INQAKU ELIFUNDWAYO 46
UYehova Usenza Siqiniseke NgeParadesi Asithembise Yona
“Nabani na ofuna ukusikelelwa emhlabeni [uza kusikelelwa] nguThixo othembekileyo.”—ISA. 65:16.
INGOMA 3 Nguwe Olithemba Namandla Ethu
IZINTO ESIZA KUZIFUNDAa
1. Wawusithini umyalezo uIsaya awawuxelela amaSirayeli?
XA WAYETHETHA ngoYehova umprofeti uIsaya wathi “nguThixo wenyaniso.” Igama eliguqulelwe ngokuthi ‘inyaniso’ ngokoqobo lithetha ukuthi “amen.” (Isa. 65:16, umbhalo osemazantsi) Lona elithi “amen” lithetha ukuba “makube njalo,” okanye “ngokuqinisekileyo.” Ukuze siqiniseke ukuba into ethethwa okanye eyenziwa nguYehova okanye nguYesu ichanile, iBhayibhile idla ngokusebenzisa eli gama. Ngoko umyalezo uIsaya awayewuxelela amaSirayeli wawucacile: Into athi uYehova iza kwenzeka, ihlala isenzeka. Loo nto uyibonise ngokusoloko ezenza izinto azithembisileyo.
2. Kutheni sinokuzithemba izinto uYehova athi uza kusenzela zona kwixesha elizayo? Yeyiphi imibuzo eza kuphendulwa kweli nqaku?
2 Ngaba nathi sinokuzithemba izinto uYehova athembise ukuba uza kusenzela zona kwixesha elizayo? Kwiminyaka ephantse ibe yi-800 emva kokuba uIsaya eswelekile, umpostile uPawulos wasichaza isizathu sokuba sinokuhlala sizithemba izinto esizithenjiswa nguThixo. Wathi: “Akunakwenzeka ukuba uThixo axoke.” (Heb. 6:18) Kanye njengokuba amanzi amnandi namanzi akrakrayo engenakuphuma kumthombo omnye, uYehova onguMthombo wenyaniso akanakuxoka. Ngoko sinokuyithemba yonke into ayithethayo, nezinto athembise ukuba uza kusenzela zona kwixesha elizayo. Kweli nqaku siza kuphendula le mibuzo: Yintoni uYehova athembise ukuba uza kusenzela yona kwixesha elizayo? Yintoni ayenzileyo ukuze asiqinisekise ukuba iza kwenzeka nyhani?
YINTONI ASITHEMBISE YONA UYEHOVA?
3. (a) Sesiphi isithembiso esithandwayo ngabakhonzi bakaThixo? (ISityhilelo 21:3, 4) (b) Baye bathini abanye abantu xa besiva esi sithembiso?
3 Ngoku siza kuthetha ngesithembiso esithandwayo ngabakhonzi bakaThixo abasemhlabeni wonke. (Funda iSityhilelo 21:3, 4.) UYehova usithembisa ngexesha laxa ‘kungazukubakho kufa, kungazukubakho kuzila nakukhala nantlungu.’ Abaninzi kuthi basebenzisa ezi vesi zithuthuzelayo entsimini xa bethetha ngobomi obuza kuphilwa eParadesi. Baye bathini abanye abantu xa besiva ezi vesi? Basenokuthi, “Utheth’ ukuba ingenzeka nyhani loo nto?”
4. (a) Yintoni awayeyazi uYehova, iyintoni awayibona ingekenzeki? (b) Ngaphandle kwezinto asithembise zona uYehova, yeyiphi enye into ayenzileyo?
