-
UYehova Uzibalile “Kwaneenwele Ezi Zentloko Yenu”IMboniselo—2005 | Agasti 1
-
-
“Iinyembezi Zam Zifake Kwintsuba Yakho”
12. Sazi njani ukuba uYehova uziqonda kakuhle iimbandezelo abatyhubela kuzo abakhonzi bakhe?
12 UYehova akapheleli nje ekubazini abakhonzi bakhe, kodwa uziqonda kakuhle neembandezelo atyhubela kuzo ngamnye kubo. Ngokomzekelo, xa amaSirayeli ayecinezelwe ebukhobokeni, wathi kuMoses: “Ngokungathandabuzekiyo ndiyibonile inkxwaleko yabantu bam abaseYiputa, yaye ndisivile isikhalo sabo ngenxa yabo babaqweqwedisayo emsebenzini; kuba ndiyazi kakuhle intlungu yabo.” (Eksodus 3:7) Hayi indlela ekuthuthuzela ngayo ukwazi ukuba xa sinyamezele izilingo, uYehova uyakubona oko aze akuve ukukhala kwethu! Akasuki nje avale amehlo akhe xa sibandezeleka.
13. Yintoni ebonisa ukuba uYehova ubakhathalela ngokwenene abakhonzi bakhe?
13 Indlela abakhathalela ngayo abakhonzi bakhe uYehova, inokubonwa kakuhle kwindlela awavakalelwa ngayo ngamaSirayeli. Nakuba iingxaki zawo zazisoloko zibangelwa kukungeva kwawo, uIsaya wathi ngoYehova: “Ebudeni bokubandezeleka kwabo konke wabandezeleka.” (Isaya 63:9) Njengomkhonzi othembekileyo kaYehova, unokuqiniseka ukuba xa usentlungwini noYehova uba sentlungwini. Ngaba oko akukwenzi ube nenkalipho yokujamelana nobunzima nokuba uqhubeke usenza konke okusemandleni ukuze umkhonze?—1 Petros 5:6, 7.
14. Yaqanjwa phantsi kwaziphi iimeko INdumiso 56:8?
14 Ukuqiniseka kukaKumkani uDavide ekubeni uYehova uyamnyamekela nokuba umkhathalele kungqinwa yiNdumiso 56, awayiqamba ngoxa wayebaleka umbulali uKumkani uSawule. UDavide wabalekela eGati, kodwa woyika ukubanjwa xa waziwayo ukuba ungubani ngamaFilisti. Wabhala wathi: “Iintshaba zam ziqhubeka zindingqavula imini yonke, kuba baninzi abalwa nam beziphakamisile.” Ngenxa yokuba sesichengeni kwakhe, uDavide wathembela kuYehova. Wathi: “Imini yonke baqhubeka bephazamisa imicimbi yam yobuqu. Zonke iingcinga zabo zibububi nxamnye nam.”—INdumiso 56:2, 5.
15. (a) Wayethetha ukuthini uDavide xa wacela uYehova ukuba afake iinyembezi zakhe kwintsuba okanye encwadini? (b) Yintoni esinokuqiniseka ngayo xa sinyamezela iimvavanyo zokholo?
15 Njengokuba INdumiso 56 ibonisa: uDavide utsho la mazwi achukumisayo: “Ukubhaca kwam wena ukuxelile. Iinyembezi zam zifake kwintsuba yakho. Ngaba azikho encwadini yakho?” Enjani ukuchukumisa indlela achaza ngayo inyameko anayo uYehova! Xa sixinezelekile, sinokukhalela kuYehova. Kwanendoda efezekileyo uYesu yakhala. (Hebhere 5:7) UDavide wayeqinisekile ukuba uYehova uyambona nokuba uya kuyikhumbula intlungu akuyo, ngokungathi ugcina iinyembezi zakhe kwintsuba okanye uzibhala encwadini.d Kungenzeka uvakalelwa ukuba nezakho iinyembezi zinokuzalisa intsuba okanye amaphepha aloo ncwadi. Ukuba kunjalo, unokuthuthuzelwa kukuva oku. IBhayibhile isiqinisekisa ithi: “UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo; yaye abo bamoya utyumkileyo uyabasindisa.”—INdumiso 34:18.
-
-
UYehova Uzibalile “Kwaneenwele Ezi Zentloko Yenu”IMboniselo—2005 | Agasti 1
-
-
d Mandulo, iintsuba zazisenziwa ngeemfele zegusha, ezebhokhwe nezenkomo. Kwakugcinwa kuzo ubisi, ibhotolo, itshizi, okanye amanzi. Xa zisukwe kakuhle kwakugcinwa kuzo ioli okanye iwayini.
-