“Hlala Umkhumbula UMdali Wakho”
“Hlala umkhumbula uMdali wakho ngoxa uselula! Kwiminyaka ezayo, uya konganyelwa ziingxaki uze uthi, ‘Andisabunandiphi ubomi.’”—INtshumayeli 12:1, “ngokweContemporary English Version.”
LE NDINYANA yeBhayibhile ingasentla ibangela ubani azikise ukucinga. Ixesha lobutsha lifika kube kanye. Kamva, xa ucinga ngexesha owawufikisa ngalo, mhlawumbi uya kuziva wanelisekile okanye uzisole. Iya kuba njani eyakho imeko? Ungenza njani ukuze izinto zihambe ngendlela ofuna ngayo?
“Hlala umkhumbula uMdali wakho,” ibongoza njalo iBhayibhile njengoko kucatshulwe ngasentla. Unokukwenza njani oko? Ngokubambelela kwimithetho nemigaqo kaThixo eseLizwini lakhe, iBhayibhile. Oku akuthethi kuthi ufanele ube nenzondelelo yonqulo engaphaya kwengqondo, uzibandeze ulonwabo. Ngokwahlukileyo koko, xa uhlala umkhumbula uMdali wakho uya konwaba ngeyona ndlela ingathethekiyo. Kunokwenzeka njani oko?
Masithi ngokomzekelo unikwe inqwelo-mafutha nephepha-mvume lokuqhuba. Ngoku ufumene inkululeko ebangel’ imincili, enokukubangela wonwabe ngendlela engathethekiyo. Khawucinge ngeendawo onokuya kuzo! Noko ke, le nkululeko osandul’ ukuyifumana ihambisana nembopheleleko. Xa uqhuba umele uthobele imithetho yendlela, unikele ingqalelo kwimiqondiso yendlela, isantya omele uhambe ngaso nezilumkiso. Ngaba le mbopheleleko ibangela ukuba ungakunandiphi ukuqhuba? Akunjalo konke konke! Eneneni, iyakukhusela. Ngokuqinisekileyo, akukho nto ivuyisayo ngokwehlelwa yingozi, akunjalo na?
Kuyafana ke nangenkululeko oyinikwe nguMdali wakho, uYehova uThixo. Njengoko ukhula, ukunika inkululeko yokuzikhethela indlela ofuna ukuphila ngayo. (Duteronomi 30:19; IMizekeliso 27:11) Elinjani lona ilungelo! Kodwa loo nkululeko ihambisana nembopheleleko enzulu. ELizwini lakhe, uYehova umisele ‘imithetho yendlela’—imilinganiselo afuna uphile ngayo. Ngaba le milinganiselo ibangela ukuba ungonwabi? Akunjalo! Kunoko, iyakukhusela kwintlungu ethwaxa ulutsha oluninzi namhlanje.
UFederico, ngoku okwiminyaka yama-30, ukwazi kakuhle oko. Ngoxa wayesengumfana, wabona abo wayefunda nabo besenza zonke izinto awayesazi ukuba ufanele aziphephe. Uthi: “Babebonakala bonwabile kodwa andizange ndicinge ukuba bonwabile ngokwenene.” Xa ejonga emva, uFederico uyavuya ngenxa yemigaqo yeBhayibhile eyayimkhokela ebudeni bexesha lokufikisa kwakhe. Uthi: “Ewe, ndandinazo iingxaki njengaye nawuphi na umntu osemtsha. Kodwa iBhayibhile yandikhusela ngokwenene. Namanye amaKristu ayesoloko endinceda. Ukuphila ngemigaqo yeBhayibhile kundizisele ulonwabo olungathethekiyo!”
UYehova uThixo ufuna wonwabe—wonwabe ngokwenene. Oko akuthethi nje ulonwabo lwenkwalambisa olufihla unxunguphalo onalo ngaphakathi. IBhayibhile ithi: “Linandiphe ixesha lobutsha bakho. Yonwaba ngethuba lobutsha bakho.” Kodwa kwaloo ndinyana yeBhayibhile inikela esi silumkiso. Ithi: “Khumbula ukuba uThixo uya kukugweba ngayo nantoni na oyenzayo.”—INtshumayeli 11:9, ngokweToday’s English Version.
Hlala umkhumbula uMdali wakho ngokuyisebenzisa ngobulumko inkululeko akunike yona. Ukuba wenjenjalo, unokuqiniseka ukuba uMdali wakho uya kukukhumbula nawe yaye uya kukunika ulonwabo olungathethekiyo. IBhayibhile ithi: “Intsikelelo kaYehova—yiyo etyebisayo, yaye akongezi ntlungu kuyo.”—IMizekeliso 10:22.
Ukuze ancede abantu abaselula bakwazi ukuhlangabezana neengxaki zokufikisa, amaNgqina kaYehova aye apapasha incwadi enamaphepha angama-320 enomxholo othi Imibuzo Yabantu Abaselula . . . Iimpendulo Eziluncedo. Namhlanje, sele kushicilelwe imibhalo yale ncwadi emalunga nama-34 ezigidi ngeelwimi ezingama-77. Unokuzifumanela owakho umbhalo ngokuqhagamshelana namaNgqina kaYehova akufuphi nawe.
[Imifanekiso ekwiphepha 8, 9]
Ukuze Uphumelele Njengomntu Ofikisayo
Zinike ithuba lokufunda ILizwi likaThixo
Zibhokoxe kubulungiseleli
Luphephe unxulumano olubi
Hlala unxibelelana nabazali bakho
[Inkcazelo]
Brochure cover: Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.