4 Xa uYehova waphefumlela umpostile uYohane ukuba abhale ngesi sithembiso seParadesi, wayesazi ukuba kule mihla siza kuxelela abantu ngaso xa sishumayela ngomyalezo woBukumkani. Wabona nokuba kubantu abaninzi kwakungazukuba lula ukusikholelwa esi sithembiso ‘sezinto ezintsha.’ (Isa. 42:9; 60:2; 2 Kor. 4:3, 4) Ngoko sinokubanceda njani abantu esithetha nabo ukuze baqiniseke ukuba into ethethwa kwiSityhilelo 21:3, 4 iza kwenzeka nyhani? Thina yintoni enokusinceda simthembe nyhani uYehova ukuba uza kuyenza into asithembise yona? UYehova usithembise ezi zinto zithuthuzelayo waza wasinika nezizathu ezisenza siqiniseke ukuba uza kuzenza. Zeziphi ezo zizathu?
UYEHOVA USENZA SIQINISEKE NGENTO AYITHEMBISILEYO
5. Zeziphi iivesi ezisenza siqiniseke ukuba iza kuba khona iParadesi esiyithenjiswa nguThixo? Zithini?
5 Sizifumana kwezi vesi zilandelayo izizathu zokuba siqiniseke ukuba iza kuba khona iParadesi esiyithenjiswa nguYehova. Zithi: “Lowo uhleli etroneni wathi: ‘Jonga! Zonke izinto ndizenza ntsha.’ Uphinde athi: ‘Bhala, kuba la mazwi athembekile yaye ayinyaniso.’ Waphinda wathi kum: ‘La mazwi aye enzeka! NdinguAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo.’”—ISityhi. 21:5, 6a.
6. Kutheni amazwi akwiSityhilelo 21:5, 6 esenza siqiniseke kakhulu ngento esiyithenjiswa nguThixo?
6 Kutheni ezi vesi zisenza siqiniseke nyhani ngento esiyithenjiswa nguThixo? Incwadi ethi Incopho YeSityhilelo ithi xa ithetha ngezi vesi: “Kunjengokungathi uYehova wayetyobela isiqinisekiso sokwenzeka kwezi ntsikelelo zexesha elizayo kuluntu oluthembekileyo.”b Into esiyithenjiswe nguThixo ibhalwe kwiSityhilelo 21:3, 4. Kodwa ngokungathi kunjalo, kuvesi 5 no-6 uyasayina, nto leyo esenza siqiniseke ukuba into asithembisa yona uza kuyenza. Makhe sithethe ngamagama awasebenzisayo asenza simthembe.
7. Yintoni ewenza abaluleke amazwi esiqala ngawo iSityhilelo 21:5?
7 Ivesi 5 iqala ngala mazwi: “Lowo uhleli etroneni wathi.” (ISityhi. 21:5a) La mazwi abalulekile kuba eli lelinye lamaxesha amathathu kuphela uYehova ethetha ngokwakhe kwimibono ekwincwadi yeSityhilelo. Ayiyongelosi enamandla ewathethayo, ingenguye noYesu ovusiweyo, nguYehova ngokwakhe! Le nto isenza siyithembe into ayithetha emva kwale. Ngoba? Kuba uYehova ‘akanakuxoka.’ (Tito 1:2) Ngoko sitsho siqiniseke ukuba into ayithetha kwiSityhilelo 21:5, 6 uza kuyenza nyhani.
“JONGA! ZONKE IZINTO NDIZENZA NTSHA”
8. UYehova uyibethelela njani indlela aqiniseke ngayo ngento asithembisa yona? (Isaya 46:10)
8 Ngoku makhe sithethe ngegama elithi “Jonga!” (ISityhi. 21:5) Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “jonga!” lisetyenziswe kaninzi kwincwadi yeSityhilelo. Enye incwadi ithi uphawu olusemva kweli gama lubekelwe “ukunceda umntu ofundayo akhangele phambili kwinto eza kulandela.” Yintoni ke elandelayo? Ngamazwi kaThixo athi: “Zonke izinto ndizenza ntsha.” Ezi zinto ziseza kwenzeka, kodwa kuba uYehova eqinisekile ngaloo nto, uthetha ngokungathi sezisenzeka.—Funda uIsaya 46:10.
