IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ijwfq inqa. 47
  • Ndingalilo Njani INgqina LikaYehova?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ndingalilo Njani INgqina LikaYehova?
  • Imibuzo Abantu Abaqhele Ukuyibuza NgamaNgqina KaYehova
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ndazi njani ukuba ndikulungele ukubhaptizwa?
  • Ngaba la manyathelo ayasebenza kubantwana abanabazali abangamaNgqina?
  • Ubhaptizo Nolwalamano Lwakho NoThixo
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
  • Zibekele Usukelo Lokukhonza UThixo Ngonaphakade
    Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade
  • Izinto Ezenza Ubani Afanelekele Ukubhaptizwa NjengomKristu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Yintoni Ubhaptizo?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
Khangela Okunye
Imibuzo Abantu Abaqhele Ukuyibuza NgamaNgqina KaYehova
ijwfq inqa. 47
AmaNgqina kaYehova amabini ayabulisana

Ndingalilo Njani INgqina LikaYehova?

Amanyathelo ekufuneka uwathabathile ukuze ube liNgqina kaYehova achazwa nguYesu yaye afumaneka kuMateyu 28:19, 20. Ezi vesi zibonisa oko umntu afanele akwenze ukuze abe ngumfundi kaKristu, kuquka ukuthetha nabanye ngoYehova.

Inyathelo 1: Funda oko iBhayibhile ikufundisayo. UYesu wayalela abalandeli bakhe ukuba ‘benze abafundi, babafundise.’ (Mateyu 28:19, 20) Igama eliguqulelwe ngokuthi “umfundi” lithetha “umntu ofundiswayo.” Iimfundiso zikaYesu Kristu eziseBhayibhileni, zingakunceda uphile ubomi obuvuyisayo nobanelisayo. (2 Timoti 3:16, 17) Ngesifundo seBhayibhile sasimahla, singakuvuyela ukukunceda ufunde oko kufundiswa yiBhayibhile.​—Mateyu 10:7, 8; 1 Tesalonika 2:13.

Inyathelo 2: Yenza oko ukufundileyo. UYesu wathi abo bafunda iBhayibhile kukwafuneka ‘bazigcine zonke izinto abayalele zona.’ (Mateyu 28:20) Oku kuthetha ukuba ukufunda kwakho iBhayibhile makungapheleli nje ekusebenziseni ingqondo, kusenokufuneka wenze utshintsho kwindlela ocinga ngayo nowenza ngayo izinto. (IZenzo 10:42; Efese 4:22-29; Hebhere 10:24, 25) Abo bathobela imiyalelo kaYesu baye bafune ukunikela ngobomi babo kuYehova uThixo.​—Mateyu 16:24.

Inyathelo 3: Bhaptizwa. (Mateyu 28:19) EBhayibhileni, ubhaptizo lufaniswa nokungcwatywa. (Thelekisa amaRoma 6:​2-4.) Kukufa kwindlela obukade uphila ngayo ngaphambili nokuqalisa ubomi obutsha. Ukubhaptizwa kwakho kubonisa ekuhleni ukuba uwathabathile amanyathelo amabini okuqala uYesu awathetha ngawo yaye ucela isazela esicocekileyo kuThixo.​—Hebhere 9:14; 1 Petros 3:21.

Ndazi njani ukuba ndikulungele ukubhaptizwa?

Thetha nabadala bebandla. Baza kuthetha nawe ukuqinisekisa ukuba uyakuqonda okubandakanyekileyo, uyakwenza oye wakufunda yaye uzahlulele ngokuzithandela kuThixo.​—IZenzo 20:28; 1 Petros 5:1-3.

Ngaba la manyathelo ayasebenza kubantwana abanabazali abangamaNgqina?

Ewe. Abantwana bethu sibakhulisela “kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova,” njengoko iBhayibhile iyalela. (Efese 6:4) Kodwa ke, njengoko bekhula bafanele bazenzele isigqibo sokufunda, ukwamkela nokusebenzisa oko iBhayibhile ikufundisayo ngaphambi kokuba bakufanelekele ukubhaptizwa. (Roma 12:2) Ekugqibeleni, mntu ngamnye kufuneka azenzele ukhetho ngokuphathelele unqulo.—Roma 14:12; Galati 6:5.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share