IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g02 4/8 iphe. 23
  • Iinyikima, Isiprofeto SeBhayibhile Kunye Nawe

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iinyikima, Isiprofeto SeBhayibhile Kunye Nawe
  • Vukani!—2002
  • Amanqaku Afanayo
  • Yaprofeta Yathini IBhayibhile Ngeenyikima Ezinkulu?
    Imixholo Engakumbi
  • Isiprofeto 1 Iinyikima
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Ukuhlolisisa Inyikima
    Vukani!—2002
  • Ukubakho Kwethemba Phezu Kwazo Nje Iimeko Ezimasikizi
    Vukani!—2002
Khangela Okunye
Vukani!—2002
g02 4/8 iphe. 23

Iinyikima, Isiprofeto SeBhayibhile Kunye Nawe

NGAPHAMBI kokufa kwakhe, uYesu waxela kwangaphambili iziganeko neemeko eziya kunikela ubungqina bokuba eli hlabathi likwixesha ‘lokupheliswa kwenkqubo yezinto.’ Wathi elo xesha laliya kuphawulwa zizinto ezifana neendyikitya zokufa, ukunqongophala kokutya neemfazwe ezinkulu. Kwakhona wakhankanya “iinyikima zomhlaba ezinkulu” eziya kwenzeka “kwiindawo ngeendawo.” (Mateyu 24:3, 7; Luka 21:10, 11) Ngaba uYesu wayebhekisela kumhla wethu?

Uninzi luthi akunjalo. Bema ngelithi uninzi lweenyikima alukhange lubekho kakhulu kumashumi eminyaka akutshanje. Enyanisweni iU.S. National Earthquake Information Center inikela ingxelo yokuba iinyikima ezinomkhamo osisi-7,0 nangaphezulu “bezisoloko ziqhambuka” ukutyhubela inkulungwane yama-20.a

Noko ke, phawula ukuba, inzaliseko yesiprofeto sikaYesu ayifuni ukwanda kwinani okanye amandla eenyikima. Eyona nto wayeyithetha uYesu kukuba kwakuya kubakho iinyikima zomhlaba ezinkulu kwiindawo ngeendawo. Ukongezelela, wathi ezi ziganeko ziya kuphawula “ukuqala kwenimba.” (Mateyu 24:8) Inimba ayiphawulwa linani leenyikima okanye umkhamo ofumaneka kwisikali sikaRichter, kodwa yinto eziyenzayo ebantwini.

Iinyikima ngokwenene ziye zabangela inimba kumhla wethu. Enyanisweni, ebudeni benkulugwane yama-20, izigidi ngezigidi ziye zabulawa okanye zashiywa zingenamakhaya zezi ntlekele. Iingcali zithi uninzi lwabantu abafayo ngebekhuselwe. IBBC News inikela le ngxelo: “Kumazwe asakhasayo, imiqathango ephathelele ukwakha idla ngokungakhathalelwa kangako, kunokuba kujongwe ukwakha ngendlela engabizi mali kangako, nokwakha izindlu ezikhawulezileyo ukuze kuhlangatyezwane neemfuno zokungena kwabantu abaninzi ezidolophini.” Egqabaza ngeentlekele ezimbini zakutshanje, uBen Wisner, ingcaphephe kwiintlekele zasezidolophini uthi: “Yayingezonyikima ezabulala aba bantu. Yayiziimpazamo zabantu, ukungakhathali, ubuqhetseba nokubawa.”

Ewe, maxa wambi ezona zinto ziyingozi kwiinyikima kukuzingca kwabantu nokungakhathali. Okubangel’ umdla kukuba, ezi mpawu ziyabalaseliswa kwesinye isiprofeto seBhayibhile esiphathelele “imihla yokugqibela” yale nkqubo. Ngelo xesha, iBhayibhile ithi abantu baya kuba “ngabazithandayo, abathandi bemali,” ‘nabangenawo umsa wemvelo.’ (2 Timoti 3:1-5) Sikunye namazwi kaYesu aphathelele isiphelo sale nkqubo yezinto, esi siprofeto sinikela ubungqina obucacileyo bokuba sele lisondele ixesha laxa uThixo eya kuzisa isiqabu kuluntu oluxinezelekileyo ngenxa yazo zonke izinto ezibangela intlungu nokubandezeleka.—INdumiso 37:11.

Ngaba ungathanda ukufunda okungakumbi ngeli themba lisekelwe eBhayibhileni? Qhagamshelana namaNgqina kaYehova kummandla ohlala kuwo, okanye ubhalele kwidilesi efanelekileyo kwezikwiphepha 5.

[Umbhalo osemazantsi]

a Abanye bathi naziphi iingxelo zokwanda kweenyikima zibangelwa nje kukuhambela phambili kwezobugcisa, nto leyo ebangela ukuba kufunyaniswe ezingakumbi.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share