Indlela Onokulufumana Ngayo Ulonwabo Lokwenene
I NKOKELI yonqulo engumBhuda, eyiDalai Lama, yathi: “Ndikholelwa ekubeni eyona njongo yobomi bethu kukufuna ulonwabo.” Emva koko yacacisa ukuba yayikholelwa ekubeni ulonwabo lunokufunyanwa ngokuqeqesha ingqondo nentliziyo. Yathi: “Ingqondo sisixhobo esisisiseko ukuze sifumane ulonwabo olupheleleyo.” Ngokokucinga kwayo, akuyomfuneko ukukholelwa kuThixo.a
Ngokwahlukileyo, cinga ngoYesu, owayenokholo olomeleleyo kuThixo nalowo iimfundiso zakhe zaphembelela amakhulu ezigidi zabantu kangangeenkulungwane. UYesu wayenomdla kulonwabo lwabantu. Waqalisa iNtshumayelo yakhe eyaziwayo yaseNtabeni ngamazwi athi banoyolo izihlandlo ezilithoba—loo mazwi aqala ngokuthi: “Banoyolo . . . ” (Mateyu 5:1-12) Kwakuloo ntshumayelo, wafundisa abaphulaphuli bakhe ukuba bagocagoce, bacoce yaye baqeqeshe iingqondo neentliziyo zabo—iingcinga zogonyamelo, zokuziphatha okubi nezokuzingca zithatyathelw’ indawo ziingcinga zoxolo, ezicocekileyo nezothando. (Mateyu 5:21, 22, 27, 28; 6:19-21) Njengoko omnye wabafundi bakhe wabongozayo kamva, sifanele ‘sihlale sicinga’ ngezinto ‘eziyinyaniso, nezizezenkxalabo enzulu, nezibubulungisa, nezinyulu, nezithandekayo, nekuthethwa kakuhle ngazo, nezinesidima, nezincomekayo.’—Filipi 4:8.
UYesu wayesazi ukuba ulonwabo lokwenene luquka ulwalamano umntu analo kunye nabanye. Ngokwemvelo thina bantu sithanda ukunxulumana nabanye, ngoko asinakonwaba ngokwenene ukuba singoonkom’ idla yodwa okanye sihlala singquzulana nabo basingqongileyo. Sinokonwaba kuphela xa siziva sithandwa naxa sibathanda abanye. UYesu wafundisa ukuba eyona nto ibalulekileyo kolo thando, lulwalamano lwethu noThixo. Ngokukodwa kule nkalo, imfundiso kaYesu yahlukile kweyeDalai Lama, kuba uYesu wafundisa ukuba uluntu alunakonwaba ngokwenene ukuba luzimele geqe kuThixo. Kutheni kunjalo?—Mateyu 4:4; 22:37-39.
Cinga Ngeemfuno Zakho Zokomoya
Amanye amazwi athi banoyolo aqhubeka esithi: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.” (Mateyu 5:3) Kwakutheni ukuze uYesu athethe oku? Ngokuba, ngokungafaniyo nezilwanyana, sineemfuno zokomoya. Ekubeni sidalwe ngokomfanekiselo kaThixo, ngokomkhamo othile sinokuhlakulela iimpawu zobuthixo, njengothando, okusesikweni, inceba nobulumko. (Genesis 1:27; Mika 6:8; 1 Yohane 4:8) Iimfuno zethu zokomoya ziquka ukufuna ukuba nenjongo ebomini bethu.
Sinokuzanelisa njani iimfuno ezinjalo zokomoya? Kungekhona ngokucamngca ngokudlul’ ingqondo okanye ukuzihlola nje. Kunoko, uYesu wathi: “Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova.” (Mateyu 4:4) Phawula ukuba, uYesu wathi uThixo ungumthombo ‘wamazwi onke’ abalulekileyo ebomini bethu. NguThixo kuphela onokusinceda siphendule eminye imibuzo. Ukuqonda okunjalo kusexesheni nangakumbi namhlanje, xa sicinga ngokwanda kweengcamango ngenjongo yobomi nezinye iindlela zokufumana ulonwabo. Iivenkile ezithengisa iincwadi ziineencwadi ezininzi ezithembisa abo bazifundayo ngempilo, ubutyebi nolonwabo. Kuye kwasekwa amajelo eInternet axubusha ngokukhethekileyo ngolonwabo.
