“Ungayami Ngokwakho Ukuqonda”
“Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda.”—IMIZE. 3:5.
1, 2. (a) Ziziphi iimeko esinokujamelana nazo? (b) Xa sijongene noxinezeleko, sisenza isigqibo, okanye sixhathisa isilingo, ngubani esimele sithembele ngaye, yaye ngoba?
UMQESHI kaCynthiaa sele ewavalile amanye amacandelo enkampani yakhe yaye udende abaqeshwa abaliqela. Uboya bukaCynthia abulali, uvakalelwa kukuba naye uyalandela. Uza kuqala ngaphi xa ephelelwa ngumsebenzi? Uza kuwahlawula ngantoni wona amatyala? Udade ongumKristu ogama linguPamela ufuna ukufudukela kwindawo ekukho imfuneko yabavakalisi boBukumkani abangakumbi, kodwa ngaba ufanele ayenze loo nto? Umfana ogama linguSamuel uxhalabele into eyahlukileyo. Waqala ukubona imifanekiso engamanyala eselula kakhulu. Ngoku uSamuel sele enama-20 eminyaka ubudala yaye ulwa notyekelo olunamandla lokubuyela kuloo mkhwa. Unokuluxhathisa njani?
2 Ukholosa ngabani xa ujamelene neemeko ezixinezelayo, xa usenza izigqibo ezibalulekileyo okanye xa uxhathisa izilingo? Ngaba uye uzithembe gqitha, okanye uye ‘ulahlele umthwalo wakho kuYehova’? (INdu. 55:22) IBhayibhile ithi: “Amehlo kaYehova akumalungisa, neendlebe zakhe zibhekiswe ekukhaleleni kwawo uncedo.” (INdu. 34:15) Kubaluleke ngokwenene ukuba sithembele ngoYehova ngayo yonke intliziyo size singayami ngokwethu ukuqonda!—IMize. 3:5.
3. (a) Kubandakanya ntoni ukuthembela ngoYehova? (b) Kutheni abanye besenokutyekela ekukholoseni ngokwabo ukuqonda?
3 Ukuthembela ngoYehova ngentliziyo epheleleyo kuquka ukwenza izinto ngendlela yakhe, ngokuvisisana nokuthanda kwakhe. Eyona nto ibalulekileyo ukuze senze loo nto, kukuqhubeka sisondela kuye ngomthandazo nokumcela ngokusuka emazantsi eentliziyo zethu ukuba asikhokele. Kodwa ke, ukuthembela ngokupheleleyo ngoYehova kulucelomngeni kubantu abaninzi. Ngokomzekelo, udade ongumKristu uLynn uthi, “Ukufunda ukukholosa ngoYehova ngokupheleleyo bekusoloko kuyeyona nto indinzimelayo.” Ngoba? Uthi: “Andisondelelananga notata yaye nomama akazange andinyamekele ngokweemvakalelo okanye ngokwenyama. Ngoko ndakhawuleza ndafunda ukuzimela ngenkqay’ elangeni.” Indlela uLynn awakhuliswa ngayo yenza kube nzima ukubathemba abantu. Ubuchule obuthile nempumelelo zinokwenza umntu axhomekeke kwisiqu sakhe ngokupheleleyo. Ethembele ngamava akhe, umdala unokusuka enze izinto ezibandakanya ibandla ngentlok’ ukuthamba engakhange athandaze kuThixo.
4. Yintoni eza kuxutyushwa kweli nqaku?
4 UYehova ulindele ukuba senze umgudu onyanisekileyo wokuphila ngokuvisisana nemithandazo yethu size senze ukuthanda kwakhe. Ngoko ke, sinokulungelelana njani xa kusiziwa kumba wokulahlela amaxhala ethu kuye nokwenza umgudu wokulungisa iingxaki ezinzima? Xa kufuneka senze izigqibo, yintoni esifanele siyilumkele? Kutheni umthandazo ubalulekile xa sizama ukuxhathisa izilingo? Ukuze sixubushe le mibuzo, siza kuhlola imizekelo eseZibhalweni.
