IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • “Yibani Ngabaxelisa UThixo” Ekusebenziseni Kwenu Igunya
    Sondela KuYehova
    • 10. (a) Liliphi igunya uThixo alinike abazali? (b) Lithetha ukuthini igama elithi ‘uqeqesho,’ yaye lufanele lunikelwe njani? (Bona kwanombhalo osemazantsi.)

      10 Kwakhona abazali banegunya abalinikwe nguThixo. IBhayibhile ibongoza isithi: “Boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu, kodwa qhubekani nibakhulisela kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.” (Efese 6:4) EBhayibhileni, igama elithi ‘uqeqesho’ lisenokuthetha “ukukhulisa, ukuyalela.” Abantwana kufuneka baqeqeshwe; bayaphumelela xa benikwa ulwalathiso, imida nemiqathango engqalileyo. IBhayibhile ilunxulumanisa uqeqesho okanye imiyalelo elolo hlobo kunye nothando. (IMizekeliso 13:24) Ngoko, “intonga yengqeqesho” ayifanele isetyenziswe kakubi—ngokweemvakalelo okanye ngokwasemzimbeni.a (IMizekeliso 22:15; 29:15) Uqeqesho olungqongqo nolungqwabalala olungenalo uthando lukukulisebenzisa kakubi igunya lobuzali yaye luyamdakumbisa umntwana. (Kolose 3:21) Kwelinye icala, uqeqesho olulungeleleneyo olunikelwa ngendlela efanelekileyo lunika abantwana ingcamango yokuba abazali babo bayabathanda yaye balikhathalele ikamva labo.

  • “Yibani Ngabaxelisa UThixo” Ekusebenziseni Kwenu Igunya
    Sondela KuYehova
    • a Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “intonga” lalithetha induku, enjengaleyo yayisetyenziswa ngumalusi ukwalathisa izimvu. (INdumiso 23:4) Ngokufanayo, “intonga” yegunya labazali ifanele ibe lulwalathiso lothando, kungekhona isohlwayo esingqwabalala okanye senkohlakalo.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share