Ufundo LweBhayibhile—Luyingenelo Kwaye Lumnandi
“Umele uyifunde . . . imini nobusuku.”—YOSHUWA 1:8.
1. Ziziphi ezinye zeengenelo zokufunda nje okuqhelekileyo nezokufunda iBhayibhile?
UKUFUNDA ngombandela obalulekileyo kuyingenelo. Isithandi sobulumko sezobupolitika esingumFrentshi uMontesquieu (uCharles-Louis de Secondat) sabhala: “Kum, ukufunda bekusoloko kulelona chiza linyanga ukudinwa okubangelwa ngamanzithinzithi obomi. Alukho uxinizeleko olukhe lwandihlasela lwaza alwathi shwaka ndakufunda kangangeyure.” Lude lwegqithisa ke lona ufundo lweBhayibhile. Umdumisi ophefumlelweyo wathi: “Umthetho kaYehova ugqibelele, ubuyisa umphefumlo. Isikhumbuzo sikaYehova sikholosekile, simenza abe nobulumko ongenamava. Imiyalelo evela kuYehova ithe tye, iyibangela ibe nemihlali intliziyo.”—INdumiso 19:7, 8.
2. Kutheni uYehova eye wayilondoloza iBhayibhile ukutyhubela iminyaka, kwaye ulindele ukuba abantu bakhe benze ntoni ngayo?
2 NjengoMbhali weBhayibhile, uYehova uThixo uye wayilondoloza ukutyhubela iinkulungwane zenkcaso ekhatshwa lulunya evela kwiintshaba zayo, kokubini ezonqulo nezehlabathi. Ekubeni ikukuthanda kwakhe ukuba “zonke iintlobo zabantu zisindiswe zize zifikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso,” uye waqiniseka ukuba iLizwi lakhe lenziwa lifumaneke kubo bonke abantu. (1 Timoti 2:4) Kuqikelelwa ukuba bamalunga nama-80 ekhulwini abemi bomhlaba abanokufikelelwa kusetyenziswa iilwimi ezili-100. Umbhalo weBhayibhile epheleleyo ufumaneka ngeelwimi ezingama-370, kwaye iinxalenye zeZibhalo zinokufundwa ngezinye iilwimi neziyelelani ezongezelelekileyo ezili-1 860. UYehova ufuna abantu bakhe bafunde iLizwi lakhe. Uyabasikelela abakhonzi bakhe abanikela ingqalelo kwiLizwi lakhe, ewe, abalifunda imihla ngemihla.—INdumiso 1:1, 2.
Abaveleli Kufuneka Bafunde IBhayibhile
3, 4. Yintoni eyayifunwa nguYehova kookumkani bakwaSirayeli, kwaye ziziphi izizathu zoko ezikwasebenza nakubadala abangamaKristu namhlanje?
3 Ethetha ngexesha olwaluya kuthi uhlanga lwakwaSirayeli lube nokumkani ongumntu, uYehova wathi: “Wothi xa athe wahlala etroneni yobukumkani bakhe, azikhuphelele encwadini umbhalo walo mthetho ethabatha kulowo uphathwa ngababingeleli, abaLevi. Umele uhlale kuye, awufunde imihla yonke yobomi bakhe, ukuze afunde ukumoyika uYehova uThixo wakhe nokuwagcina onke amazwi alo mthetho nale mimiselo ukuba ayenze; ukuze ingaphakami intliziyo yakhe phezu kwabazalwana bakhe, angatyeki emyalelweni aye ekunene okanye ekhohlo.”—Duteronomi 17:18-20.
