Sondela KuThixo
“UYehova Yena Ubona Oko Ikuko Intliziyo”
INKANGELEKO iyakhohlisa. Into abonakala eyiyo umntu ngaphandle ayibonisi oko akuko entliziyweni. Abantu badla ngokujonga imbonakalo. Okuvuyisayo kukuba uYehova uThixo ujonga ngaphaya kwembonakalo. Oku kuchazwa kakuhle kwincwadi yoku-1 kaSamuweli 16:1-12.
Yiba nomfanekiso ngqondweni wesi siganeko. Sele kumbovu ukuba uYehova athambise ukumkani omtsha wohlanga lwakwaSirayeli. UThixo uthi kumprofeti uSamuweli: “Ndiya kukuthumela kuYese waseBhetelehem, ngenxa yokuba ndizilungiselele ukumkani phakathi koonyana bakhe.” (Ivesi 1) UYehova akalixeli igama lalo kumkani kodwa uthi ngomnye woonyana bakaYese. Njengoko esiya eBhetelehem, mhlawumbi uSamuweli uyazibuza ukuba ‘Kazi ndiya kumazi njani unyana kaYese okhethwe nguYehova?’
Xa efika eBhetelehem, uSamuweli wenzela uYese noonyana bakhe umbingelelo. Xa uEliyabhi oyena nyana mkhulu kaYese engena, uSamuweli uyithanda kakhulu inkangeleko yakhe. USamuweli uthi akubona isithomo sakhe acinge ukuba kuyamfanela ukuba ngukumkani, yaye uthi ngaphakathi: “Ngokuqinisekileyo othanjisiweyo wakhe uphambi koYehova.”—Ivesi 6.
Noko ke, uYehova akaboni ngolo hlobo. Uthi kuSamuweli: “Musa ukukhangela imbonakalo yakhe nokuphakama kwesithomo sakhe, kuba ndimgatyile.” (Ivesi 7) UYehova akathabatheki bubude nobuhle bukaEliyabhi. Amehlo kaYehova abona obona buhle bokwenene, obufumaneka ngaphaya kwenkangeleko.
UYehova uthi kuSamuweli: “Kuba indlela abona ngayo umntu asiyondlela abona ngayo uThixo, ngenxa yokuba umntu nje ubona okubonakalayo emehlweni; kodwa uYehova yena, ubona oko ikuko intliziyo.” (Ivesi 7) Yintliziyo yomntu—into ayiyo ngaphakathi, umthombo weengcinga, isimo sengqondo kunye neemvakalelo—ebalulekileyo kuYehova. “Umgocagoci weentliziyo” uyamgatya uEliyabhi—kunye nabanye oonyana abathandathu bakaYese abeziswa kuSamuweli.—IMizekeliso 17:3.
Kusekho omnye unyana kaYese ongoyena mncinane, uDavide yaye ‘udlisa izimvu edlelweni.’ (Ivesi 11) Ngoko uDavide uyabizwa aze eze kuSamuweli. Xa efika, uYehova uthi kuSamuweli: “Sukuma, mthambise, kuba nguye lo!” (Ivesi 12) Ewe kona, uDavide ‘ngumfana onamehlo amahle noyinzwana ngembonakalo.’ Kodwa ke yintliziyo yakhe emenza athandwe nguThixo.—1 Samuweli 13:14.
Kweli hlabathi elibugxininisa kakhulu ubuhle bangaphandle, kusikhuthaza kakhulu ukwazi ukuba uYehova uThixo akathabatheki yinkangeleko yangaphandle. Kuye akwenzi mahluko ukuba abanye bakujonga njengenzwana okanye inzwakazi. Into ebalulekileyo kuYehova yile uyiyo ngaphakathi entliziyweni. Ukwazi le nto kufanele kukwenze ufune ukuhlakulela iimpawu eziya kukwenza uthandwe nguThixo.