ISAHLUKO 7
Iintlanganiso ‘Ezisikhuthazayo’
KANGANGEMINYAKA emininzi, abantu bakaYehova bebehlanganisana ngendlela elungelelanisiweyo. Kudala, kwaSirayeli onke amadoda ayesiya kumatheko eYerusalem kathathu ngonyaka. (Dut. 16:16) Ngexesha labapostile, amaKristu ayehlanganisana qho, amaxesha amaninzi emakhayeni abantu. (Filem. 1, 2) Namhlanje, siba neentlanganiso neendibano ezincinci nezinkulu. Kutheni abantu bakaThixo behlanganisana? Kuba ukuhlanganisana yinto ibalulekileyo ekukhonzeni uThixo.—INdu. 95:6; Kol. 3:16.
2 Enye into, iintlanganiso ziyabanceda abantu abaya kuzo. Ngokuphathelele iTheko Lamakhusi lesixhenxe, amaSirayeli axelelwa oku: “Qokelelani abantu, amadoda, abafazi, abantwana nabantu basemzini abahlala ezixekweni zenu, ukuze bamamele, bafunde ngoYehova uThixo wenu baze bamoyike, baqiniseke ukuba bayawathobela onke amazwi alo Mthetho.” (Dut. 31:12) Kucacile ukuba esona sizathu sokuhlanganisana kwethu kukuze ‘sifundiswe nguYehova.’ (Isa. 54:13) Kwakhona, ukuhlanganisana kwethu kuvula amathuba okwazana, okukhuthazana nokomelezana.
IINTLANGANISO ZEBANDLA
3 Abafundi ababehlanganisene emva kwePentekoste ka-33 C.E. bamamela izinto ezazifundiswa ngabapostile, ibe “babesiya etempileni yonke imihla benenjongo enye.” (IZe. 2:42, 46) Kamva, xa amaKristu ayehlanganisana ukuze akhonze, ayefunda iincwadi eziphefumlelweyo, nezo zazibhalwe ngabapostile nabanye abafundi abangamaKristu. (1 Kor. 1:1, 2; Kol. 4:16; 1 Tes. 1:1; Yak. 1:1) Ibandla lalithandaza kunye. (IZe. 4:24-29; 20:36) Ngamanye amaxesha, kwakubaliswa izinto ezenzeke entsimini. (IZe. 11:5-18; 14:27, 28) Kwakuxutyushwa iimfundiso zeBhayibhile nendlela ezenzeka ngayo iziprofeto eziphefumlelweyo. Kwakufundiswa nangezinto eziphathelele indlela yokuphila kwamaKristu eyamkelekileyo nokuzinikela kwawo kuThixo. Wonke umntu wayekhuthazwa ukuba akukhuthalele ukushumayela iindaba ezilungileyo.—Roma 10:9, 10; 1 Kor. 11:23-26; 15:58; Efe. 5:1-33.
Kule mihla yokugqibela inzima, siyalufuna ukhuthazo olongezelelekileyo olufumaneka ngokuya qho kwiintlanganiso
4 Kule mihla, iintlanganiso zamaKristu ziyafana nezo zexesha labapostile. Sithobela amazwi aphefumlelweyo akumaHebhere 10:24, 25 athi: “Masicingelane . . . , singaziphosanisi nokudibana kunye, njengokuba abanye benesiko lokwenjenjalo, kodwa masikhuthazane, ingakumbi njengoko nibona ukuba imini iyasondela.” Kule mihla yokugqibela inzima, siyalufuna ukhuthazo olongezelelekileyo olufumaneka ngokuya qho kwiintlanganiso ukuze sihlale sinokholo olomeleleyo, kwaye sihlale singamaKristu athembekileyo. (Roma 1:11, 12) NjengamaKristu, siphila phakathi kwesizukulwana esijijekileyo. Siye saziphepha izinto ezingathandwayo nguThixo nokufuna izinto ezimbi zeli hlabathi. (Fil. 2:15, 16; Tito 2:12-14) Yeyiphi enye indawo ebesinokuba kuyo ngaphandle kokuba kunye nabantu bakaYehova? (INdu. 84:10) Kwaye yintoni enye ebinokusinceda ngaphezu kokufunda nokuxubusha iLizwi LikaThixo? Makhe sithethe ngeentlanganiso ezahlukahlukeneyo eziye zalungiselelwa ukunceda thina.
