Yakha Intsapho Yakho ‘Ngamazwi Ayolisayo’
MZUZU ngamnye odlulayo uDavid wayephelelwa ngumonde. Elinde umfazi wakhe emotweni, wayemana ejonga ixesha. Sel’ encamile, uDiane waphuma endlwini, akazange akwazi ukuwubamba umsindo wakhe.
Engxola wathi: “Kutheni undibambezela nje?” “Usoloko ushiywa lixesha! Kutheni ungakhe—nokuba yimin’ enye—ugqibe kwangexesha?”
Wasuka wee nyoxo uDiane. Entywizisa, wabaleka wabuyela endlwini. Ngaloo mzuzu, uDavid wayesazi ukuba uyibhudile. Ukugqabhuka kwakhe ngumsindo kwenze izinto zaba mbi nangakumbi. Yintoni anokufan’ ayenze ngoku? Wacima imoto, ephefumlela phezulu waza walandela umkakhe.
Lo mzekelo yinto eqhelekileyo kuwe akunjalo? Ngaba wakhe wafuna ukuwaginyana amazwi akho? Xa sithetha ngaphambi kokuba sicinge, sidla ngokuthetha izinto esidla ngokuzisola ngazo. Ngesizathu esivakalayo, iBhayibhile ithi: “Intliziyo yelungisa iyayicamngca impendulo.”—IMizekeliso 15:28.
Kungangenkankulu ukucinga kakuhle ngaphambi kokuba uthethe, ingakumbi xa unomsindo, usoyika okanye ukhathazekile. Le nto yenzeka kakhulu kumalungu eentsapho zethu, naliphi na ithuba sizama ukuncokola, iimvakalelo zethu ziyasuk’ esihlalweni sisuka sityholane okanye sigxekane. Ngokomphumo, sisuka sibe buhlungu okanye siqhway’ ingxabano.
Sinokwenza njani ukuze senze iimeko zibe bhetele? Sinokwenza njani ukuze singaphoxwa ziimvakalelo zethu? Umbhali weBhayibhile uSolomon unokusinceda.
Cinga Ngento Oyithethayo Nendlela Oyithetha Ngayo
Njengokuba uSolomon umbhali wencwadi yeBhayibhile, yeNtshumayeli wabhala ngendlela obulilize ngayo ubomi, eneemvakalelo ezinzulu ngalo mba. Wathi: “Ndabuthiya ubomi.” Ngasihlandlo sithile wakha wabubiza ngokuba ‘ngamampunge awo amampunge.’ (INtshumayeli 2:17; 12:8) Kodwa incwadi yeNtshumayeli ayisixeleli kuphela ngesimbonono sikaSolomon. Wakubona kungebobulumko ukubhala ngezinto ezimbi kuphela ngobomi. Xa equkumbela incwadi yakhe, uSolomon usixelela ukuba “wafuna ukufumana amazwi ayolisayo nokubhala amazwi achanileyo enyaniso.” (INtshumayeli 12:10) Enye inguqulelo ithi wayezimisele “ukufumana awona mazwi achanekileyo, inyaniso ayindandalazise njengokuba injalo.”—IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996.
USolomon wayesazi ukuba wayemele azilawule iimvakalelo zakhe. Eneneni, wayesoloko ezibuza: ‘Ngaba oko ndiza kukuthetha kuyinyaniso okanye kuchanile? Ukuba ndisebenzisa la magama, ingaba abanye abantu baza kuyoliswa okanye baza kuwamkela?’ Ngokuphanda “amazwi ayolisayo” enyaniso, waphumelela ekulawuleni iingcinga zakhe ukuze zingonganyelwa ziimvakalelo.
Umphumo, wabhala incwadi engayiwayo yaye ngaphezu koko eyaphefumlelwa ngobulumko bukaThixo ngenjongo yobomi. (2 Timoti 3:16, 17) Ngaba indlela uSolomon awubeka ngayo lo mbandela untununtunu inokusinceda sincokole bhetele neentsapho zethu? Makhe siqwalasele le mizekelo.
