INGOMA 29
Siphila Ngokwegama Lethu
Printed Edition
1. Yehova Thixo ongunaphakade,
Zinob’ lungisa iindlela zakho.
Unamandla, ubulumko nothando,
UnguMongami wendalo yonke.
Siyakuvuyela ukukukhonza,
Sishumayela ngegama lakho.
(CHORUS)
NjengamaNgqina akho siz’misele
Ukuphila ngokwegama lethu!
2. Singabantu begama lakho Thixo,
Sakuhlala sihamba ngokholo.
Ukufundis’ abanye inyaniso,
Kusinika uvuyo noxolo.
Sinomsebenzi esiwuthandayo,
Uk’shumayela ngegama lakho.
(CHORUS)
NjengamaNgqina akho siz’misele
Ukuphila ngokwegama lethu!
(Funda nezi: Dut. 32:4; INdu. 43:3; Dan. 2:20, 21.)