INTLANGANISO YANGEMPELA-VEKI
5 Inxalenye yokuqala yale ntlanganiso iba yintetho esekelwe eBhayibhileni eyenzelwe umntu wonke, kuquka nabo basenokuba bayaqala ukuya ezintlanganisweni. Le ntetho inceda ekomelezeni ukholo lwabantu abasandokungena entlanganweni nolwabavakalisi.—IZe. 18:4; 19:9, 10.
6 UYesu Kristu, abapostile bakhe, kunye nabanye babeqhuba iintlanganiso zesidlangalala ngendlela eziqhutywa ngayo namhlanje kumabandla abantu bakaYehova. Alithandabuzeki elokuba uYesu wayesesona sithethi sibalaseleyo kwezakha zaphila emhlabeni. Kwathiwa ngaye: “Akekho umntu owakha wathetha njengala ndoda.” (Yoh. 7:46) UYesu wayethetha njengomntu onegunya, ebashiya bemangalisiwe abaphulaphuli bakhe. (Mat. 7:28, 29) Isigidimi sakhe sabanceda kwizinto ezininzi abantu abasamkelayo. (Mat. 13:16, 17) Abapostile bawulandela umzekelo wakhe. KwiZenzo 2:14-36, sifunda ngentetho enamandla eyanikelwa nguPetros ngomhla wePentekoste ka-33 C.E. Abaninzi bakusebenzisa oko bakuvayo. Abantu baba ngamakholwa emva kwentetho eyanikelwa nguPawulos eAthene.—IZe. 17:22-34.
7 Ngendlela efanayo, baninzi nakumhla wethu abaye bancedwa ziintetho zesidlangalala ezinikelwa veki nganye emabandleni, nakwiintetho zesidlangalala ezinikelwa kwiindibano ezinkulu nezincinci. Iintetho ezinjalo zisinceda sihlale sizazi iimfundiso zamaKristu size singagungqi ekukhonzeni uYehova. Xa simema bonke abantu, sinokubanceda bazazi iimfundiso zeBhayibhile ezisisiseko.
8 Ziyohluka izinto ekuthethwa ngazo kwiintetho zesidlangalala. Kuthethwa ngeemfundiso neziprofeto zeBhayibhile, imigaqo yeZibhalo nesiluleko esiphathelele ubomi bentsapho, imicimbi yomtshato, iingxaki zolutsha nendlela amele aziphathe ngayo amaKristu. Ezinye iintetho zithetha ngemisebenzi kaYehova emihle yendalo. Ezinye zibalaselisa umzekelo omhle wokholo, wesibindi nowokuthembeka owamiselwa ngabantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni nezinto esizifundayo kubo.
9 Ukuba sifuna iintetho zesidlangalala zisincede, simele simamele kakuhle, sityhile izibhalo nesithethi, kwaye sihambisane naso xa sizifunda naxa sizicacisa. (Luka 8:18) Njengoko siqiniseka ngezinto ezixutyushwayo, siza kuzimisela ukunamathela kuzo size sizisebenzise kubomi bethu.—1 Tes. 5:21.
10 Ukuba kukho izithethi ezaneleyo, ngokuqinisekileyo ibandla liza kuba nentetho yesidlangalala veki nganye. Enye into enokunceda kukumema izithethi ezivela kwamanye amabandla akufutshane. Xa zimbalwa izithethi, ezi ntetho zinikelwa kangangoko kunokwenzeka.
11 Emva kwentetho yesidlangalala kuye kuqhutywe iSifundo SeMboniselo, ingxubusho yemibuzo neempendulo yamanqaku akwiMboniselo efundwayo. UYehova usebenzisa iMboniselo ukusinika ukutya okomeleza ukholo ngexesha elifanelekileyo.