9. (a) Amagama athi “zonke izinto ndizenza ntsha” athetha ngeziphi izinto ezimbini eziza kwenziwa nguYehova? (b) Yintoni eza kwenzeka ‘kwizulu nomhlaba’ okhoyo ngoku?
9 Makhe sithethe ngamagama akwakule vesi 5 athi: “Zonke izinto ndizenza ntsha.” Kwesi sahluko kuthethwa ngezinto ezimbini uYehova aza kuzenza. Okokuqala, uza kutshabalalisa le nkqubo indala. Okwesibini, uza kuzisa inkqubo entsha. ISityhilelo 21:1 sithi: “Izulu langaphambili nomhlaba zazingasekho.” “Izulu langaphambili” ngoorhulumente abalawulwa nguSathana needemon zakhe. (Mat. 4:8, 9; 1 Yoh. 5:19) EBhayibhileni kunokusetyenziswa igama elithi umhlaba xa kuthethwa ngabantu abahlala kuwo. (Gen. 11:1; INdu. 96:1) Ngoko, ‘umhlaba’ wangaphambili ngabantu abenza izinto ezimbi. UYehova akazuvele nje alungise ‘izulu nomhlaba’ okhoyo ngoku; uza kuzitshabalalisa. Emva koko uza kumisela “izulu elitsha” elingurhulumente omtsha, “nomhlaba omtsha” ongabantu abangamalungisa.
10. Yintoni aza kuyenza ntsha uYehova?
10 Yeyiphi enye indlela uYehova aza kuzenza ntsha ngayo zonke izinto? (ISityhi. 21:5) Uza kulungisa umhlaba ube yilaa nto wayefuna ube yiyo, nabantu bangabi nasono. Uza kwenza wonke umhlaba ube yindawo entle efana negadi yase-Eden. Nathi uza kusenza sibe batsha ngokuphilisa abantu abaqhwalelayo, abangaboniyo nabangevayo, nangokuvusa abantu abaswelekileyo.—Isa. 25:8; 35:1-7.
“LA MAZWI ATHEMBEKILE YAYE AYINYANISO . . . AYE ENZEKA!”
11. UYehova wathi makenze ntoni uYohane? Sesiphi isizathu awamnika sona?
11 Yeyiphi enye into uThixo ayithethayo esenza siqiniseke ukuba sinokumthemba? Yinto awayixelela uYohane esithi: “Bhala, kuba la mazwi athembekile yaye ayinyaniso.” (ISityhi. 21:5) Akazange aphelele nje ekumyaleleni ukuba ‘abhale,’ kodwa wamxelela nesizathu, wathi: “Kuba la mazwi athembekile yaye ayinyaniso.” Loo nto ithetha ukuba masiyithembe into ethethwa nguThixo ukuba iza kwenzeka. Siyambulela uYohane ngokuyenza into awayeyixelelwa nguThixo esithi ‘makabhale.’ Ngenxa yaloo nto ngoku siyakwazi ukufunda ngethemba leParadesi esilinikwe nguThixo, size sicingisise ngezinto ezintle esizilindeleyo.
12. Kwakutheni ukuze uYehova athi: “La mazwi aye enzeka”?
12 Yeyiphi enye into aphinda ayithethe uThixo? Uthi: “La mazwi aye enzeka!” (ISityhi. 21:6) Ngoku uYehova uthetha ngokungathi sezenzekile zonke izinto athe ziza kwenzeka kwiParadesi asithembise yona. Ufanele kaloku kuba akukho nto inokumnqanda angayenzi into azimisele ukuyenza. Emva koku usixelela enye into esenza siqiniseke ukuba into asithembise yona iza kwenzeka nyhani. Yintoni leyo?
“NDINGUALFA NO-OMEGA”
13. Kwakutheni ukuze uYehova athi: “NdinguAlfa no-Omega”?
13 Njengokuba kubonisiwe kwisiqendu 7, uYehova wathetha kathathu kwimibono kaYohane. (ISityhi. 1:8; 21:5, 6; 22:13) Qho ethetha wayesithi: “NdinguAlfa no-Omega.” UAlfa ngunobumba wokuqala koonobumba besiGrike, aze uOmega abe ngowokugqibela. Xa uYehova esithi unguAlfa no-Omega, uthetha ukuthi xa eyiqalile into, uyayigqiba.