Xa Uxinezelekile
5, 6. Wasabela njani uHezekiya xa wayesongelwa ngukumkani waseAsiriya?
5 Ngokuphathelele uKumkani uHezekiya wakwaYuda, iBhayibhile ithi: “Waqhubeka enamathele kuYehova. Akazange aphambuke ekumlandeleni, kodwa waqhubeka eyigcina imiyalelo uYehova awayeyiyalele uMoses.” Eneneni, “wayekholose ngoYehova uThixo kaSirayeli.” (2 Kum. 18:5, 6) Wasabela njani uHezekiya xa uKumkani uSenaribhe waseAsiriya wathumela abameli bakhe—kuquka uRabheshake—ukuba baye eYerusalem kunye nomkhosi onamandla wemfazwe? Lo mkhosi unamandla waseAsiriya wawusele uthimbe izixeko zakwaYuda ezinqatyisiweyo eziliqela, yaye uSenaribhe wayekulindele ngamehlw’ abomvu ukufumana iYerusalem. UHezekiya waya endlwini kaYehova waza wathandaza wathi: “Khawuncede usisindise Yehova Thixo wethu, esandleni sakhe, ukuze zonke izikumkani zomhlaba zazi ukuba wena Yehova nguwe wedwa uThixo.”—2 Kum. 19:14-19.
6 UHezekiya wenza ngokuvisisana nomthandazo wakhe. Kwanangaphambi kokuya kuthandaza etempileni, wayalela abantu ukuba bangazihoyi izigculelo zikaRabheshake. UHezekiya wathumela negqiza kumprofeti uIsaya, ecel’ icebiso lakhe. (2 Kum. 18:36; 19:1, 2) UHezekiya wathatha amanyathelo awayefanele awathathe. Kwesi sihlandlo, akazange azame isicombululo esingqubana nokuthanda kukaYehova ngokuya kufuna inkxaso eYiputa okanye kwiintlanga ezazibangqongile. Kunokuba ayame ngokwakhe ukuqonda, uHezekiya wathembela ngoYehova. Emva kokuba ingelosi kaYehova ixabele amadoda omkhosi kaSenaribhe ali-185 000, uSenaribhe “wanduluka” waza wabuyela eNineve.—2 Kum. 19:35, 36.
7. Inokusithuthuzela njani imithandazo kaHana noYona?
7 UHana, umfazi womLevi uElikana, wathembela ngoYehova xa wayexinezelekile ngenxa yokungafumani bantwana. (1 Sam. 1:9-11, 18) Umprofeti uYona wahlangulwa esiswini sentlanzi enkulu awathi emva koko wathandaza esithi: “Ekubandezelekeni kwam ndamemeza kuYehova, yaye wandiphendula. Ndakhalela uncedo ndisesiswini seShiyol. Waliva ilizwi lam.” (Yona 2:1, 2, 10) Kuthuthuzela ngokwenene ukwazi ukuba, enoba imeko yethu imaxongo kangakanani na, sinako ukukhalela kuYehova ‘ngesicelo sobabalo’!—Funda iNdumiso 55:1, 16.
8, 9. Ziintoni ezazixhalatyelwe nguHezekiya, uHana noYona abazivakalisa kwimithandazo yabo, yaye sifunda ntoni koku?