4 Phawula izizathu zokuba uYehova afune bonke abaza kuba ngookumkani bakwaSirayeli ukuba bafunde incwadi yomthetho kaThixo imihla ngemihla: (1) “ukuze afunde ukumoyika uYehova uThixo wakhe nokuwagcina onke amazwi alo mthetho nale mimiselo ukuba ayenze”; (2) “ukuze ingaphakami intliziyo yakhe phezu kwabazalwana bakhe”; (3) “angatyeki emyalelweni aye ekunene okanye ekhohlo.” Ngaba namhlanje akuyomfuneko ukuba abaveleli abangamaKristu boyike uYehova, bathobele imithetho yakhe, bangaziphakamisi ngaphezu kwabazalwana babo, kwaye baphephe ukuphambuka emiyalelweni kaYehova? Ukufunda iBhayibhile imihla ngemihla kubalulekile kubo kanye njengokuba kwakunjalo kookumkani bakwaSirayeli.
5. Yintoni eliye iQumrhu Elilawulayo layibhalela amalungu eeKomiti zamaSebe ngokuphathelele ukufunda iBhayibhile, kwaye kutheni bonke abadala abangamaKristu beya kuba benza kakuhle xa belandela eso siluleko?
5 Namhlanje abadala abangamaKristu baxakeke gqitha, ibe loo nto ibangela ukuba ukufunda iBhayibhile kube lucelomngeni. Ngokomzekelo, onke amalungu eQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova kunye namalungu eeKomiti zamaSebe ezisehlabathini lonke angamadoda axakeke gqitha. Ukanti, mvanje ileta evela kwiQumrhu Elilawulayo eya kuzo zonke iiKomiti zamaSebe ibethelele imfuneko yokufunda iBhayibhile imihla ngemihla neyokuba nemikhwa emihle yofundisiso. Le leta ithe oko kuya kukhulisa uthando esinalo ngoYehova nangenyaniso, kwaye “kuya kusinceda silondoloze ukholo, uvuyo kunye nenzondelelo yethu kude kuse kwisiphelo esizukileyo.” Kufuneka okufanayo kubo bonke abadala bamabandla amaNgqina kaYehova. Ukufunda iZibhalo imihla ngemihla kuya kubanceda ‘benze ngobulumko.’ (Yoshuwa 1:7, 8) Ngokukodwa kubo, ukufunda iBhayibhile ‘kuyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungiseni, ekuqeqesheleni ebulungiseni.’—2 Timoti 3:16, Revised Standard Version.
Kuyimfuneko Kwabaselula Nakwabakhulileyo
6. Kwakutheni ukuze uYoshuwa afunde ngokuvakalayo onke amazwi omthetho kaYehova phambi kwezizwe zakwaSirayeli ezihlanganiseneyo nabaphambukeli?
6 Mandulo, iikopi zeZibhalo zazingenakufumaneka kumntu ngamnye, ngoko ufundo lweBhayibhile lwalusenziwa phambi kwebandla elihlanganiseneyo. Emva kokuba uYehova emenze wasoyisa isixeko saseAyi, uYoshuwa wahlanganisa izizwe zakwaSirayeli phambi kweNtaba ye-Ebhali neNtaba yeGerizim. Ingxelo ithi emva koko: “Wafunda ngokuvakalayo onke amazwi omthetho, intsikelelo nesiqalekiso, ngokuvumelana nako konke oko kubhalwe encwadini yomthetho. Akuzange kubekho nalinye ilizwi kuwo onke uMoses awayewayalele uYoshuwa angazange alifunde ngokuvakalayo ngaphambi kwalo lonke ibandla lakwaSirayeli, kunye nabafazi nabantwana nabaphambukeli ababehamba phakathi kwabo.” (Yoshuwa 8:34, 35) Abaselula nabakhulileyo, abomthonyama nabaphambukeli, ngokungathi kunjalo kwakufuneka bayikrole ezintliziyweni zabo ihambo eyayiza kubenza basikelelwe nguYehova naleyo eyayingayi kumkholisa. Ngokuqinisekileyo ukufunda iBhayibhile rhoqo kuya kusinceda kulo mba.
