IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • od isahl. 11 iphe. 116-122
  • Amalungiselelo Eendawo Zokukhonza

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Amalungiselelo Eendawo Zokukhonza
  • Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • IHOLO YOBUKUMKANI
  • UKWAKHA IHOLO YOBUKUMKANI
  • IIHOLO ZENDIBANO
  • Le Yindawo Esinqulela Kuyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Masigcine Iindawo Zethu Zokunqulela Zikwimeko Entle
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2003
  • Ukukhangela KuYehova Kuko Konke Esikwenzayo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Ngaba Uyayihlonela Indawo Onqulela Kuyo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
Khangela Okunye
Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano
od isahl. 11 iphe. 116-122

ISAHLUKO 11

Amalungiselelo Eendawo Zokukhonza

ABAKHONZI bakaYehova bayalelwa ukuba bahlanganisane ukuze bafundiswe yaye bakhuthazane. (Heb. 10:23-25) Indawo yokuqala ababehlanganisana kuyo abantu abakhethekileyo bakaThixo, amaSirayeli, ‘yayiyintente engcwele, intente yokuhlangana.’ (Eks. 39:32, 40) Kamva, uSolomon, unyana kaDavide, wakha indlu okanye itempile eyayiza kuzukisa uThixo. (1 Kum. 9:3) Emva kokuba itshatyalalisiwe loo tempile ngo-607 B.C.E., amaYuda aba nezindlu akhonzela kuzo uThixo. Ethubeni yakhiwa kwakhona itempile, ibe yaphinda yayeyona ndawo kwakukhonzelwa kuyo. UYesu wafundisa kwizindlu awayekhonzela kuzo amaYuda nasetempileni. (Luka 4:16; Yoh. 18:20) Waba nayo nentlanganiso awayiqhubela entabeni.—Mat. 5:1–7:29.

2 Emva kokufa kukaYesu, amaKristu ahlanganisana kwiindawo zikawonke-wonke nakumakhaya abantu ukuze afundise iZibhalo aze achithe ixesha namanye amakholwa. (IZe. 19:8, 9; Roma 16:3, 5; Kol. 4:15; Filem. 2) Ngamanye amaxesha kwakuye kufuneke ukuba amaKristu okuqala ahlanganisane kwiindawo ezikwanti ukuze angabonwa ngabo babewatshutshisa. Ngokwenene abakhonzi abathembekileyo bakaThixo bakudala babekunqwenela ukuhlanganisana kwiindawo zokukhonza ukuze ‘bafundiswe nguYehova.’—Isa. 54:13.

3 Nanamhlanje, amaKristu asahlanganisana kumakhaya abantu nakwiindawo zikawonke-wonke. Nentlanganiso yenkonzo yasentsimini idla ngokuqhutyelwa kumakhaya abantu. Abo bavula amakhaya abo ukuze kuqhutywe ezi ntlanganiso bakujonga njengenyhweba ukwenjenjalo. Abaninzi bathi kubancede gqitha ukuvumela iintlanganiso ziqhutyelwe emakhayeni abo.

IHOLO YOBUKUMKANI

4 Eyona ndawo ahlanganisana kuyo amaNgqina KaYehova yiHolo YoBukumkani. Kudla ngokuthengwa isiza kuze kwakhiwe iHolo YoBukumkani okanye kulungiswe isakhiwo esele sikho kakade. Xa kunokwenzeka, amabandla aliqela anokusebenzisa iHolo YoBukumkani enye ukuze kongiwe imali futhi izakhiwo zethu zisetyenziswe kangangoko. Kwezinye iindawo kuye kufuneke kurentwe. Xa kwakhiwe iHolo YoBukumkani okanye kulungiswe indawo enkulu, kuyafaneleka ukuba inikezelwe. Noko ke, ukuba kulungiswe nje indawana kwiHolo YoBukumkani, akuyomfuneko ukuba inikezelwe.

5 IHolo YoBukumkani ayifanele ibe sisakhiwo esinobukhazikhazi nesenzelwe ukutsala amehlo. Ngoxa indlela ezakhiwa ngayo inokwahluka ngokweendawo, injongo yazo kukuba zisebenziseke. (IZe. 17:24) Ngokuvisisana neemeko zasekuhlaleni, ifanele ibe yindawo efanelekileyo yokuqhuba iintlanganiso zamaKristu.

6 Onke amabandla amaNgqina KaYehova asebenzisa iHolo YoBukumkani anikela ngemali yokuhlawula iindleko zayo neyokuyilungisa. Akuqokelelwa nkongozelo, okanye kuxelelwe abantu ukuba bakhuphe malini. Kukho ibhokisi yeminikelo abanokufaka kuyo imali abantu abaze kwezi ntlanganiso ukuze kuhlawulwe iindleko zeholo. Oko bakwenza ngokuzithandela, beqhutywa ziintliziyo zabo.—2 Kor. 9:7.