8 Umzekelo kaHezekiya, uHana noYona usifundisa nento ebalulekileyo ephathelele oko singafanele sikulibale njengoko sithandaza siphantsi kwengcinezelo. Bobathathu babandezeleka ngenxa yeemeko ezinzima ababejamelana nazo. Sekunjalo, imithandazo yabo ibonisa ukuba babengaxhalabelanga iziqu zabo nokufumana isiqabu kwiingxaki zabo kuphela. Eyona nto yayibaluleke kakhulu kubo yayiligama likaThixo, unqulo lwakhe nokwenziwa kokuthanda kwakhe. Yayimkhathaza uHezekiya into yokubona igama likaYehova ligculelwa. UHana wathembisa ukunikela kanye ngalo nyana wayemfuna kunene ukuba akhonze emnqubeni eShilo. Yaye uYona wathi: “Oko ndikubhambathisileyo, ndiza kukufezekisa.”—Yona 2:9.
9 Xa sithandazela ukuhlangulwa kwingxaki esikuyo, kububulumko ukuhlola ezona ntshukumisa zethu. Ngaba eyona nto iphambili kukufumana isiqabu kuloo ngxaki, okanye ngaba sihlala sicinga ngoYehova nangenjongo yakhe? Xa sibandezeleka kunokuba lula ukunikel’ ingqalelo kwingxaki yethu kangangokude sizilibale izinto zokomoya. Xa sicela uncedo kuThixo ngomthandazo, masinikele ingqalelo yethu kuYehova, ukungcwaliswa kwegama lakhe nokuthethelelwa kolongamo lwakhe. Ukwenza oko kunokusinceda singatyhafi enoba kubonakala ngathi ingxaki yethu ayide iconjululwe. UThixo usenokuyiphendula imithandazo yethu ngokusinika amandla okunyamezela imeko esikuyo.—Funda uIsaya 40:29; namaFilipi 4:13.
Xa Usenza Izigqibo
10, 11. Wenza ntoni uYehoshafati xa wajamelana nemeko awayengazi ukuba ayisingathe njani?
10 Uzenza njani izigqibo ezibalulekileyo ebomini? Ngaba mhlawumbi uqala wenze isigqibo uze ulandelise ngokuthandaza kuYehova, ucela ukuba asisikelele? Cinga ngoko kwenziwa nguYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, xa imikhosi edibeneyo yamaMowabhi nama-Amoni yeza kuvusa imfazwe nxamnye naye. UYuda wayengenamandla aneleyo okulwa nayo. Wayeza kwenza ntoni ke uYehoshafati?
11 IBhayibhile ithi: “Woyika uYehoshafati wazimisela ukuba afune uYehova.” Wabhengeza ukuba kuzilwe ukutya nguye wonke uYuda waza wabaqokelela abantu ukuze “babuze kuYehova.” Emva koko wema ebandleni lakwaYuda nelaseYerusalem wathandaza. Inxalenye yomthandazo wakhe ithi: “Owu Thixo wethu, akuyi kuphumeza umgwebo na phezu kwabo? Kuba asinamandla phambi kwesi sihlwele sikhulu esiza nxamnye nathi; yaye thina asikwazi oko simele sikwenze, kodwa amehlo ethu akhangele kuwe.” UThixo wenene wawuva umthandazo kaYehoshafati waza wamhlangula ngokungummangaliso. (2 Kron. 20:3-12, 17) Xa sisenza izigqibo, ingakumbi ezo zinokuchaphazela ulwalamano lwethu noThixo, ngaba asimele sikholose ngoYehova kunokuba sayame ngokwethu ukuqonda?
12, 13. Nguwuphi umzekelo owamiselwa nguKumkani uDavide mayela nokwenza izigqibo?
12 Yintoni esifanele siyenze xa sijamelana neemeko ekubonakala kulula ukuzilungisa—mhlawumbi ngenxa yokuba amava esinawo enza sikwazi ukufumana isicombululo ngokukhawuleza? Kukho ingxelo ebandakanya uKumkani uDavide esenza sikhanyelwe kulo mba. Xa ama-Amaleki ahlasela isixeko sakwaTsikelage, emka nabafazi nabantwana bakaDavide nabo bamadoda akhe. UDavide wabuza kuYehova, esithi: “Ndiwasukele na la matutu?” UYehova waphendula wathi: “Sukela, kuba nakanjani na uya kuwafumana, yaye nakanjani na uya kuhlangula.” UDavide wathobela, waza ‘wakuhlangula konke oko ama-Amaleki ayekuthabathile.’—1 Sam. 30:7-9, 18-20.
