Imibuzo Evela Kubafundi
Kutheni uIsaya 30:21 ethetha ngelizwi likaYehova njengelivela “emva kwakho,” ekubeni iindinyana ezandulelayo zichaza uYehova njengongaphambili zisithi: “Amehlo akho amele abe ngamehlo abona umYaleli Ozukileyo wakho”?
UIsaya 30:20, 21 ufundeka ngolu hlobo: “UmYaleli Ozukileyo akayi kuba sazifihla, namehlo akho amele abe ngamehlo abona umYaleli Ozukileyo wakho. Neendlebe zakho ziya kuva ilizwi emva kwakho lisithi: ‘Nantsi indlela. Hambani ngayo,’ nokuba nisinga ekunene, nokuba nisinga ekhohlo.”
Xa siwuthabatha ngokoqobo lo mbhalo, umfundi ubona uYehova, uMyaleli Ozukileyo, phambi kwakhe, kodwa uva ilizwi Lakhe ngasemva. Noko ke, la mazwi ayafuzisela yaye afanele aqondwe ngaloo ndlela.
Indinyana yama-20 ithetha ngomkhonzi onceda inkosi yakhe, osoloko ekulungele ukwenza ngokomyalelo wenkosi yakhe. Kanye njengomkhonzi ojonge ngenyameko isandla senkosi yakhe ukuze aqonde oko ikufunayo, abantu bakaYehova namhlanje ngenyameko banikela ingqalelo kwimiyalelo esekelwe eBhayibhileni, uYehova aqhubeka eyinikela ngentlangano yakhe esemhlabeni. (INdumiso 123:1, 2) Ewe, benza ngokuvisisana nolwalathiso lwakhe, bekuphaphele nakuphi na uYehova akwalathisa ‘ngekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’—Mateyu 24:45-47.
Ngoko ke, kuthekani ngelizwi abakhonzi bakhe abaliva livela ngasemva? Kusengqiqweni ukugqiba ngelithi ilizwi elivela ngasemva lelikaThixo awalithetha ngaphambili, ethetha ngeLizwi lakhe elibhaliweyo yaye licaciswa ‘ligosa elithembekileyo.’ (Luka 12:42) Abakhonzi bakaThixo banamhlanje beva ilizwi lakhe ngokuyifunda ngenkuthalo iBhayibhile nangokusebenzisa imigaqo yayo kubomi babo bencedwa ziincwadi ezilungiselelwe ‘likhoboka elithembekileyo neliyingqondi,’ ‘igosa elithembekileyo.’ Ngokululindela, nokuluphaphela ulwalathiso olusexesheni uMyaleli Ozukileyo alunikelayo nangokufundisisa iLizwi likaThixo elabhalwa kwiinkulungwane ezadlulayo, ngokufuziselayo, abakhonzi bakhe bambona emi phambi kwabo yaye beva ilizwi lakhe livela ngasemva.—Roma 15:4.