Xa uYehova eyiqalile into akayiyeki engayigqibanga (Jonga isiqendu 14, 17)
14. (a) Kwakunini apho uYehova wayengathi uthi “Alfa”? Kunini apho aza kuba ngathi uthi “Omega”? (b) IGenesis 2:1-3 isiqinisekisa ngantoni?
14 Emva kokuba uYehova edale uAdam noEva, wabaxelela into awayefuna yenzeke ebantwini nasemhlabeni. IBhayibhile ithi: “Wabasikelela waza wathi kubo: ‘Qhamani, nande, nigcwalise umhlaba niwoyise.’” (Gen. 1:28) Xa wayechaza into awayefuna yenzeke waba ngathi uthi “Alfa.” Kwakuza kufika ixesha apho abantwana baka-Adam noEva abathobelayo nabangenasono babeza kugcwalisa umhlaba, baze bawenze ube yiparadesi. Xa seyenzekile loo nto uza kuba ngathi uthi “Omega.” Akugqiba uYehova ukudala “amazulu nomhlaba nayo yonke into ekuwo,” wathetha amazwi akwiGenesis 2:1-3 (Yifunde.) asenza siqiniseke ukuba iza kwenzeka into awayefuna yenzeke. Wathi usuku lwe-7 lungcwele kuye. Le nto ithetha ukuthi ekupheleni kosuku lwe-7 iza kwenzeka yonke into uYehova afuna yenzeke ebantwini nasemhlabeni.
15. Kutheni kwakubonakala ngathi uSathana uyiphazamisile into uYehova awayefuna yenzeke ngabantu?
15 Emva kokuba uAdam noEva bengamthobelanga uYehova, baba nesono, baza badlulisela isono nokufa kubantwana babo. (Roma 5:12) Ngoko kwaba ngathi uSathana uyiphazamisile into uYehova awayefuna yenzeke yokuba umhlaba ugcwaliswe ngabantu abangenasono nabathobelayo. Kwakungathi soze uYehova akwazi ukuthi “Omega.” Kusenokwenzeka ukuba uSathana wayecinga ukuba akukho nto ingako uYehova anokuyenza. Mhlawumbi wayecinga ukuba uYehova uza kubulala uAdam noEva, aze adale abantu abangenasono ukuze yenzeke into awayefuna yenzeke ebantwini. Kodwa ukuba uThixo wayenokwenza loo nto, uMtyholi wayeza kuthi ulixoki. Ngoba? Kaloku kwiGenesis 1:28 uYehova waxelela uAdam noEva ukuba ngabantwana babo ababeza kugcwalisa umhlaba.
16. Yintoni eyayisenokwenza uSathana acinge ukuba wayenokumtyhola uYehova ngokuthi wohlulekile?
16 Yeyiphi enye into uSathana awayesenokucinga ukuba uThixo uza kuyenza? Mhlawumbi wayecinga ukuba uYehova uza kuvumela uAdam noEva ukuba bazale abantwana abangasoze bayeke ukuba nesono. (INtshu. 7:20; Roma 3:23) Ukuba yayenzekile loo nto, uMtyholi wayeza kuthi uYehova wohlulekile. Yintoni eyayiza kumenza athethe loo nto? Kaloku yayingazukwenzeka into eyayifunwa nguThixo yokuba umhlaba oyiParadesi ugcwaliswe ngabantwana baka-Adam noEva abangenasono nabathobelayo.
17. UYehova wayilungisa njani ingxaki eyenziwa kukungathobeli kukaSathana, uAdam noEva? Yintoni eza kwenzeka ekugqibeleni? (Jonga nomfanekiso.)
