-
Ngubani Owenza Imithetho Elawula Indalo?IMboniselo—2011 | Julayi 1
-
-
1. Ngaba Indalo Imi Ndawonye?
UAristotle wayesithi izazinge ezenza indalo azihambi. Isazinge esibambe iinkwenkwezi, njengezinye sasingenakuncipha singenakwanda.
Ngaba iBhayibhile inembono efanayo? Akunjalo, ithetha ngendlela eyahlukileyo. Noko ke, phawula ingcaciso yayo ebangel’ umdla: “Kukho Lowo uhlala phezu kwesazinge somhlaba, abo bahlala kuwo banjengeentethe, Lowo waneka amazulu njengeyasuyasu elicikizekileyo, owatwabulula njengentente yokuhlala.”—Isaya 40:22.a
Yiyiphi echanileyo namhlanje—nguAristotle okanye yiBhayibhile? Izazi ngendalo zanamhlanje ziyijonga njani indalo? Ngenkulungwane yama-20, izazinzulu ngeenkwenkwezi zothuka zisakufumanisa ukuba indalo ayimanga ndawonye. Enyanisweni iminyele ibonakala ngathi iya ibhekela omnye komnye ngesantya esiphezulu. Zimbalwa izazinzulu, ukuba zikho kwaukubakho ezakhe zacinga ukuba indalo iyanda. Namhlanje, izazi ngendalo zikholelwa ukuba indalo yaqala incinane yaza yanda ukususela ngoko. Izazinzulu, zithi uluvo luka-Aristotle bubuvuvu.
Kuthekani ngamazwi eBhayibhile? Akukho nzima ukuba nomfanekiso ngqondweni womprofeti uIsaya ondele esibhakabhakeni esibona sondlaleke njengentente.b Mhlawumbi wayekubona ukufana koMthala wezulu ‘neyasuyasu elicikizekileyo.’
Ukongezelela koko, amazwi kaIsaya ayasimema ukuba sibe nomfanekiso ngqondweni. Sinokucinga ngentente yamaxesha okubhalwa kweBhayibhile; mhlawumbi sinokuba nomfanekiso ngqondweni womqulu welaphu elitwatyululwayo, ngaphambi kokuba lixhonywe ezibondeni lize libe yintente. Ngendlela efanayo sinokucinga ngomrhwebi ekhetha umqulu omncinane weyasuyasu elicikizekileyo elandlala ukuze lihlolwe ngumthengi. Kuzo zombini ezi meko, into ekhangeleka incinane iyatwabuluka ize ibe nkulu.
Kakade ke, asithi umzekelo wentente osetyenziswe neyasuyasu elicikizekileyo eBhayibhileni wenzelwe ukuze ucacise indlela ekhula ngayo indalo. Ngaba ayichukumisi into yokuba iBhayibhile ichaza indalo ngendlela evisisana nenzululwazi yezi mini? UIsaya wayephila kwiinkulungwane ezingaphezu kwezintathu ngaphambi kuka-Aristotle kumawaka eminyaka ngaphambi kokuba inzululwazi ibe nobungqina obubambekayo. Sekunjalo, inkcazelo eyabhalwa ngulo mprofeti ungumHebhere akuyomfuneko ukuba ihlaziywe njengeka-Aristotle.
-
-
Ngubani Owenza Imithetho Elawula Indalo?IMboniselo—2011 | Julayi 1
-
-
a Iyamangalisa into yokuba iBhayibhile ithi umhlaba sisazinge kanye njengokuba igama lesiHebhere linokuguqulelwa ngaloo ndlela. UAristotle namanye amaGrike amandulo babesithi umhlaba sisazinge kodwa loo mbuzo wawusashukuxwa kumawaka eminyaka kamva.
-