Ngaba Unomphefumlo Ongafiyo?
Ngaba siyinyama negazi kuphela? Okanye ngaba ikho enye into esenziwe ngayo? Ngaba senzelwe nje ukuba siphile ixeshana size sife emva koko? Okanye ngaba kukho inxalenye ethile kuthi engabonakaliyo eqhubeka iphila emva kokuba sifile?
NANGONA iicawa zehlabathi ziye zafundisa iimfundiso ezininzi ezididayo ngokuphathelele uBomi basemva Kokufa, inkoliso yazo ingqinelana kwinto enye: Kukho into engaphakathi emntwini engafiyo eqhubeka iphila emva kokuba efile. Abantu abaninzi bakholelwa ukuba le ‘nto’ iqhubeka iphila ngumphefumlo. Ukholelwa entwenini wena? Ngaba enye inxalenye yethu yinyama ize enye ibe ngumphefumlo? Yintoni umphefumlo? Ngaba abantu banomphefumlo ongafiyo? Kubaluleke ngokwenene ukuba sazi eyona nyaniso ngeziqu zethu!
“Umntu Ke Waba Ngumphefumlo Ophilayo”
Ngaba ‘umphefumlo’ yinxalenye ephumayo emzimbeni womntu xa esifa ize iqhubeke iphila? Ngokutsho kweHolman Illustrated Bible Dictionary, “umphefumlo ngumntu ngokwakhe.” Ngokomzekelo, iGenesis 2:7 ithi: “UYehova uThixo wabumba umntu ngothuli lomhlaba waza wavuthela impefumlo yobomi emathatheni akhe, umntu ke waba ngumphefumlo ophilayo.” Umntu wokuqala uAdam, wayengumphefumlo.
Nezinye izibhalo ziyayixhasa ingcamango yokuba igama elithi ‘umphefumlo’ linokubhekisela emntwini ngokwakhe. Ngokomzekelo, iBhayibhile ithetha ngomphefumlo osebenzayo. (Levitikus 23:30) Kuthethwa ngomphefumlo ongenamonde, ocaphukayo, ongalaliyo, owoyikayo nodandathekileyo. (ABagwebi 16:16; Yobhi 19:2; INdumiso 119:28; IZenzo 2:43; 1 Tesalonika 5:14) Ibhekisela kumphefumlo njengomntu, eyabaseRoma 13:1 ithi: “Yonke imiphefumlo mayiwathobele amagunya awongamileyo.” Yaye eyoku-1 kaPetros 3:20 ithi: “Ngemihla kaNowa, . . . abantu abambalwa, oko kukuthi, imiphefumlo esibhozo, bathwalwa ngokukhuselekileyo emanzini.” Kwezi zibhalo akukho nto ibonisa ukuba umphefumlo yinto eqhubeka iphila emva kokufa.
Kuthekani ngezilwanyana nezityalo? Ngaba ziyimiphefumlo? Phawula indlela iBhayibhile ekuchaza ngayo ukudalwa kwezilwanyana. UThixo wathi: “Amanzi makanyakazele inyakanyaka yemiphefumlo ephilayo.” Ngosuku olulandelayo lokudala, uThixo wathi: “Umhlaba mawuvelise imiphefumlo ephilayo ngohlobo lwayo, izilwanyana zasekhaya nezinambuzane namarhamncwa omhlaba ngohlobo lwawo.” (Genesis 1:20, 24) Ngoko ke, zonke izidalwa eziphilayo—abantu nezilwanyana—ziyimiphefumlo. EZibhalweni, izityalo azichazwa njengemiphefumlo.
Igama elithi “umphefumlo” lisetyenziswa nangenye ingqiqo. UYobhi 33:22, uthi: “Umphefumlo wayo usondela emhadini, nobomi bayo kwabo babangela ukufa.” Apha, kusetyenziswe igama elithi “umphefumlo” nelithi ‘ubomi’ ngaxeshanye, elinye licacisa intsingiselo yelinye. Ngoko ke, igama elithi “umphefumlo” lisenokubhekisela kubomi obuphilwa ngumntu. Ngenxa yoko, xa iZibhalo zithetha ngeentshaba zikaMoses ezazifuna ukumbulala zithi “amadoda awayezingela umphefumlo wakho.” (Eksodus 4:19) Yaye iBhayibhile ithi ngoYesu Kristu: “UNyana womntu weza . . . ukuze anikele ngomphefumlo [ubomi] wakhe ube yintlawulelo ngenxa yabaninzi.”—Mateyu 20:28.