13 Emva kwexesha elithile ama-Amaleki ehlasele, amaFilisti alwa nxamnye namaSirayeli. UDavide waphinda wabuza kuYehova waza wafumana impendulo ecacileyo. Wathi uThixo: “Nyuka, kuba nakanjani na ndiya kuwanikela amaFilisti esandleni sakho.” (2 Sam. 5:18, 19) Kwathi kungekabiphi emva koko, amaFilisti aphinda aqulela imfazwe nxamnye noDavide. Wayeza kwenza ntoni ke ngesi sihlandlo? Wayesenokuqiqa ngelithi: ‘Ndikhe ndajamelana nemeko efana nale kwada kwakabini. Mandiye kulwa neentshaba zikaThixo, njengoko ndenzayo ngaphambili.’ Okanye ngaba uDavide wayeza kufuna ulwalathiso lukaYehova? UDavide akazange athembele kumava akhe. Waphinda wathandaza kuYehova. Kumele ukuba wavuya ngokwenene ngokwenjenjalo! Kodwa ke, ngesi sihlandlo wafumana imiyalelo eyahlukileyo. (2 Sam. 5:22, 23) Xa sikwimeko okanye ingxaki efanayo, sifanele sichul’ ukunyathela ukuze singakholosi ngamava esinawo.—Funda uYeremiya 10:23.
14. Sifunda ntoni kwindlela uYoshuwa namadoda amakhulu akwaSirayeli awaqhubana ngayo namaGibheyon?
14 Ekubeni singafezekanga, sonke—nkqu nabadala abanamava—sifanele singaze silibale ukucela uYehova asikhokele xa sisenza izigqibo. Khawucinge ngendlela uYoshuwa namadoda amakhulu akwaSirayeli awasabela ngayo xa kwafika amaGibheyon alumkileyo awenza ngathi asuka kwilizwe elikude. Engakhange abuze uYehova, uYoshuwa namanye amadoda enza uxolo namaGibheyon, esenza umnqophiso nawo. Nangona uYehova wada wasixhasa eso sivumelwano, waqiniseka ukuba le ngxelo yokungalufuni ukhokelo lwakhe iyafakwa kwiZibhalo ukuze singenelwe kuyo.—Yosh. 9:3-6, 14, 15.
Xa Uzama Ukuxhathisa Izilingo
15. Khawuchaze isizathu sokuba umthandazo ubalulekile ekuxhathiseni izilingo.
15 Kuba ‘sinomthetho wesono’ emalungwini ethu, kufuneka silwe ngamandla notyekelo lwesono. (Roma 7:21-25) Lo ngumlo esinako ukuwuphumelela. Njani? UYesu waxelela abalandeli bakhe ukuba umthandazo ubalulekile ukuze uxhathise izilingo. (Funda uLuka 22:40.) Enoba iminqweno okanye iingcamango ezimbi ziqhubeka zikho emva kokuthandaza kuThixo, sifanele ‘siqhubeke sicela ubulumko kuThixo’ ukuze sikwazi ukumelana nolu vavanyo. Siqinisekiswa ukuba “unika bonke ngesisa, engangcikivi.” (Yak. 1:5) UYakobi uthi: “Ngaba kukho nabani na ogulayo [ngokomoya] phakathi kwenu? Makabizele kuye amadoda amakhulu ebandla, aze wona amthandazele, amthambise ngeoli egameni likaYehova. Yaye umthandazo wokholo uya kumphilisa lowo ungaphilanga.”—Yak. 5:14, 15.
16, 17. Xa sifuna uncedo lokuxhathisa isilingo, liliphi elona xesha lifanelekileyo lokuthandaza?
