unokukomeleza ngomoya wakhe. Cela ukhokelo kuye. Ukhumbule ukuba ungumkhonzi kaYehova nomfundi kaYesu Kristu. Ngoko xa kuvela amathuba okushumayela, wasebenzise. UYehova uza kuyisikelela imigudu oyenzayo, kwaye nabanye basenokungena kunqulo lokwenyaniso.—IZe. 4:13-31; 5:27-42; Fil. 1:27-30; 4:6, 7; 2 Tim. 4:16-18.
18 Kwanokuba ujamelene nokufa, njengabapostile nabanye, thembela “kuThixo ovusa abantu ekufeni.” (2 Kor. 1:8-10) Ukuba nokholo kwakho kwilungiselelo lovuko kuza kukunceda unyamezele neyona nkcaso ikrakra. (Luka 21:19) UYesu Kristu wasishiyela umzekelo; wayesazi ukuba ukuthembeka kwakhe nakuba evavanywa kwakuza kubomeleza abanye ukuze nabo banyamezele. Nawe unokubomeleza abazalwana bakho ngendlela efanayo.—Yoh. 16:33; Heb. 12:2, 3; 1 Pet. 2:21.
19 Ngaphandle kwentshutshiso nenkcaso, kusenokubakho nezinye izinto ezinzima ekusenokufuneka uzinyamezele. Ngokomzekelo, abanye baye batyhafa ngenxa yokungabi namdla kwabantu kwintsimi yabo. Abanye kuye kwafuneka banyamezele ukugula okanye istres, okanye ukungakwazi ukwenza ezinye izinto ngenxa yeziphene. Nompostile uPawulos kwafuneka anyamezele isilingo esithile esasimphazamisa okanye simenza akhonze nzima ngamanye amaxesha. (2 Kor. 12:7) NoEpafrodito, umKristu wexesha labapostile waseFilipi, ‘wababuhlungu kuba abahlobo bakhe beva ukuba wayegula.’ (Fil. 2:25-27) Ukungafezeki kwethu nokwabanye kusenokubangela iingxaki ekunzima kakhulu ukuba sizinyamezele. AmaKristu, nkqu nalawo azalwa kunye asenokuxabana ngenxa yobuntu obungafaniyo. Kodwa ke abantu abanamathela kwicebiso leLizwi LikaYehova banokuzinyamezela baze bazoyise izinto ezinjalo.—Hez. 2:3-5; 1 Kor. 9:27; 13:8; Kol. 3:12-14; 1 Pet. 4:8.
MASIZIMISELE UKUHLALA SITHEMBEKILE
20 Simele sinamathele kulowo uYehova ammisele njengeNtloko yebandla, uYesu Kristu. (Kol. 2:18, 19) Kufuneka sisebenzisane ‘nekhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ kunye nabadala. (Heb. 13:7, 17) Xa sinamathela kwilungiselelo likaThixo kwaye sisebenzisana nabo bakhokelayo, siza kwenza ukuthanda kukaYehova ngolungelelwano. Kufuneka silisebenzise ngokupheleleyo ilungelo lokuthandaza. Masingaze silibale ukuba nkqu neendonga zejele okanye ukuvalelwa wedwa esiseleni, akunakwenza singakwazi ukuthetha noTata wethu wasezulwini onothando okanye kuphazamise umanyano lwethu nabanye esikhonza nabo.
21 Masizimisele yaye sinyamezele ekwenzeni konke okusemandleni ethu ukuze sishumayele, singaze siyeke ukwenza umsebenzi uYesu Kristu awawuchazela abalandeli bakhe emva kokuba evusiwe, esithi: “Ngoko ke, hambani niyokubenza abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptize egameni likaTata neloNyana nelomoya oyingcwele, nibafundise ukuba benze yonke into endiniyalele yona.” (Mat. 28:19, 20) Masinyamezele njengoYesu. Singaze siyeke ukugcina ithemba loBukumkani nelobomi obungunaphakade liqaqambile ezingqondweni zethu. (Heb. 12:2) Njengabafundi ababhaptiziweyo bakaKristu, sinenyhweba yokuncedisa ukuze kwenzeke isiprofeto sikaYesu ‘sokupheliswa kwehlabathi.’ Wathi: “Ezi ndaba zilungileyo ezingoBukumkani ziza kushunyayelwa emhlabeni wonke, ziviwe zizo zonke iintlanga, emva koko sifike isiphelo.” (Mat. 24:3, 14) Ukuba sizinikela ngentliziyo epheleleyo kulo msebenzi kule mihla, siza kufumana uvuyo lokungena kubomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha likaYehova elinobulungisa.