Phofu ke, ingcinga yomntu kule mibandela ngokufuthi igqwethekile. Ityekele ekubeni neminqweno yokuzingca okanye ukuzigwagwisa. Isekelwe kulwazi namava asikelwe umda, yaye ngokufuthi isekelwe kwizinto zobuxoki. Ngokomzekelo, into eye isanda kubabhali beencwadi ezithetha ngeendlela zokuzinceda kukusekela iingcamango zabo kwingcamango “yenzululwazi yendaleko,” ethi iimvakalelo zomntu zisekelwe kumlibo wesilwanyana ekuthiwa wavela kuso. Inyaniso yile, nawuphi na umgudu owenziwayo wokufumana ulonwabo osekelwe kwingcamango eyigatyayo indima yoMdali wethu awunako ukuphumelela yaye ekugqibeleni uya kukhokelela ekuphoxekeni. Umprofeti wamandulo wathi: “Izilumko zibe neentloni. . . . Khangela! Ziligatyile ilizwi likaYehova, zinabuphi na ke ubulumko?”—Yeremiya 8:9.
UYehova uThixo uyayazi indlela esenziwe ngayo noko kuya kusenza sonwabe ngokwenene. Uyasazi isizathu sokuba abeke umntu emhlabeni noko ikamva limfumbathele kona, yaye wabelana nathi ngaloo nkcazelo iseBhayibhileni. Oko akutyhilayo kuloo ncwadi ephefumlelweyo kubangela abantu abanotyekelo olufanelekileyo basabele yaye ibenza bonwabe. (Luka 10:21; Yohane 8:32) Kwakunjalo kubafundi ababini bakaYesu. Babebuhlungu emva kokufa kwakhe. Kodwa emva kokuzivela ngokwabo kuYesu ovusiweyo ngendima yakhe kwinjongo kaThixo yokusindisa uluntu, bathi: “Bezingavuthi na iintliziyo zethu njengoko ebethetha nathi endleleni, njengoko ebesivulela ngokupheleleyo iZibhalo?”—Luka 24:32.
Uvuyo olunjalo luyaqina xa sivumela inyaniso yeBhayibhile isikhokele ebomini bethu. Ngokuphathelele oku, ulonwabo lunokufaniswa nomnyama. Uyavela xa izinto zihamba kakuhle, kodwa uqaqamba ngakumbi—kude kuvele iminyama emibini—xa iimeko zigqibelele. Makhe sikhangele imizekelo embalwa engendlela esinokonwaba kakhulu ngayo xa sisebenzisa iimfundiso zeBhayibhile.
Phila Ubomi Obulula
Okukuqala, cinga ngesiluleko sikaYesu kumbandela wobutyebi. Emva kokugatya ukusukela ubutyebi njengento yokuqala ebomini, wathetha into engaqhelekanga. Wathi: “Ukuba, ngoko, iliso lakho alinakumbi, umzimba wakho uphela uba sekukhanyeni.” (Mateyu 6:19-22) Eneneni, wathi ukuba sihlala sisukelana nobutyebi, amandla, okanye naluphi na usukelo abantu abazibekela lona, siya kulahlekelwa zizinto ezibaluleke ngakumbi. Kuba, njengokuba uYesu watshoyo ngesinye isihlandlo, “kwanaxa umntu enentabalala ubomi bakhe abuphumi kwizinto anazo.” (Luka 12:15) Ukuba sibeka kuqala izinto ezibaluleke ngokwenene, njengolwalamano lwethu noThixo, ukukhathalela intsapho, nezinye izinto ezinjalo, ngoko “iliso” lethu aliyi kuba ‘nakumbi,’ lingaphazanyiswa.