12 Amanqaku afundwayo asoloko ethetha ngendlela esebenza ngayo imigaqo yeBhayibhile kubomi bemihla ngemihla. Omeleza amaKristu ukuba akwazi ukuphepha “umoya wehlabathi” nokuziphatha ngendlela engacocekanga. (1 Kor. 2:12) IMboniselo izikhanyisa nangakumbi iimfundiso zeBhayibhile neziprofeto, inceda bonke abantu ukuba bayazi inyaniso kwaye bahlale endleleni yamalungisa. (INdu. 97:11; IMize. 4:18) Ukubakho nokuba nenxaxheba kwiSifundo SeMboniselo kunokusinceda sivuye kuba sinethemba lokuba uYehova uza kuzisa ihlabathi elitsha elinobulungisa. (Roma 12:12; 2 Pet. 3:13) Ukuba kunye namanye amaKristu kusinceda sibe nesiqhamo somoya kuze kusenze sikufune nangakumbi ukukhonza uYehova sizimisele. (Gal. 5:22, 23) Kusinceda sinyamezele izilingo size sibeke ‘isiseko esihle sexesha elizayo’ ukuze sibufumane “ubomi benene.”—1 Tim. 6:19; 1 Pet. 1:6, 7.
13 Yintoni esinokuyenza ukuze kusincede oku kutya kuqinisa ukholo? Sifanele silungiselele kwangaphambili, njengentsapho okanye sisodwa, sijonge zonke izibhalo ezibonisiweyo, size siphendule ngamazwi ethu ezintlanganisweni. Oku kuza kubangela ukuba inyaniso ingene ezintliziyweni zethu, ibe nabanye baza kuncedakala xa besiva amazwi ethu okholo. Ukuba simamela kakuhle xa abanye bephendula, siza kuzuza kangangoko kwisifundo seveki nganye.
INTLANGANISO YAPHAKATHI EVEKINI
14 Veki nganye, ibandla liba neNtlanganiso Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela kwiHolo YoBukumkani. Le ntlanganiso ineenxalenye ezintathu ezenzelwe ukusinceda ‘sikufanelekele’ ukukhonza uThixo. (2 Kor. 3:5, 6) Ucwangciso nombandela oza kuxutyushwa uza kufumaneka kwincwadi ethi Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso efumaneka nyanga nganye. Le ncwadi ikwanazo neencoko onokuzisebenzisa entsimini.
15 Inxalenye yokuqala yale ntlanganiso, ethi Ubutyebi Obuphuma ELizwini LikaThixo, iza kusinceda siqhelane nemvelaphi nomongo weengxelo eziseBhayibhileni size sifunde nendlela esinokuzisebenzisa ngayo. Kule nxalenye kubakho intetho, ufundo lweBhayibhile, kuze kwenziwe nengxubusho yofundo lweBhayibhile lwaveki nganye. Kwincwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela kukho izinto zokufundisa ezahlukeneyo ezinjengemifanekiso, ibe kukho neendawo zokubhala. Ezi zinto zincedisa ekufundiseni iingxelo zeBhayibhile. Le ndlela yokufundisisa nzulu iBhayibhile isinceda kwindlela esibuphila ngayo ubomi bethu nakwindlela esifundisa ngayo, ukuze ‘siwulungele size siwuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.’—2 Tim. 3:16, 17.
16 Inxalenye yesibini yale ntlanganiso ethi, Yikhuthalele Intsimi, yenzelwe ukusinika sonke ithuba lokuqhelisela ukushumayela entsimini nokuphucula ubuchule bethu bokushumayela nokufundisa. Ukongezelela kwimiboniso eyenziwa ngabafundi, kubukelwa kuze kuncokolwe ngeevidiyo zeencoko onokuzisebenzisa. Ngenxa yale ntlanganiso sitsho sibe ‘nolwimi lwezifundiswa, ukuze sazi indlela yokuphendula odiniweyo ngelizwi elifanelekileyo.’—Isa. 50:4.
17 Inxalenye yesithathu ethi, Indlela Yokuphila YamaKristu, ixubusha indlela esinokuyisebenzisa ngayo imigaqo yeBhayibhile kubomi bethu bemihla ngemihla. (INdu. 119:105) Isoloko ineSifundo SeBhayibhile Sebandla. NjengeSifundo SeMboniselo, iSifundo SeBhayibhile Sebandla yingxubusho yemibuzo neempendulo.