IBhayibhile ichaza “umphefumlo” ngendlela elula nengaguquguqukiyo. Igama elithi umphefumlo linokubhekisela emntwini, kwisilwanyana okanye kubomi besilwanyana okanye bomntu. Njengoko siza kubona, oku kuyavisisana noko iBhayibhile ithi kuyenzeka emphefumlweni xa umntu esifa.
“Umphefumlo Owonayo—Kuya Kufa Wona”
IBhayibhile ithi: “Umphefumlo owonayo—kuya kufa wona.” (Hezekile 18:4) Umprofeti uEliya owayebandezelekile “wacela ukuba umphefumlo wakhe ufe.” (1 Kumkani 19:4) Ngokufanayo, uYona “waqhubeka ecela ukuba umphefumlo wakhe ufe.” (Yona 4:8) Ewe, umphefumlo uyafa xa umntu esifa; awuqhubeki uphila. Ekubeni umntu engumphefumlo, xa usithi umntu ufile uthetha ukuthi umphefumlo wakhe ufile.
Kodwa ke kuthekani ngeendinyana zeBhayibhile ezithetha ngokuphuma nokubuya komphefumlo? Ngokuphathelele oko kwenzeka kuRakeli ekubelekeni kwakhe unyana, iBhayibhile ithi: “Ngethuba lokuphuma komphefumlo wakhe (kuba wafa) wamthiya igama elinguBhen-oni; kodwa uyise wathi nguBhenjamin.” (Genesis 35:18) Xa ithetha ngokuvuka konyana womhlolokazi, eyoku-1 yooKumkani 17:22 ithi: “UYehova waliphulaphula ilizwi likaEliya [xa wayethandaza], waza umphefumlo womntwana wabuyela kuye waza wabuyela ebomini.” Ngaba ezi ndinyana zibonisa ukuba umphefumlo yinxalenye ethile yomzimba engabonakaliyo, enokuphuma okanye ingene emzimbeni?
Kaloku, khumbula ukuba enye intsingiselo yegama elithi “umphefumlo” “bubomi.” Ngenxa yoko, xa kusithiwa umphefumlo kaRakeli waphuma kuthethwa ukuba ubomi bakhe bafikelela esiphelweni. Eneneni, kwezinye iiBhayibhile ibinzana elithi ‘ukuphuma komphefumlo wakhe’ liguqulelwa ngokuthi “ukuphela kobomi bakhe” (ngokweKnox) nokuthi “waphefumla okokugqibela” (ngokweJerusalem Bible). Ngokufanayo, ngokuphathelele unyana womhlolokazi, into eyabuyela kule nkwenkwe bubomi.—1 Kumkani 17:23.
Oko Umntu Akuko
IBhayibhile ichaza ngokucacileyo oko umntu akuko. Akanamphefumlo; ungumphefumlo. Ngenxa yoko, ithemba ngabo bafileyo luvuko. IBhayibhile ithembisa oku: “Musani ukumangaliswa koku, kuba liyeza ilixa ekuya kuthi ngalo bonke abo bakumangcwaba enkumbulo balive ilizwi [likaYesu] baze baphume, abo benze izinto ezilungileyo beze kuvuko lobomi, abo baqhelisele izinto ezimbi kuvuko lomgwebo.” (Yohane 5:28, 29) Elo themba liqinisekileyo lovuko—kungekhona imfundiso yomphefumlo ongafiyo—sisiseko sethemba lokwenene ngabo bafileyo.
Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukufumana ulwazi oluchanileyo ngokuphathelele uvuko nentsingiselo yalo kuluntu! Enye into ebalulekileyo kukwazi uThixo noKristu, kuba emthandazweni wakhe uYesu wathi: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.” (Yohane 17:3) AmaNgqina kaYehova akummandla ohlala kuwo aya kukuvuyela ukukunceda ufundisise iBhayibhile ukuze wandise ulwazi lwakho ngoThixo, uNyana wakhe nezithembiso zakhe. Sicela ukuba uqhagamshelane namaNgqina okanye ubhalele abapapashi beli phephancwadi.
[Imifanekiso ekwiphepha 4]
Yonke le yimiphefumlo
[Inkcazelo]
Goat: CNPC—Centro Nacional de Pesquisa de Caprinos (Sobral, CE, Brasil)