7, 8. (a) Ngoobani namhlanje abafana “nabaphambukeli,” yaye kutheni kufuneka bafunde iBhayibhile imihla ngemihla? (b) Ziziphi iindlela “abantwana” abaphakathi kwabantu bakaYehova abanokulandela ngazo umzekelo kaYesu?
7 Namhlanje, izigidi zabakhonzi bakaYehova zifana “nabaphambukeli” ngengqiqo yokomoya. Ngaxa lithile, beziphila ngemilinganiselo yehlabathi, kodwa ziye zabuguqula ubomi bazo. (Efese 4:22-24; Kolose 3:7, 8) Zisoloko zifuna ukuzikhumbuza ngemilinganiselo kaYehova yokulungileyo nokubi. (Amosi 5:14, 15) Ukufunda iLizwi likaThixo imihla ngemihla kuyazinceda zenze oko.—Hebhere 4:12; Yakobi 1:25.
8 Phakathi kwabantu bakaYehova kukwakho “nabantwana” abaye bafundiswa imilinganiselo kaYehova ngabazali babo, kodwa ekusafuneka beyiseke ukuba ukuthanda kwakhe kulungile. (Roma 12:1, 2) Banokukwenza njani oko? KwaSirayeli, ababingeleli namadoda amakhulu bayalelwa oku: “Wowufunda lo mthetho phambi kukaSirayeli wonke esiva. Uze ubahlanganise abantu, amadoda nabafazi nabantwana nomphambukeli wakho osemasangweni akho, ukuze baphulaphule nokuze bafunde, bamoyike uYehova uThixo wenu, bakunyamekele ukuwenza onke amazwi alo mthetho. Bafanele baphulaphule noonyana babo abangaziyo, bafunde ukumoyika uYehova uThixo wenu.” (Duteronomi 31:11-13) Ephila phantsi koMthetho, uYesu owayeneminyaka eli-12 nje kuphela ubudala waba nomdla onzulu wokuqonda imithetho kaYise. (Luka 2:41-49) Kamva, kwaba sisiqhelo kuye ukuphulaphula nokuba nenxaxheba ekuleseni iZibhalo kwindlu yesikhungu. (Luka 4:16; IZenzo 15:21) Namhlanje abaselula baya kuba benza kakuhle xa belandela umzekelo kaYesu ngokufunda iLizwi likaThixo imihla ngemihla naxa besiya rhoqo ezintlanganisweni apho kufundwa kuze kufundisiswe iBhayibhile.
Ufundo LweBhayibhile—Maluze Kuqala
9. (a) Kutheni sifanele sikukhethe oko sikufundayo? (b) Yintoni eyathethwa ngumhleli owaseka eli phephancwadi ngokuphathelele iincwadi ezincedayo ekufundisiseni iBhayibhile?
9 UKumkani uSolomon owayesisilumko wabhala: “Lumka: Ukwenza iincwadi ezininzi akupheli, yaye ukuzinikela kakhulu kuzo kudinisa inyama.” (INtshumayeli 12:12) Ukanti sisenokwalek’ umsundulo ngelithi ukufunda iincwadi ezininzi ezipapashwa namhlanje akwaneli kudinisa inyama nje kuphela kodwa, xa sithetha phandle, kuyingozi engqondweni. Ngoko kubalulekile ukuba sizikhethe. Ukongezelela ekufundeni iimpapasho zethu zokufundisisa iBhayibhile, kufuneka sifunde neBhayibhile ngokwayo. Umhleli owaseka eli phephancwadi wabhalela abafundi balo esithi: “Ningaze nilibale ukuba iBhayibhile isiSikhokelo sethu yaye kungakhathaliseki ukuba uncwadi esinalo lokusinceda kufundisiso lungaba loluvela kuThixo kangakanani na ekuphela kwento oluyiyo ‘luncwadi lokusinceda’ kungekhona izinto zokuthabatha indawo yeBhayibhile.”a Ngenxa yoko, kufuneka siyifunde iBhayibhile ngokwayo ngoxa singazityesheli neempapasho ezisekelwe kuyo.