16 Umthandazo ubalulekile xa sixhathisa izilingo, kodwa sifanele siyiphaphele imfuneko yokuthandaza ngexesha elililo. Cinga ngemeko yomfana othile ochazwa kwiMizekeliso 7:6-23. Ngexesha langorhatya, uhamba kwisitrato esihlala umfazi oziphethe vakalala. Elahlekiswe bubuciko bakhe yaye elukuhlwe kukuguda kwemilebe yakhe, uyamlandela, njengenkunzi yenkomo isiya ekuxhelweni. Kwakutheni ukuze lo mfana aye apho? Ekubeni ‘wayeswele intliziyo,’ okanye engenamava, mhlawumbi wayelwisana neminqweno emibi. (IMize. 7:7) Liliphi ixesha elililo awayenokuncedwa ngalo ngumthandazo? Kakade ke, ukuthandazela ukuxhathisa isilingo nangaliphi na ixesha esengxakini kwakuya kumnceda. Kodwa elona xesha lililo awayenokuthandaza ngalo, sisihlandlo sokuqala awacinga ngaso ukuya kweso sitrato.
17 Namhlanje, indoda inokuzama nzima ukuxhathisa umkhwa wokubukela amanyala. Noko ke, masithi ivula iiwebhsayithi zeInternet ezaziyo ukuba zinemifanekiso neevidiyo ezingcolileyo. Ngaba imeko yayo ayinakufana naleyo yomfana ekuthethwa ngaye kwiMizekeliso isahluko 7? Elo khondo inokuba lelona liyingozi umntu anokuhamba ngalo! Ukuze umntu axhathise isilingo sokubukela amanyala, ufanele afune uncedo lukaYehova ngomthandazo ngaphambi kokusebenzisa i-Internet.
18, 19. (a) Kutheni kunokuba lucelomngeni ukuxhathisa isilingo, kodwa unokuphumelela njani ekoyiseni olo celomngeni? (b) Yintoni ozimisele ukuyenza?
18 Ukuxhathisa izilingo okanye ukoyisa imikhwa emibi akukho lula. Umpostile uPawulos wathi: “Iminqweno yenyama inxamnye neyomoya, ukanti neyomoya inxamnye neyenyama.” Ngoko ke, ‘asizenzi izinto esisukuba sizithanda.’ (Gal. 5:17) Ukuze silwe nolu celomngeni, sifanele sithi xa siqala ukufikelwa ziingcamango okanye izilingo, sithandaze ngamandla size senze ngokuvisisana nemithandazo yethu. “Akukho sihendo sinibambileyo ngaphandle koko kuqhelekileyo ebantwini,” yaye ngoncedo lukaYehova, sinako ukuhlala sithembekile kuye.—1 Kor. 10:13.
19 Enoba sijongene nemeko enzima, senza isigqibo esibalulekileyo, okanye sizama ukuxhathisa isilingo, uYehova usinike isipho esimangalisayo—ilungiselelo elixabisekileyo lomthandazo. Xa silisebenzisa, siya kubonisa ukuba sithembele ngaye. Sifanele siqhubeke siwucela umoya oyingcwele kaThixo, osikhokelayo nosomelezayo. (Luka 11:9-13) Ngandlela zonke, masithembele kuYehova size singayami ngokwethu ukuqonda.
[Umbhalo osemazantsi]
a Amagama atshintshiwe.
Ngaba Uyakhumbula?
• Ufunde ntoni kuHezekiya, uHana noYona mayela nokuthembela kuYehova?
• Umzekelo kaDavide noYoshuwa ukugxininisa njani ukubaluleka kokuba silumke xa sisenza izigqibo?
• Kunini apho sifanele ngokukhethekileyo sithandazele izilingo?
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Xa sixhathisa isilingo, kunini apho umthandazo unokusinceda khona?