Isahluko 110
Ukugqitywa Kobulungiseleli Basetempileni
UYESU ubonakala okokugqibela etempileni. Enyanisweni, ugqibezela ubulungiseleli bakhe basesidlangalaleni ngaphandle kweziganeko zokulingwa nokubulawa kwakhe kwiintsuku ezintathu kamva. Ngoku uyaqhubeka ekhalimela ababhali nabaFarisi.
Izihlandlo ezithathu kwakhona uyadanduluka esithi: “Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini!” Okokuqala, uvakalisa uyeha kubo kuba behlambulula “umphandle wendebe nesitya, kanti ke ngaphakathi kuzele kukuphanga nokungazeyisi.” Ngoko uyaluleka esithi: “Hlambulula tanci okungaphakathi kwendebe nesitya, ukuze kuthi okungaphandle kwazo kuhlambuluke nako.”
Ngokulandelayo uvakalisa uyeha kubabhali nabaFarisi ngokubola kwangaphakathi abathi bazame ukubufihla ngokubonakalisa intlonelo yangaphandle. Uthi, “Nifana namangcwaba aqatywe ifutha, athi abonakale emahle okunene ngaphandle, kanti ngaphakathi azele ngamathambo abafileyo nokungcola konke.”
Okokugqibela, uhanahaniso lwabo lubonakala ekuvumeni nasekulungeleni kwabo ukwakha amangcwaba abaprofeti baze bawahombise ukuze babalaselise izenzo zabo zesisa. Kanti, njengoko uYesu etyhila, ‘bangoonyana babo babulala abaprofeti.’ Enyanisweni, nabani na onesibindi sokubhenca uhanahaniso lwabo usengozini!
Ehlabela mgama, uYesu uvakalisa awona mazwi akhe aqatha okubaqalekisa. Uthi: “Zinyokandini, nzalandini yamarhamba, ningathini na ukuwusaba umgwebo wesihogo [weGehena, NW]?” IGehena yintlambo esetyenziswa njengendawo yokulahla amabibi eYerusalem. Ngoko uYesu uthi ngokuqhubeka nekhondo labo elingendawo, ababhali nabaFarisi baya kutshatyalaliswa ngonaphakade.
Mayela nabo abathuma njengabameli bakhe, uYesu uthi: “Niya kuthi inxenye kubo niyibulale, niyibethelele [emithini, NW], nithi inxenye kubo niyitshutshise ezindlwini zenu zesikhungu, niyitshutshise kwimizi ngemizi; ukuze linifikele lonke igazi elinobulungisa, elaphalazwayo emhlabeni apha, lithabathela egazini lika-Abheli ilungisa, lizise egazini likaZekariya, unyana kaBherekiya [obizwa ngokuba nguYehoyada kweyesiBini yeziKronike], enambulalela phakathi kwendawo engcwele nesibingelelo. Inene, ndithi kuni, Zonke ezo zinto ziya kusihlela esi sizukulwana.”
Kuba uZekariya wazigxibhayo iinkokeli zakwaSirayeli, ‘zamceba zamxuluba ngamatye, ngokomthetho wokumkani entendelezweni yendlu kaYehova.’ Kodwa, njengoko uYesu exela kwangaphambili, uSirayeli uya kuhlawula ngalo lonke igazi elinjalo lamalungisa elaphalazwayo. Uhlawula kwiminyaka engama-37 kamva, ngowama-70 C.E., xa imikhosi yamaRoma itshabalalisa iYerusalem kuze kutshabalale amaYuda angaphezu kwesigidi.
Njengoko uYesu ecinga ngale meko yoyikekayo, uyakhathazeka. Kwakhona udanduluka athi, “Yerusalem, Yerusalem, . . . kufuthi kangakanani na ndithande ukubabuthela ndawonye abantwana bakho, ngohlobo esithi isikhukukazi siwabuthele ndawonye amathole aso ngaphantsi kwamaphiko, anavuma! Yabonani, indlu yenu ishiywa nani ize.”
Wandula ke uYesu ongezelele athi: “Aniyi kuba sandibona emveni koku, nide nithi, Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.” Loo mini iya kuba ngexesha lobukho bukaKristu xa engena eBukumkanini bakhe bamazulu baze abantu bambone ngamehlo okholo.
Ngoku uYesu uya kwindawo apho anokuthi abone imikhumbi yokulondoloza imali etempileni nezihlwele ziphosa imali kuyo. Izityebi ziphosa imali eninzi ezingqekembe. Kodwa ngelo xesha kuza umhlolokazi olihlwempu aze aphose iimalana ezimbini ezinexabiso eliphantsi.
Ebabizele kuye abafundi bakhe, uYesu uthi: “Inene ndithi kuni, Lo mhlolokazi ulihlwempu uphose ngaphezu kwabo bonke abaphosileyo emkhumbini wokulondoloza imali.” Bamele ukuba bayazibuza indlela okunokwenzeka ngayo oku. Ngoko uYesu uyacacisa esithi: “Bonke abo baphose bethabatha kwikhupha labo; ke yena ekusweleni kwakhe uphose konke abenako, impilo yakhe iphela.” Emva kokuthetha ezi zinto uYesu uyayishiya itempile okwesihlandlo sokugqibela.
Emangalisiwe bubukhulu nabubuhle betempile, omnye wabafundi bakhe uyadanduluka: “Mfundisi, uyawabona na la matye angaka, nezi zakhiwo zingaka?” Enyanisweni, kuthiwa la matye angaphezu kweemitha ezili-11 ubude, ngaphezu kweemitha ezintlanu ububanzi yaye ngaphezu kwemitha ezintathu ukuphakama!
UYesu uphendula athi: “Uyazibona na ezi zakhiwo zikhulu? Akusayi kusala litye, phezu kwelitye elingayi kuchithwa.”
Akuba ezithethile ezi zinto, uYesu nabapostile bawelela ngaphesheya kweNtlambo iKidron baze benyuke iNtaba yeMinquma. Belapha banokukhangela ezantsi kwitempile enobukhazikhazi. Mateyu 23:25–24:3; Marko 12:41–13:3; Luka 21:1-6; 2 Kronike 24:20-22.
▪ Yintoni eyenziwa nguYesu ebudeni botyelelo lwakhe lokugqibela etempileni?
▪ Ababhali nabaFarisi balubonakalisa njani uhanahaniso lwabo?
▪ Kuthetha ukuthiwani ‘ngomgwebo weGehena’?
▪ Kutheni uYesu esithi umhlolokazi unikele ngaphezu kwezityebi?