INGOMA 83
‘Kwindlu Ngendlu’
Printed Edition
1. Kwindlu ngendlu entsimini,
Siyashumayela.
Kwiidolophu, ezifama,
Siyashumayela.
Sishumayela ngolaw’lo
Olusezulwini,
Naphi na ehlabathini,
Ngokutsho kweNkosi.
2. Kwindlu ngendlu entsimini,
Sazis’ usindiso.
Lolwabantu abanqula
Igama likaYa.
Kodwa bangamnqula njani
Abangamaziyo?
Ngoko masazise bonke,
Ngalo usindiso.
3. Kwindlu ngendlu entsimini,
Masishumayele.
Bambi baya kusamkela,
Kodwa hayi bonke.
Thina sozukis’ uThixo,
Sibazise ngaye.
Ngoko masibafundise,
Ukuze basinde.
(Funda nezi: IZe. 2:21; Roma 10:14.)