Funda Ukulawula Iimvakalelo Zakho
Makhe sizekelise, masithi inkwenkwe ivela esikolweni, iphethe iziphumo zeemviwo kwaye ikhangeleka ithe khunubembe. Uyise ukhangela izifundo ezitshonileyo le ntwana. Ngoko nangoko uyise uba ligqabi ngumsindo, ekhumbula iintsuku le nkwenkwe ibingafuni tu ukwenza umsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya. Uyise uziva efuna nje ukuthi kuyo: “Nqenerhandini! Soze ube yinto ebomini ukuba ubetha ngesi singqi!”
Ngaphambi kokuba ayekelele kumsindo wakhe, lo bawo wenza kakuhle ngokuzibuza, ‘Ngaba oko ndikucingayo kuyinyaniso okanye kuchanile?’ Loo mbuzo unokumnceda ahluze iimvakalelo zakhe koko kuyinyaniso. (IMizekeliso 17:27) Ngaba lo nyana wakhe uza kuba ngungantweni ebomini ngenxa nje yokuba etshonile kwisifundo esinye? Ngaba le nkwenkwe livila ummo lo wayo, okanye akawenzi umsebenzi wesikolo ngenxa yokuba engazi ukuba wenziwa njani? IBhayibhile ikubethelela ngokuphindaphindiweyo ukuba nembono elungeleleneyo nesengqiqweni ngezinto. (Tito 3:2; Yakobi 3:17) Ukuze umzali akhe umntwana wakhe, umele athethe “amazwi achanileyo enyaniso.”
Funa Amazwi Alungileyo
Xa lo bawo sele egqibile ngamazwi afuna ukuwasebenzisa, unokuzibuza ‘Ndinokuwathetha njani la mazwi ukuze unyana wam ayoliswe ngawo aze awamkele?’ Yinyaniso ukuba, ukufumana amazwi alungileyo kunzima. Kodwa abazali kufuneka bakhumbule ukuba ukufikisa kwenza abantwana bacinge ukuba, ukuba abafezekanga bangoongantweni. Banokubaxa ukusilela nje okungephi okanye ubuthathaka, baze bazijonge ngalo ndlela. Xa umzali esuka agqabhuke, unokubethelela kumntwana wakhe ukuba ngokwenene ungungantweni. EyabaseKolose 3:21 ithi: “Musani ukubacaphukisa abantwana benu, ukuze bangadakumbi.”
Amazwi afana nokuthi “usoloko usenza oku” okanye “awusoze wenze oku” adla ngokuzibaxa izinto. Xa umzali esithi emntwaneni “ungungantweni,” yintoni enokwenza loo mntwana azive enesidima? Ukuba lawo ngamazwi aviwa ngumntwana mihla le, loo mntwana usenokuzibona engungantweni wokwenene. Akudimazi nje kuphela oko kodwa akuyonyaniso.
Kokona kubhetele ukukhangela ezona zinto zinokunconywa kuyo nayiphi na imeko. Ubawo esithethe ngaye ngaphambilana unokuthi: “Nyana, ndiyabona ukuba zikuphoxile ezi ziphumo. Kodwa ndiyazi ukuba ngokuqhelekileyo uwenza kakuhle umsebenzi wakho wesikolo. Kodwa makhe sithethe ngezi zifundo, sikhangele ukuba singenza njani ukuze siphucule.” Ukuze ayazi kakuhle ingxaki yonyana wakhe, lo bawo kufuneka abuze imibuzo engqalileyo ukuze azi unobangela weengxaki zonyana wakhe.
Le ndlela yobubele necingisiswe kakuhle inokusebenza bhetele kunokusuka nje agqabhuke. IBhayibhile iyaqinisekisa: “Amazwi athandekayo amnandi emphefumlweni yaye ayimpiliso emathanjeni.” (IMizekeliso 16:24) Abantwana—eneneni wonk’ umntu osentsatsheni—baya kutyatyamba apho kugquba uxolo nothando.
“Ngokuphuphuma Kwentliziyo”
Makhe sibuyele kumzekelo kaDavid nowakwakhe. Ngaba bekungayi kuba yinto ebhetele ukufuna “amazwi amyoli” nawenyaniso kunokusuka nje agqabhuke ngumsindo? Umyeni kule meko umele azibuze: ‘Nokuba umfazi wam kufuneka asebenzele ekubambeni ixesha, ngaba kuyinyaniso ukuthi usoloko engalibamb’ ixesha? Ngaba phofu eli lelona xesha lifanelekileyo lokuthetha ngalo mba? Ngaba amazwi agxekayo anokumkhuthaza ukuba aphucule?’ Ukuthi xha kancinane size sizibuze le mibuzo kunokusinceda singabakhathazi abantu esibathandayo.—IMizekeliso 29:11.
