-
“Ziyolise Ngokugqibeleleyo NgoYehova”IMboniselo—2003 | Disemba 1
-
-
“Musa Ukubamonela”
3, 4. UDavide ulumkisa athini kwiNdumiso 37:1, yaye kutheni kufanelekile ukusithobela eso silumkiso namhlanje?
3 Siphila ‘kumaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo,’ yaye ububi bandile. Sikubonile ukuzaliseka kwamazwi ompostile uPawulos athi: “Abantu abangendawo namabhedengu baya kuhambela phambili ebubini, belahlekisa yaye belahlekiswa.” (2 Timoti 3:1, 13) Hayi indlela ekulula ngayo ukuphenjelelwa kukubona ngathi abantu abangendawo bayaphumelela yaye baba zizityebi! Konke oko kunokusiphazamisa, kusenze singazinzi ngokomoya. Phawula indlela amazwi okuvula eNdumiso 37 asilumkisa ngayo ngengozi enokwenzeka: “Musa ukuzibonisa uvutha ngumsindo ngenxa yabenzi bobubi. Musa ukubamonela abo benza okungebobulungisa.”
4 Amajelo eendaba mihla le asixelela ngabantu abenza okungekho sikweni. Oosomashishini abangathembekanga bayaqhatha baze bangabanjwa. Izaphuli-mthetho zixhaphaza abangalumkanga. Ababulali ababanjwa okanye bohlwaywe. Xa sibona okungekho sikweni okunjalo kusenokusicaphukisa kuze kusiphange uxolo lwengqondo. Ukubonakala ngathi abangendawo bayaphumelela kusenokude kusenze sibamonele. Kodwa ngaba ukucaphuka kwethu kuya kuzilungisa izinto? Ngaba ukubamonela abangendawo xa kubonakala ngathi bayaphumelela kuyayiguqula into abaya kujamelana nayo ekugqibeleni? Nakanye! Yaye asikho nesincinane isizathu sokuba ‘sivuthe ngumsindo.’ Ngoba?
-
-
“Ziyolise Ngokugqibeleleyo NgoYehova”IMboniselo—2003 | Disemba 1
-
-
6. Yintoni esiyifundayo kwiNdumiso 37:1, 2?
6 Ngaba ke ngoko, sifanele sizikhathaze ngobutyebi abantu abangendawo ababufumene ngamaqhinga? Nasi isifundo esikwiindinyana zokuqala ezimbini kwiNdumiso 37: Musa ukuvumela impumelelo yabo ikuphambukise kwikhondo olinyulileyo lokukhonza uYehova. Kunoko, nikela ingqalelo kwiintsikelelo nakusukelo lokomoya.—IMizekeliso 23:17.
-