10. “Ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” liye lakubethelela njani ukubaluleka kokufunda iBhayibhile?
10 Sele kuyiminyaka ngoku “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” lifake ufundo lweBhayibhile kucwangciso lweSikolo SoBulungiseleli Sobuthixo sebandla ngalinye ukuze kuhlangatyezwane naloo mfuneko. (Mateyu 24:45) Olu cwangciso lukhoyo lofundo lweBhayibhile lugubungela iBhayibhile ngeminyaka emalunga nesixhenxe. Olu cwangciso luyingenelo kubo bonke, ngokukodwa kwabo basebatsha abangekayifundi yonke iBhayibhile. Abo baya kwiSikolo SeBhayibhile SeWatchtower SaseGiliyadi sabavangeli basemazweni kunye nabo baya kwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli kwakunye namalungu amatsha entsapho yaseBheteli bamele bayifunde bayigqibe iBhayibhile ngonyaka omnye. Enoba luluphi na ucwangciso enilusebenzisayo, ninedwa okanye njengentsapho, kufuneka nibeke ufundo lweBhayibhile kwindawo yokuqala ukuze nikwazi ukunamathela kulo.
Ityhila Ntoni Imikhwa Yakho Yokufunda?
11. Sifanele sizondle njani ngamazwi kaYehova imihla ngemihla, yaye ngoba?
11 Ukuba ukufumanisa kunzima ukuhambisana nocwangciso lwakho lokufunda iBhayibhile, kusenokuba kuhle ukuba uzibuze: ‘Ukufunda okanye ukubukela umabonwakude kukuchaphazela njani ukufunda kwam iLizwi likaYehova?’ Khumbula oko kwabhalwa nguMoses—kwaza kwaphindwa nguYesu—esithi “akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova.” (Mateyu 4:4; Duteronomi 8:3) Kanye njengokuba kufuneka sitye isonka okanye sitye okunye ukutya imihla ngemihla ukuze silondoloze imizimba yethu, ngokufanayo kufuneka singenise iingcamango zikaYehova imihla ngemihla ukuze silondoloze ubumoya bethu. Sinako ukuzifikelela iingcamango zikaThixo suku ngalunye ngokufunda iZibhalo.
12, 13. (a) Umpostile uPetros uluchaza njani ulangazelelo esifanele sibe nalo ngeLizwi likaThixo? (b) Yiyiphi indlela uPawulos asebenzisa ngayo umzekeliso wobisi ngokwahlukileyo kuPetros?
12 Ukuba siyayixabisa iBhayibhile, “kungekhona njengelizwi labantu, kodwa, kanye njengokuba kunjalo enyanisweni, njengelizwi likaThixo,” siya kutsaleleka kuyo kanye njengosana olulangazelela ubisi lukanina. (1 Tesalonika 2:13) Umpostile uPetros wasebenzisa lo mzekeliso, ebhala wathi: “Njengeentsana ezisandul’ ukuzalwa, langazelelani ubisi olungangxengwanga lwelizwi, ukuze ngalo nikhulele elusindisweni, ukuba nje niye nabungcamla ububele beNkosi.” (1 Petros 2:2, 3) Xa siye sabungcamla ngokwenene ‘ububele beNkosi’ ngamava ethu obuqu, siya kuhlakulela ulangazelelo lokufunda iBhayibhile.