18 Nyanga nganye xa kufika iNcwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela, umnxibelelanisi wequmrhu labadala okanye umdala omncedisayo, uyayihlolisisa aze abele abazalwana iintetho. Veki nganye, umdala okhethwe liqumrhu labadala, nokwaziyo ukufundisa, uza kuba ngusihlalo. Omnye wemisebenzi kasihlalo kukuqinisekisa ukuba le ntlanganiso iqala ize iphele ngexesha elimisiweyo, yaye uncoma aze aluleke abafundi abanezabelo.
19 Njengoko silungiselela qho, sisiya size siphendule, sinikele iintetho, senze imiboniso nezinye izinto kwiNtlanganiso Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela, siza kuzazi iZibhalo, siqonde imigaqo yeBhayibhile, sibe nesibindi sokushumayela iindaba ezilungileyo nobuchule bokwenza abafundi. Nabo bangekabhaptizwa kodwa babe besiza kwiintlanganiso bafumana uthando olufudumeleyo lwebandla yaye bayakheka yimfundiso abayifumanayo. Ukuze sikwazi ukulungiselela le ntlanganiso nezinye, singasebenzisa iWatchtower Library, iJW Library, iWatchtower LAYIBRARI EKWI-INTANETHI okanye ilayibrari ekwiHolo YoBukumkani. Ilayibrari ekwiHolo YoBukumkani ineencwadi zamaNgqina KaYehova, iWatch Tower Publications Index okanye iSikhokelo Sokuphanda SamaNgqina KaYehova kuquka iinguqulelo zeBhayibhile, isalathiso samagama (concordance), isichazi-magama nezinye iimbekiselo. Nabani na unokuyisebenzisa le layibrari ngaphambi okanye emva kweentlanganiso.
IINTLANGANISO ZENTSIMI
20 Ngamaxesha athile phakathi evekini okanye ngeempela-veki, amaqela amancinci abavakalisi aza kuba nentlanganiso emfutshane yentsimi. Ezi ntlanganiso zidla ngokuqhutyelwa kumakhaya abavakalisi okanye kwezinye iindawo ezifanelekayo. NeHolo YoBukumkani inokusetyenziswa. Xa amaqela amancinci ehlanganisana kumakhaya ahlukahlukeneyo akwintsimi yenu, kuza kuba lula ngabavakalisi ukuya kwiintlanganiso zentsimi nasentsimini. Abavakalisi banokwabiwa ngokukhawuleza babe sebesiya entsimini kungachithwanga xesha. Umveleli weqela umele alinyamekele kakuhle iqela lakhe. Ngoxa kuluncedo ukuba iqela ngalinye libe neyalo intlanganiso yentsimi, kusenokubakho iimeko ezibangela ukuba amanye adibane. Ngokomzekelo, ukuba bambalwa abavakalisi abaya entsimini phakathi evekini, kusenokuba kuhle ukuba amaqela athile adibane okanye ibandla lidibane lonke eHolweni YoBukumkani okanye kwenye indawo efanelekileyo. Ngaloo ndlela abavakalisi baza kufumana abantu bokusebenza. Ibandla lisenokubona kuyinto entle ukudibana kwiHolo YoBukumkani ngeentsuku zeholide. Okanye lisenokukhetha ukuqhuba intlanganiso yentsimi emva kweSifundo SeMboniselo.
21 Xa iqela ngalinye liqhuba eyalo intlanganiso yentsimi, iqhutywa ngumveleli weqela. Ngamanye amaxesha, angacela isekela lakhe okanye omnye umzalwana ofanelekayo ukuba ayiqhube. Umqhubi ufanele alungiselele ukuthetha ngento eza kunceda abavakalisi entsimini. Kuthethwe ngendlela ekuza kuphunywa ngayo kuze kuthandazwe. Ngokukhawuleza emva koko iqela liya entsimini. Le ntlanganiso ithatha imizuzu emihlanu ukuya kwesixhenxe, kodwa ifanele ibe mfutshane kunoku xa iqhutywa emva kweentlanganiso zebandla. Le ntlanganiso ifanele ikhuthaze, ibe namacebiso aluncedo ize inike abo baya entsimini imiyalelo ecacileyo. Abavakalisi abatsha okanye abanye abadinga uncedo banokwabiwa nabavakalisi abanamava ukuze babaqeqeshe.
