IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w04 12/1 iphe. 32
  • Oko Sifanele Sikufunde—Icebiso LikaSolomon Lobulumko

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Oko Sifanele Sikufunde—Icebiso LikaSolomon Lobulumko
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
w04 12/1 iphe. 32

Oko Sifanele Sikufunde—Icebiso LikaSolomon Lobulumko

“UKWENZA iincwadi ezininzi akupheli, yaye ukuzinikela kakhulu kuzo kudinisa inyama.” (INtshumayeli 12:12) Xa wabhala loo mazwi kwiminyaka enokuba ngama-3 000 eyadlulayo, uKumkani uSolomon osisilumko wakwaSirayeli wayengathethi ukuba wayengakhuthazi ukuba kungafundwa. Kunoko, wayechaza imfuneko yokukhetha oko sikufundayo. Ngokwenene esi sikhumbuzo sifanelekile namhlanje, njengoko ehlabathini kupapashwa iincwadi ezininzi ngonyaka!

Kuyabonakala ke ngoko ukuba “iincwadi ezininzi” uSolomon awayebhekisela kuzo zazingakhi okanye zihlaziye. Ngoko ke, waqiqa ngelithi ukuzinikela kuzo, kunokuba kube luncedo kumfundi, “kudinisa inyama.”

Noko ke, ngaba uSolomon wayethetha ukuthi azikho iincwadi ezinikela ukhokelo lobulumko, olunokuthenjwa nolunokuba yinzuzo kumfundi? Akunjalo, kuba kwakhona wabhala: “Amazwi ezilumko anjengeemviko, yaye kanye njengezikhonkwane ezibethelelwe zatshona banjalo abazifica ngokuqokelela izivakalisi; banikwe ngumalusi omnye.” (INtshumayeli 12:11) Eneneni, kukho amazwi abhaliweyo kanye “njengeemviko” anokuba lukhuthazo. Anokukhokelela ubani kwindlela efanelekileyo. Ngaphezu koko, “njengezikhonkwane ezibethelelwe zatshona,” anokuba luncedo ekwenzeni ubani abambelele kwizigqibo zakhe ezihle kuze kumenze abe ngumntu ozinzileyo.

Amazwi obulumko anjalo sinokuwafumana phi? Ngokutsho kukaSolomon, awona abalaseleyo kuwo, ngalawo avela kuMalusi omnye, uYehova. (INdumiso 23:1) Ngoko ke, eyona ncwadi ibalaseleyo ubani anokuwafumana kuyo amazwi obulumko yileyo iphefumlelwe nguThixo—iBhayibhile. Ukuwafunda rhoqo amazwi anjalo aphefumlelweyo kunokumnceda ubani “awufanelekele aze awuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.”—2 Timoti 3:16, 17.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share