13 Phawula ukuba kwezi ndinyana uPetros usebenzisa umzekeliso wobisi ngendlela eyahlukileyo kwekampostile uPawulos. Kusana olusandul’ ukuzalwa, ubisi luhlangabezana nazo zonke iintswelo zalo ukuze londleke. Umzekeliso kaPetros ubonisa ukuba iLizwi likaThixo liqulethe konke esikufunayo ukuze ‘sikhulele elusindisweni.’ Kwelinye icala, uPawulos usebenzisa ukulangazelela ubisi ukuze abonise ukungatyi kakuhle kwabo bazibanga bengabantu abakhulileyo ngokomoya. Kwincwadi yakhe eyayisiya kumaKristu angamaHebhere, uPawulos wabhala: “Nangona benifanele ukuba ngabafundisi ngenxa yexesha, nisafuna kwakhona uthile wokunifundisa ukususela ekuqaleni izinto eziziziqalelo zezibhengezo ezingcwele zikaThixo; yaye nisuke naba njengabasafanelwe lubisi, kungekhona ukutya okuqinileyo. Wonk’ ubani osasela ubisi akaqhelananga nelizwi lobulungisa, kuba ulusana. Kodwa ukutya okuqinileyo kokwabantu abaqolileyo, abo bathe ngokuwasebenzisa amandla abo okuqonda bawaqeqeshela ukwahlula okulungileyo nokubi.” (Hebhere 5:12-14) Ufundo lweBhayibhile olucokisekileyo lunokuphumeza lukhulu ekukhuliseni amandla ethu okuqonda nasekuvuseleleni ulangazelelo lwethu lwezinto zokomoya.
Indlela Yokufunda IBhayibhile
14, 15. (a) Liliphi ilungelo asijizeka ngalo uMbhali weBhayibhile? (b) Sinokungenelwa njani kubulumko bobuthixo? (Nika imizekelo.)
14 Olona fundo lweBhayibhile luyingenelo aluqalisi ngokufunda, kodwa luqalisa ngomthandazo. Umthandazo ulilungelo elibalaseleyo. Kuba ngathi ucela uncedo lombhali wencwadi exubusha ngombandela onzima ngaphambi kokuqalisa ukuyifunda ngenyameko, ukuze uqonde oko uza kukufunda. Hayi indlela okunokuba yingenelo kakhulu ngayo oko! UMbhali weBhayibhile, uYehova, uyasinika elo lungelo. Elinye ilungu lequmrhu elilawulayo lenkulungwane yokuqala labhalela abazalwana balo lisithi: “Ukuba kukho nabani na kuni oswele ubulumko, makaqhubeke ebucela kuThixo, kuba unika bonke ngesisa, engangcikivi; yaye uya kubunikwa. Kodwa makaqhubeke ecela ngokholo, engathandabuzi konke konke.” (Yakobi 1:5, 6) IQumrhu Elilawulayo lale mihla lihlala lisibongoza ukuba siyifunde ngokuzimisela iBhayibhile.
15 Ubulumko buchazwa njengokulusebenzisa ngendlela eluncedo ulwazi. Ngoko ngaphambi kokuba uvule iBhayibhile yakho, cela uYehova ukuba akuncede ufumane iingongoma ekufuneka uzisebenzise ebomini bakho kufundo lwakho. Nxibelelanisa izinto ezintsha ozifundayo kunye nolwazi obukade unalo. Zifake ‘kumazwi aphilileyo’ oye wawaqonda. (2 Timoti 1:13) Camngca ngeziganeko ezenzeka kubomi babakhonzi bakaYehova bamandulo, uze uzibuze ngendlela ongewawenze ngayo phantsi kweemeko ezifanayo.—Genesis 39:7-9; Daniyeli 3:3-6, 16-18; IZenzo 4:18-20.
16. Ngawaphi amacebiso aluncedo esiwanikwayo ukuze sikwazi ukwenza ufundo lweBhayibhile lwethu lube yingenelo yaye lube luncedo?