IINTLANGANISO KUMABANDLA AMATSHA OKANYE AMANCINCI
22 Xa abantu abangakumbi besiba ngabafundi, amabandla aba maninzi. Ngumveleli wesiphaluka odla ngokuthumela isicelo sebandla elitsha. Kodwa ke, kwezinye iimeko, amaqela amancinci akufumanisa kuluncedo ukudibana nebandla elikufutshane.
23 Ngamanye amaxesha, kumabandla amancinci kunokubakho oodade kuphela. Kwiimeko ezinjalo, udade othandazayo ebandleni okanye oqhuba iintlanganiso uye athwale entloko, ngokuvisisana nelungiselelo elichazwe kwiZibhalo. (1 Kor. 11:3-16) Ubukhulu becala, uhlala phantsi, ejonge kubaphulaphuli. Oodade abazinikeli iintetho ebandleni. Udade unokufunda aze agqabaze ngaloo mbandela ulungiselelwe yintlangano, ngamanye amaxesha basenokuwuxubusha kunye okanye benze imiboniso. Iofisi yesebe iza kucela omnye woodade ukuba ibe nguye ojongana neeleta zeofisi yesebe aze aqhube neentlanganiso. Ekuhambeni kwexesha, xa kukho abazalwana abafanelekayo, lo msebenzi uza kwenziwa ngabo.
IINDIBANO ZESIPHALUKA
24 Nyaka ngamnye kwenziwa amalungiselelo okuba amabandla akwisiphaluka esinye aye kwiindibano zesiphaluka ezimbini zosuku olunye. La maxesha amnandi abangela ukuba wonke umntu afumane ithuba ‘lokuvula intliziyo yakhe’ okanye lokubonisa ukuba sithandana nyhani. (2 Kor. 6:11-13) Icinga ngemibandela ekhethekileyo, intlangano kaYehova ilungiselela imixholo esekelwe kwiZibhalo nezinye iinxalenye zocwangciso. Kwezi ndibano kubakho iintetho, ezinye iintetho ziba neencoko okanye imiboniso. Imfundiso enjalo iyabakhuthaza abo bakhoyo kwezi ndibano. Kuye kubhaptizwe abantu bebonisa ukuzinikela kwabo kuYehova.
IINDIBANO ZENGINGQI
25 AmaNgqina KaYehova aba neendibano ezinkulu kanye ngonyaka. Ezi ndibano zidla ngokuba ziindibano zengingqi zeentsuku ezintathu, ezidibanisa amabandla eziphaluka eziliqela. Amasebe amancinci anokukufumanisa kubhetele ukuba onke amabandla aphantsi kwelo sebe ahlanganisane ndawonye. Kwamanye amazwe, amalungiselelo ezi ndibano anokwahluka ngenxa yeemeko okanye ngenxa yolwalathiso lwentlangano. Ngamanye amaxesha, kumazwe athile kuye kubekho iindibano zezizwe ngezizwe okanye ezikhethekileyo. Kuzo kubakho amaNgqina amaninzi asuka kumazwe ahlukeneyo. Ukutyhubela iminyaka, abantu abaninzi baye beva iindaba ezilungileyo zoBukumkani ngenxa yokuya kwezi ndibano zinkulu zamaNgqina KaYehova.
26 Kwiindibano zengingqi kulapho abantu abazinikele kuYehova bakhonza khona ngomanyano bevuya. Kuzo, inyaniso eseBhayibhileni iye yakhanyiswa ngakumbi. Kwezinye iindibano, kukhutshwa iimpapasho ezintsha ezenzelwe ukuba umntu azifundele, zifundwe emabandleni okanye zihanjiswe entsimini. Kwakwezi ndibano kubakho abantu ababhaptizwayo. Iindibano zibaluleke ngokukhethekileyo kuba zibangela abantu bomelele elukholweni. Zingqina ukuba abantu bakaYehova basemhlabeni wonke ibe bangamaKristu azinikeleyo nabonakalayo ukuba ngabafundi bakaYesu Kristu.—Yoh. 13:35.