7 Wonke umntu ebandleni ukujonga njengenyhweba ukuxhasa iHolo YoBukumkani ngemali nokuyicoca ukuze ihlale intle. Kudla ngokucelwa umdala okanye isicaka solungiselelo ukuba senze ucwangciso lokucoca. Ngokuqhelekileyo, iholo icocwa ngamaqela entsimi yaye kukhokela umveleli weqela okanye isekela lakhe. Ngaphandle nangaphakathi iHolo YoBukumkani ifanele immele kakuhle uYehova nentlangano yakhe.

Wonke umntu ebandleni ukujonga njengenyhweba ukuxhasa iHolo YoBukumkani ngemali nokuyicoca ukuze ihlale intle

8 Xa kukho amabandla angaphezu kwelinye angenela kwiholo enye, abadala baloo mabandla baza kuseka iKomiti Yokusebenza KweHolo YoBukumkani ukuze inyamekele isakhiwo nesiza. La maqumrhu abadala aza kukhetha umnxibelelanisi wekomiti yokusebenza. Le komiti isebenza phantsi kwamaqumrhu abadala, iza kuqiniseka ukuba iholo iyacocwa, iyalungiswa kwaye nezinto zokuyicoca zanele. Kufuneka onke amabandla angena kuloo holo asebenzisane.

9 Xa amabandla aliqela ehlanganisana kwiHolo YoBukumkani enye, kusenokufuneka atshintshane ngamaxesha. Abadala baza kwenza olu cwangciso ngothando nangendlela yokuba kuzuze wonke umntu. (Fil. 2:2-4; 1 Pet. 3:8) Alikho ibandla elifanele lenzele amanye amabandla isigqibo. Xa umveleli wesiphaluka etyelele elinye lamabandla asebenzisa loo Holo YoBukumkani, amanye amabandla aza kwenza uhlengahlengiso oluyimfuneko kumaxesha eentlanganiso.

10 IHolo YoBukumkani inokusetyenziswa xa kutshatwa naxa kungcwatywa, kodwa ngemvume yeKomiti Yenkonzo Yebandla. Aba badala basihlolisisa kakuhle isicelo eso baze benze isigqibo esivumelana nolwalathiso abalufumana kwiofisi yesebe.

11 Kulindeleke ukuba abo banikwe imvume yokusebenzisa iHolo YoBukumkani baziphathe ngesidima esifanele amaKristu okwenene. Kule Holo akufanele kwenziwe izinto eziza kukhubekisa ibandla okanye zizise ugculelo kuYehova nakwigama elihle lebandla. (Fil. 2:14, 15) Ngolwalathiso lweofisi yesebe iHolo YoBukumkani isenokusetyenziselwa ezinye izinto zentlangano, njengeSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani kunye neSikolo Senkonzo Yobuvulindlela.

12 Kufuneka ibandla lihlale liyihlonela indawo elihlanganisana kuyo. Isinxibo sethu, indlela esizilungisa nesiziphatha ngayo zifanele zibonise isidima sabakhonzi bakaYehova. (INtshu. 5:1; 1 Tim. 2:9, 10) Ukwenza oku kubonisa ukuba siyazixabisa iintlanganiso zethu zamaKristu.

13 Kubalulekile ukugcina ucwangco ebudeni beentlanganiso. Kucetyiswa ukuba abantwana bahlale nabazali babo. Abazali abanabantwana abancinci banokukhuthazwa ukuba bahlale kwindawo abangazukuphazamisa kakhulu kuyo xa kufuneka baphume baye kuqeqesha abantwana babo okanye bayokwenza ezinye izinto.

14 Abazalwana abafanelekayo baye babe ngabalindi kwiHolo YoBukumkani. Bafanele babe ngabantu abathe qwa nabanobuhlobo, baze bakwazi ukwenza izigqibo zobulumko. Umsebenzi wabo uquka ukubulisa abantu abaqala ukuza eholweni nokubenza bazive bamkelekile, ukunceda abo bafika sele ziqalile iintlanganiso bafumane indawo yokuhlala, ukubala abantu abezileyo, nokuqiniseka ukuba akubandi okanye kutshise kakhulu ngaphakathi kweholo. Xa kuyimfuneko abalindi baza kukhumbuza abazali ukuba bagade abantwana babo bangadlali ngaphambi nangasemva kweentlanganiso okanye eqongeni. Xa umntwana engalawuleki, umlindi usenokumcela ngobubele nangendlela echubekileyo umzali ukuba aphume naye phandle, ukuze abaphulaphuli bangaphazamiseki kakhulu. Abalindi banceda bonke abezileyo ukuba bazinandiphe iintlanganiso. Kubhetele abalindi ibe ngabadala nezicaka zolungiselelo.​—1 Tim. 3:12.