Phawula, uYesu wayengaxhasi ubomi bokuzibandeza izinto ezithile. Ngapha koko, uYesu naye wayengaphili ubomi bokuzibandeza izinto. (Mateyu 11:19; Yohane 2:1-11) Kunoko, wafundisa ukuba abo babujonga ubomi njengethuba lokuqokelela ubutyebi bayaphoswa ebomini.
Ethetha ngabathile abaye baba zizityebi beselula, ugqirha wezigulo zengqondo eSan Francisco, eUnited States, wathi kubo imali “yingcambu yoxinezeleko nengxubakaxaka.” Waqhubeka wathi, aba bantu, “bathenga izindlu neenqwelo-mafutha ezimbini okanye ezintathu baze bachithe imali kwezinye izinto. Yaye ukuba oko akwanelanga [oko kukuthi, akubenzanga bonwaba], bayadandatheka, bangabi nanjongo yaye bangaqiniseki ukuba mabenze ntoni ngobomi babo.” Ngokwahlukileyo koko, abo baphulaphula icebiso likaYesu lokuphila ubomi obulula ngokwezinto eziphathekayo baze baziphe ithuba lezinto zokomoya banokulufumana ulonwabo.
UTom, umakhi ohlala eHawaii, ngokuzithandela wafuna ukuncedisa ekwakheni iindawo zonqulo kwiziqithi zePacific apho abantu bangamanga kakuhle ngokwezinto eziphathekayo. UTom waphawula ukuba kukho into ethile ngaba bantu bathobekileyo. Wathi: “Abazalwana noodadewethu abangamaKristu abakwezi ziqithi babonwabile ngokwenene. Bandinceda ndabona ngokucacileyo ukuba imali nezinto onazo aziyomfihlelo yolonwabo.” Kwakhona wajonga amatshantliziyo awayesebenza naye kwezi ziqithi waza waphawula indlela awayeneliseke ngayo. “Ayesenokwenza imali eninzi,” watsho uTom. “Kodwa akhetha ukugcina izinto zokomoya kuqala aza ahlala ephila ubomi obulula.” Echukunyiswe yile mizekelo, uTom wenza ubomi bakhe baba lula ukuze akwazi ukuchitha ixesha elingakumbi nentsapho yakhe nakusukelo lokomoya—inyathelo angasoze azisole ngalo.
Ulonwabo Nokuzixabisa
Enye into ebalulekileyo kulonwabo kukuba nesidima, okanye ukuzixabisa. Ngenxa yokungafezeki komntu nobuthathaka obubangelwa koko kungafezeki, abanye bazijonga ngendlela ephosakeleyo, yaye kwabaninzi, iimvakalelo ezinjalo ziqala kwasebuntwaneni. Kusenokuba nzima ukoyisa iimvakalelo ezendeleyo, kodwa kunokwenzeka. Isicombululo sisekusebenziseni iLizwi likaThixo.
IBhayibhile ichaza indlela uMdali avakalelwa ngayo ngathi. Ngaba imbono yakhe ayibalulekanga kakhulu kuye nawuphi na umntu—kuquka neyethu? UThixo, oluthando lumntwisiwe, usijonga ngaphandle kwekhethe okanye inqala. Usijonga ngale ndlela siyiyo, nangendlela esinokuba yiyo. (1 Samuweli 16:7; 1 Yohane 4:8) Enyanisweni, abo bafuna ukumkholisa ubagqala njengabaxabisekileyo, ewe, abanqwenelekayo, enoba abafezekanga.—Daniyeli 9:23; Hagayi 2:7.
Kakade ke, uThixo akabutyesheli ubuthathaka bethu nezono esizenzayo. Ulindele ukuba senze umgudu omkhulu ukuze senze okulungileyo, yaye uyasixhasa xa sisenjenjalo. (Luka 13:24) Sekunjalo, iBhayibhile ithi: “Njengoyise obenzela inceba oonyana bakhe, UYehova ubenzele inceba abo bamoyikayo.” Kwakhona ithi: “Ukuba ubulinda iziphoso, Ya, Owu Yehova, ngubani na obenokuma? Kuba ukuxolela kokwenyaniso kukuwe, Ukuze woyikwe.”—INdumiso 103:13; 130:3, 4.