27 Kwiintlanganiso zebandla nakwiindibano zabantu bakaYehova, sikhuthazwa ukuba senze ukuthanda kukaYehova. Sikhuselwa nakwizinto zehlabathi ezinokuphelisa ukholo lwethu njengamaKristu. Iindibano ezilolu hlobo zizukisa zize zidumise uYehova. (INdu. 35:18; IMize. 14:28) Sinokumbulela uYehova kuba enike abantu abazinikele kuye amathuba okukhuthazwa elukholweni kweli xesha lesiphelo.
ISIDLO SENKOSI SANGOKUHLWA
28 Kanye ngonyaka, amabandla amaNgqina KaYehova aye ahlanganisane ngomhla awafa ngawo uYesu Kristu, ukuze enze iSikhumbuzo Sokufa KukaKristu, okanye iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa. (1 Kor. 11:20, 23, 24) Le yeyona ntlanganiso ibalulekileyo enyakeni kubantu bakaYehova. Siyalelwa ngokukhethekileyo ukuba sibekho kuyo.—Luka 22:19.
29 Usuku lweSikhumbuzo lungqamana nosuku lwePasika, echazwe ngokucacileyo eBhayibhileni. (Eks. 12:2, 6; Mat. 26:17, 20, 26) IPasika yayingumbhiyozo wokuphuma kwamaSirayeli eYiputa ngonyaka ka-1513 B.C.E. Yayisenziwa qho ngonyaka. UYehova wathi amaSirayeli amele atye igusha yePasika aze aphume ekuthinjweni eYiputa ngosuku lwe-14 lwenyanga yokuqala. (Eks. 12:1-51) Olu suku luba sentwasahlobo yaseYerusalem, emva kweentsuku eziyi-13 libonakele okokuqala esibhakabhakeni iceba lenyanga entsha. ISikhumbuzo sidla ngokuqhutywa ngosuku ebonakala ngalo esibhakabhakeni inyanga epheleleyo ngasekupheleni kukaMatshi okanye ekuqaleni kuka-Aprili.
30 KuMateyu 26:26-28, uYesu uchaza indlela esimele siqhutywe ngayo iSikhumbuzo. ISikhumbuzo ayisosithethe esinemimangaliso, kodwa sisidlo esingumfuziselo sabo bafumene ubizo lokuba ziindlalifa kunye noYesu Kristu kuBukumkani basezulwini. (Luka 22:28-30) Onke amanye amaKristu azinikeleyo akhuthazwa ukuba abekho njengababukeli kwiSidlo SeNkosi Sangokuhlwa. Ubukho bawo bubonisa ukuba bayalixabisa ilungiselelo elenziwe nguYehova uThixo ukuze ancede bonke abantu ngoNyana wakhe, uYesu Kristu. Ngaphambi kweSikhumbuzo kuye kunikelwe intetho ekhethekileyo elungiselelwe ukunceda abantu bajonge phambili kwiSikhumbuzo baze babe nomdla ngakumbi ekufundisiseni iBhayibhile.
31 AmaNgqina KaYehova akhangela phambili ngovuyo kwiintlanganiso zawo, apho ‘acingelana khona aze akhuthazane ukuba athandane aze enze izinto ezilungileyo.’ (Heb. 10:24) Ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi lisoloko liqiniseka ukuba lilungiselela ezi ntlanganiso ukuze zisincede simthande ngakumbi uThixo. Bonke abakhonzi bakaYehova nabantu abanomdla bakhuthazwa ukuba bawasebenzise ngokupheleleyo amalungiselelo okuhlanganisana qho. Xa bebonisa ukuba bayawaxabisa amalungiselelo uYehova abenzele wona ngentlangano yakhe, abakhonzi bakaThixo bayamanyana. Kodwa okubaluleke nangakumbi, badumisa baze bazukise uYehova.—INdu. 111:1.