Kuthekani ukuba ngalo lonke ixesha xa sithetha ngezinto ezidl’ umzi kuphela sele sixambulisana? Mhlawumbi kufuneka sikhangele oonobangela abafihlakeleyo, sikhangele indlela esivakalelwa ngayo xa sithetha. Oko sikuthethayo, ngakumbi xa sixinezelekile, kuchaza okuninzi okusentliziyweni. UYesu wathi: “Umlomo uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.” (Mateyu 12:34) Ngamany’ amazwi, izinto esizithethayo zidiza iingcinga zethu ezinzulu, iminqweno nesimo sethu sengqondo.
Ngaba imbono yethu ngobomi isengqiqweni, iyakha yaye ikhangele phambili kwikamva? Indlela esithetha ngayo noko sikuthethayo kuza kubonisa kanye oko. Ngaba singqongqo ngokugqithiseleyo, sinesimo sengqondo sokugxeka? Ukuba kunjalo, sinokubadimaza abanye ngendlela esithetha ngayo okanye ngamazwi esiwathethayo. Kusenokwenzeka ukuba asiwazi umkhamo edimaza ngayo indlela esicinga nesithetha ngayo. Sinokude sicinge ukuba indlela esizijonga ngayo izinto ichanile. Kodwa sifanele sikulumkele ukuzikhohlisa.—IMizekeliso 14:12.
Sinombulelo ngeLizwi likaThixo. IBhayibhile inokusinceda ukuba sihlole iingcinga zethu size sibone enoba zichanile kusini na okanye zifuna ukulungiswa. (Hebhere 4:12; Yakobi 1:25) Kungakhathaliseki ukuba sityekele kweliphi na icala okanye sinayiphi na imvelaphi, sonke sinako ukukhetha ukutshintsha indlela esicinga ngayo nesenza ngayo izinto ukuba sifuna ngolo hlobo.—Efese 4:23, 24.
Ukongezelela ekusebenziseni iBhayibhile ekuzihloleni, ikho enye into esinokuyenza ekuhloleni indlela esincokola ngayo. Eyona ndlela ilula kukubuza abanye. Ngokomzekelo, cela iqabane lakho nomntwana wakho bakuxelela ngokunyanisekileyo indlela oqhuba ngayo kule nkalo. Khawuthethe nomhlobo oqolileyo okwazi kakuhle. Kuza kufuneka uthobeke ukuze ukwazi ukwamkela oko baza kukuxelela kona uze ukwazi ukulungisa apho ufanele ulungise khona.
Cinga Ngaphambi Kokuba Uthethe!
Elokuqwela, ukuze sikwazi ukuncokola kakuhle nabanye kufuneka senze okuchazwe kwiMizekeliso 16:23, ethi: “Isilumko siyawabala amazwi esiwathethayo; intetho yaso isenza silandelwe ngabantu.” (IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996) Akusoloko kulula ukulawula iimvakalelo zethu. Nakuba kunjalo, ukuba sizabalazela ukubaqonda abanye kunokuba sibenze bazive bebancinane, amazwi amyoli aya kuzizela.
Enyanisweni, akukho namnye kuthi ofezekileyo. (Yakobi 3:2) Ngamanye amaxesha umlomo usindwa yimpumlo. (IMizekeliso 12:18) Kodwa ngoncedo lweLizwi likaThixo, sinokufunda ukucinga ngaphambi kokuba sithethe size sibeke iimvakalelo zabanye ngaphambi kwezethu. (Filipi 2:4) Masizimisele ukufuna “amazwi amyoli” enyaniso, ngakumbi xa sithetha neentsapho zethu. Ngaloo ndlela incoko yethu ayisayi kubakhathaza okanye ibadimaze, kodwa, iya kuba yephilisayo neyakhayo kubantu esibathandayo.—Roma 14:19.
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Unokukuphepha njani ukuthetha into onokuzisola ngayo kamva?