16 Musa ukufunda ngenjongo nje yokugubungela loo maphepha umele uwafunde. Ziphe ixesha. Yicingisise le nto uyifundayo. Xa uchukunyiswa yingongoma ethile, khangela ezinye iimbekiselo ukuba iBhayibhile yakho inazo. Ukuba loo ngongoma ayide icace, yiphawule ukuze wenze uphando olubhekele phaya kamva. Njengoko ufunda, phawula iindinyana obungathanda ukuzikhumbula ngokukhethekileyo okanye ukuzikhuphela. Unokude wongezelele namanqaku kunye neembekiselo zobuqu eludinini lwephepha. Kwiindinyana ovakalelwa ukuba ngeny’ imini usenokuzifuna kumsebenzi wokushumayela nowokwenza abafundi, phawula igama eliyintloko uze ulikhangele kwisalathiso samagama esisemva eBhayibhileni yakho.b
Yenza Ufundo LweBhayibhile Luyolise
17. Kutheni sifanele siyoliswe kukufunda iBhayibhile?
17 Umdumisi wathetha ngomntu owonwabileyo “oyoliswa ngumthetho kaYehova, efunda emthethweni wakhe ngesandi esiphantsi imini nobusuku.” (INdumiso 1:2) Ufundo lweBhayibhile lwethu lwemihla ngemihla alufanele lube ngumsebenzi onzima, koko lufanele luyolise ngokwenene. Enye indlela yokulwenza mnandi kukusoloko siyibona imbaluleka yezinto esizifundileyo. UKumkani uSolomon owayesisilumko wabhala: “Unoyolo umntu ofumene ubulumko . . . Iindlela zabo ziyathandeka, nawo wonke umendo wabo uluxolo. Bungumthi wobomi kwabo babubambayo, nabo babubamba nkqi kuya kuthiwa banoyolo.” (IMizekeliso 3:13, 17, 18) Ngokwenene sifanele senze umgudu ukuze sifumane ubulumko, kuba umendo wabo uyathandeka, ngowoxolo, ngowoyolo yaye, ekugqibeleni, ngowobomi.
18. Yintoni efunekayo ukongezelela kufundo lweBhayibhile, yaye yintoni esiza kuyixubusha kwinqaku elilandelayo?
18 Ewe, ufundo lweBhayibhile luyingenelo kwaye lumnandi. Kodwa ngaba lwanele lulodwa nje? Amarhamente eecawa zeNgqobhoko ebesoloko eyifunda iBhayibhile kangangeenkulungwane, ‘esoloko efunda kodwa engaze afikelele kulwazi oluchanileyo lwenyaniso.’ (2 Timoti 3:7) Ukuze ufundo lweBhayibhile lube neziqhamo, simele siyifunde ngenjongo yokusebenzisa ulwazi esilufumanayo kubomi bethu yaye silusebenzise nakumsebenzi wethu wokushumayela nowokufundisa. (Mateyu 24:14; 28:19, 20) Oku kufuna ukuba senze umgudu yaye sisebenzise iindlela ezilungileyo zokufundisisa ezinokuba mnandi yaye zibe nomvuzo, njengoko siza kubona kwinqaku elilandelayo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Bona incwadi ethi AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi BoBukumkani BukaThixo, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc., iphepha 241.
b Bona IMboniselo kaMeyi 1, 1995, iphepha 16-17, umxholo othi “Amacebiso Okuphucula Ukufunda Kwakho IBhayibhile.”
Imibuzo Yempinda
• Sisiphi isiluleko esanikwa ookumkani bakwaSirayeli esisebenzayo kubadala namhlanje, yaye kutheni?
• Ngoobani namhlanje abafana “nabaphambukeli” kunye “nabantwana,” yaye kutheni kufuneka bafunde iBhayibhile imihla ngemihla?
• Ziziphi iindlela eziluncedo eliye “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” lasinceda ngazo ukuba siyifunde rhoqo iBhayibhile?
• Sinokungenelwa size silunandiphe njani ufundo lwethu lweBhayibhile?
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Abadala, ngokukhethekileyo, kufuneka bafunde iBhayibhile imihla ngemihla
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Kwakusisiqhelo kuYesu ukuba nenxaxheba ekufundeni iZibhalo kwindlu yesikhungu