UKWAKHA IHOLO YOBUKUMKANI

15 Ngexesha labapostile, amanye amaKristu ayefumile kunamanye, ibe ngenxa yoko umpostile uPawulos wabhala wathi: “Ndifuna wonke umntu alingane, izinto ezininzi eninazo zongeze kwabo bangenazo, nezinto ezininzi abanazo zongeze kuni.” (2 Kor. 8:14) Nanamhlanje kubakho ‘ukulingana’ okufanayo. Iminikelo esuka emabandleni ehlabathini lonke iyadityaniswa ukuze kwakhiwe kuze kulungiswe iiHolo ZoBukumkani. Intlangano kunye namabandla ancedwa yile minikelo, ayixabisa gqitha inkxaso yabazalwana abasehlabathini.

16 Iofisi yesebe yabela amabandla ukuba akhonze kwiiHolo ZoBukumkani ezithile. Ikwayiofisi yesebe egqibayo ukuba kufuneka yakhiwe phi okanye nini iHolo YoBukumkani ekummandla wesebe, okanye xa kukho efuna ukulungiswa. Xa kusehla iintlekele, kuye kwenziwe amalungiselelo okulungisa iiHolo ZoBukumkani ezonakeleyo yaye ngamanye amaxesha kukhe kulungiswe namakhaya abazalwana.

17 Iofisi yesebe isebenzisa amavolontiya ukuze ancede ekufumaneni isiza, ekuzobeni iplani yeHolo YoBukumkani, ekufumaneni imvume yokwakha, ekwakheni nasekulungiseni. Ngenxa yokuba kufuneka iiHolo ZoBukumkani kumazwe amaninzi kudingeka amavolontiya amaninzi. Bonke abavakalisi ababhaptiziweyo abafanelekayo nabafuna ukuncedisa kulo msebenzi, bafanele bafake isicelo baze basinike iKomiti Yenkonzo Yebandla. Nabavakalisi abangabhaptizwanga banokuncedisa ekwakhiweni okanye ekulungisweni kweHolo yebandla labo.

IIHOLO ZENDIBANO

18 AmaKristu okuqala ayedla ngokuhlanganisana ngamaqela amancinci. Kodwa ngamanye amaxesha kwakuye kuhlanganisane “abantu abaninzi.” (IZe. 11:26) Nabantu bakaYehova banamhlanje baye babe neendibano zesiphaluka nezengingqi. Kudla ngokurentwa izakhiwo zasekuhlaleni ukuze kuqhutywe ezi ndibano, kodwa xa zingafaneleki okanye zingafumaneki, kunokwakhiwa indawo yokukhonza ebizwa ngokuba yiHolo YeNdibano.

19 Ngamanye amaxesha kuthengwa isakhiwo esisele sikhona, sihlaziywe, size senziwe iHolo YeNdibano. Kodwa ke, kumaxesha amaninzi kuye kuthengwe isiza, kuze kwakhiwe iholo. Ezi holo ziyahluka ngobukhulu, kuxhomekeka kwiimfuno zasekuhlaleni. Isigqibo sokuba kuthengwe okanye kwakhiwe ezi zakhiwo senziwa kuphela emva kokuba iofisi yesebe iye yahlola iindleko nokuba ziza kusetyenziswa kangakanani.

20 Iofisi yesebe imisela abazalwana abaza kuba neliso ekusetyenzisweni kwayo nasekuyigcineni isemgangathweni. Kwenziwa amalungiselelo okuba iziphaluka ziyicoce qho emva kokuba ziyisebenzisile, kabini ngonyaka, nawokuba kulungiswe iindawo ezonakalayo. Kuba luncedo xa ingabazalwana abazinikelayo ukwenza lo msebenzi. Ngenxa yoko, kukhuthazwa amabandla ukuba awaxhase ngeentliziyo ezivumayo la malungiselelo.​—INdu. 110:3; Mal. 1:10.

21 Ngamanye amaxesha, iHolo YeNdibano inokusetyenziselwa nezinye izinto zentlangano, njengezikolo zokufundisa iBhayibhile neentlanganiso ezikhethekileyo zabaveleli beziphaluka. NjengeHolo YoBukumkani, iHolo YeNdibano yindawo yokukhonza enikezelweyo. Xa sihlanganisene kwiHolo YeNdibano, indlela esiziphatha ngayo, esinxiba ngayo nesizilungisa ngayo ifanele ibe nesidima, njengaxa sihlanganisene kwiHolo YoBukumkani ukuze sikhonze uYehova.

22 Uninzi lwabasebatsha enyanisweni luyathontelana ukungena kwintlangano kaThixo kule mihla yokugqibela. Oku kubonisa intsikelelo kaYehova. (Isa. 60:8, 10, 11, 22) Ngenxa yoko, sifuna ukuwaxhasa amalungiselelo okuba zifunyanwe nawokuzigcina zicocekile yaye zintle ezi ndawo zokukhonza uYehova. Ngokwenjenjalo, sibonisa ukuba siyayixabisa indima ephunyezwa zezi zakhiwo ekusincedeni sikhuthazane ingakumbi njengokuba sibona ukuba imini kaYehova iyasondela.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share