17 Indlela uYehova awayilungisa ngayo le ngxaki yamshiya uSathana engazi nokuba makathini. (INdu. 92:5) Endaweni yokuba uYehova abonakale elixoki, wabonakala enenyani ngokuvumela uAdam noEva ukuba babe nabantwana. Wenza kwacaca ukuba xa ethe uza kuyenza into akukho nto inokumnqanda. Waqiniseka ukuba iyenzeka into ayithethileyo ngokwenza kubekho ‘inzala’ eyayiza kusindisa abantwana abathobelayo baka-Adam noEva. (Gen. 3:15; 22:18) Ukuze basinde, le nzala yayiza kunikela ngobomi bayo. Zange ayicinge nokuyicinga ke leyo into uSathana! Kwakutheni? Kaloku loo nto yayinokwenziwa ngumntu ongacingeli isiqu sakhe sodwa nonothando. (Mat. 20:28; Yoh. 3:16) Akakho njalo tu ke yena uSathana kuba ucingela isiqu sakhe. Yintoni ke eza kwenzeka ngenxa yedini likaYesu? Emva kweminyaka eyi-1 000 kuza kwenzeka laa nto uYehova wayeyifuna kwasekuqaleni. Umhlaba uza kugcwaliswa ngabantwana baka-Adam noEva abathobelayo nabangenasono. Ngelo xesha uYehova uza kuba ngathi uthi “Omega.”
SINOKULIQINISA NJANI ITHEMBA ESINALO LEPARADESI?
18. Zeziphi izinto ezintathu azithethayo uThixo ezisenza siqiniseke ngento asithembise yona? (Jonga nebhokisi ethi “Izinto Ezintathu Ezisenza Simthembe UYehova.”)
18 Ngenxa yezinto esizifundileyo, sinokubenza njani baqiniseke abantu abathandabuzayo ukuba uThixo uza kuyenza ibekho iParadesi asithembise yona? Okokuqala, sithenjiswa nguYehova ngokwakhe. Incwadi yeSityhilelo ithi: “Lowo uhleli etroneni wathi: ‘Jonga! Zonke izinto ndizenza ntsha.’” Akapheleli nje ekubeni nobulumko namandla okuyenza into ayithembisileyo, kodwa ufuna nyhani ukuyenza. Okwesibini, uqinisekile ngayo kangangokuba kuye ingathi seyenzekile. Yiloo nto esithi: “La mazwi athembekile yaye ayinyaniso. . . . Aye enzeka!” Okwesithathu, xa uYehova eyiqalile into akayiyeki engayigqibanga. Loo nto iboniswa ngamazwi athi: “NdinguAlfa no-Omega.” Uza kubonisa ukuba uSathana ulixoki elingenakumnqanda ekwenzeni into afuna ukuyenza.
19. Yintoni onokuyenza xa abantu bethandabuza ukuba iza kubakho iParadesi esiyithenjiswe nguThixo?
19 Khumbula ukuba qho xa uxelela abantu entsimini ngezinto uThixo azithethileyo ezisenza siqiniseke ngento asithembise yona, nawe utsho umthembe kakhulu. Ngoko uza kuthini xa umntu omfundela isithembiso esithuthuzelayo esikwiSityhilelo 21:4 esithetha ngeParadesi esithi, “Utheth’ ukuba ingenzeka nyhani loo nto”? Unokumfundela ivesi 5 no-6 uze umcacisele ukuba zithetha ukuthini. Mbonise ukuba uYehova uqiniseke kakhulu ngento asithembise yona kangangokuba ude abe ngathi uyasayina akugqiba ukuyithetha.—Isa. 65:16.
INGOMA 145 UThixo Usithembisa IParadesi
a Kweli nqaku siza kuthetha ngendlela uYehova asiqinisekise ngayo ukuba iParadesi asithembise yona iza kubakho. Qho sixelela abantu indlela asenze saqiniseka ngayo, nathi sitsho simthembe kakhulu ukuba uza kuzenza izinto asithembise zona.
b Jonga incwadi ethi ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele! iphe. 303-304, isiqe. 8-9.