Ngoko funda ukuzijonga ngendlela uThixo akujonga ngayo. Ukwazi ukuba abo bamthandayo ubajonga njengabanqwenelekayo yaye uyabathemba—nangona besenokuzijonga bengento yanto—kunokwenza lukhulu ekwenzeni umntu onwabe.—1 Yohane 3:19, 20.
Ithemba—Libalulekile Kulonwabo
Ingcamango exhaphakileyo kutshanje ebizwa ngokuba sisimo sengqondo esakhayo ikhuthaza ukuba naloo ntembelo, ehlakulelwa ngokuba neengcinga ezakhayo nokunikela ingqalelo kumandla ubani anawo, inokukhokelela kulonwabo. Abambalwa banokukhanyela ukuba ukuba nethemba ngobomi nekamva kuyasonwabisa. Noko ke, elo themba lifanele lisekelwe kwizibakala, kungekhona ekucingeni nje ngezinto ozinqwenelayo. Ngapha koko, ukuba nentembelo nokuba neengcinga ezakhayo akunakuphelisa imfazwe, indlala, isifo, ukungcola, ukwaluphala, ukugula okanye ukufa—izinto ezibangela abaninzi bangonwabi. Sekunjalo, intembelo inendawo yayo.
Okubangel’ umdla kukuba, iBhayibhile ayilisebenzisi igama elithi intembelo; isebenzisa igama elinamandla ngakumbi—ithemba. IVine’s Complete Expository Dictionary ichaza “ithemba” njengoko lisetyenziswe eBhayibhileni “njengokulindela okuhle nokuthile, . . . ukulindela ngolangazelelo okuhle.” Indlela elisetyenziswe ngayo eBhayibhileni, ithemba lingaphezu kwentembelo ngemeko ethile. Kwakhona libhekisela kwinto umntu athembele kuyo. (Efese 4:4; 1 Petros 1:3) Ngokomzekelo, ithemba lamaKristu likukuba zonke izinto ezinqwenelekayo ezikhankanywe kwisiqendu esingasentla kungekudala ziza kupheliswa. (INdumiso 37:9-11, 29) Kodwa liquka okungakumbi.
AmaKristu akhangele phambili kwixesha laxa uluntu oluthembekileyo luya kufumana ubomi obufezekileyo kwiparadesi esemhlabeni. (Luka 23:42, 43) Sithetha ngokungakumbi ngelo themba, ISityhilelo 21:3, 4 sithi: “Khangela! Intente kaThixo iphakathi koluntu, yaye uya kuhlala nalo, lube ngabantu bakhe. . . . Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.”
Nabani na olindele ukuba nelo kamva unesizathu sokonwaba, enoba iimeko zakhe ngoku azintle kangako. (Yakobi 1:12) Ngoko awunasizathu sokuba ungafunisisi ngeBhayibhile uze ufumanise ngesizathu sokulikholelwa. Lomeleze ithemba lakho ngokuchitha ixesha suku ngalunye ufunda iBhayibhile. Ukwenjenjalo kuya kukutyebisa ngokomoya, kukuncede uphephe izinto ezenza abantu bangonwabi, kuze kukwenze waneliseke. Ewe, eyona mfihlelo kulonwabo lokwenene kukwenza ukuthanda kukaThixo. (INtshumayeli 12:13) Ubomi obusekelwe ekuthobeleni imiyalelo yeBhayibhile bubomi obonwabileyo, kuba uYesu wathi: “Banoyolo abo balivayo ilizwi likaThixo baze baligcine!”—Luka 11:28.
[Umbhalo osemazantsi]
a AmaBhuda acinga ukuba akuyomfuneko ukukholelwa kuThixo.
[Imifanekiso ekwiphepha 5]
Ulonwabo alunakufunyanwa ngokuqokelela ubutyebi, ukuba yinkom’ edla yodwa, okanye ukuthembela kulwazi lomntu olusikelwe umda
[Umfanekiso okwiphepha 6]
Ubomi obusekelwe ekuthobeleni iLizwi likaThixo bubomi obonwabileyo
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Ithemba lamaKristu lenza umntu onwabe