IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w08 10/1 iphe. 6-8
  • Iziganeko Ezaxelwa Kwangaphambili Ezenzeka Kule Mihla

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iziganeko Ezaxelwa Kwangaphambili Ezenzeka Kule Mihla
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Amanqaku Afanayo
  • Uloyiso Nentlekele
    Vukani!—1998
  • Indlela Entsha Yokulwa Isifo Sephepha
    Vukani!—1999
  • Isifo Sephepha Siyahlasela Kwakhona!
    Vukani!—1996
  • Umbulali Okhuphisana Nemfazwe
    Vukani!—1998
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
w08 10/1 iphe. 6-8

Iziganeko Ezaxelwa Kwangaphambili Ezenzeka Kule Mihla

IBHAYIBHILE yaxela kwangaphambili ukuba uBukumkani bukaThixo buza kuzisa uxolo nolonwabo oluhlala luhleli. (Daniyeli 2:44) Kumthandazo othi Bawo wethu Osemazulwini, okanye uMthandazo weNkosi, uYesu wafundisa abafundi bakhe ukuba bathandaze bathi: “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.” (Mateyu 6:10) Kwisiprofeto sakhe esidumileyo awasixelela abafundi bakhe kwiNtaba yeMinquma, uYesu wathetha ngeziganeko neemeko ezaziza kwandulela ukuza kobo Bukumkani. Ezi ziganeko ziyila umqondiso oyintlanganisela owawuza kubonakala kubo bonke abantu abanyanisekileyo. Kwezi nxalenye zilandelayo zalo mqondiso, ziziphi osele uzibonile?

Iimfazwe Zamazwe Ngamazwe. UYesu wathi: “Uhlanga luya kuvukelana nohlanga nobukumkani buvukelane nobukumkani.” (Mateyu 24:7) Ngaphambi kwemfazwe yehlabathi yokuqala yowe-1914, iimfazwe zaziba phakathi kwamazwe ambalwa. Imfazwe Yehlabathi I ayizange igubungele inxalenye nje enkulu yehlabathi kodwa yabangela ukuba kwenziwe izixhobo eziyingozi ngakumbi. Ngokomzekelo, kwenziwa inqwelo-moya entsha yomkhosi eyayisetyenziselwa ukuphosa iziqhushumbisi kubantu abangenanto yakwenza namfazwe. Izixhobo ezininzi ezazisenziwa zabulala abantu abaninzi kunangaphambili, kangangokuba kwabulawa okanye kwenzakaliswa amajoni amalunga nesiqingatha sezigidi ezingama-65. Noko ke, njengokuba inkulungwane yama-20 yayiqhubeka, laya lisanda inani labafayo. Omnye umbhali-mbali wathi “akakho umntu onokulazi kakuhle inani lamajoni nabanye abantu abafa kwiMfazwe Yehlabathi II.” Yaye iimfazwe zisaqhubeka nanamhlanje.

Ukunqongophala Kokutya. UYesu wathi: “Kuya kubakho ukunqongophala kokutya.” (Mateyu 24:7) Ngowama-2005, iphephancwadi iScience lathi: “Ehlabathini kukho abantu abazizigidi ezingama-854 (malunga ne-14 ekhulwini labemi) abangondlekanga.” Ngowama-2007 omnye umthombo weUnited Nations wathi amazwe angama-33 awanakutya kwaneleyo. Kunokwenzeka njani oko ekubeni ukutya okuziinkozo kudlal’ abantwana? Kaloku, ukutya okuziinkozo ebekudla ngokondla abantu, ngoku kwenziwa iethanol ngako. Iphephandaba laseMzantsi Afrika, iThe Witness lithi: “I-ethanol enokuzalisa itanki lemoto etsala ngawo omane (four-wheel-drive) isebenzisa ukutya okuziinkozo okunokondla umntu unyaka wonke.” Kumazwe ahambele phambili kwezoqoqosho, ukonyuka kwamaxabiso okutya kubangela ukuba abantu bakhethe phakathi kokuthenga isidlo sasemini nokuhlawula amayeza okanye izixhobo zokufudumeza indlu.

Iinyikima Zomhlaba Ezinkulu. UYesu wathi: “Kuya kubakho iinyikima zomhlaba ezinkulu.” (Luka 21:11) Ukuba ucinga ukuba baninzi abantu abachanabeka kwiinyikima, uchan’ ucwethe. Ngowama-2007 isazinzulu ngenyikima saseIndiya uR. K. Chadha sathi: “Ngoku iinyikima ziya zisanda ehlabathini jikelele. Akakho umntu osaziyo isizathu.” Ukongezelela koko, ngenxa yokwanda kwabantu abakha kwiindawo ezithandwa ziinyikima, le ntlekele iqengq’ ugodo. IU.S Geological Survey ithi: “Inyikima eyayikuLwandlekazi lwaseIndiya ngowama-2004 eyalandelwa yitsunami “yeyona yabalulala abantu abaninzi kwisithuba seminyaka engama-500 yaye yaba yeyesibini ukwenjenjalo embalini.”

Izifo Ezingalawulekiyo. UYesu wathi: “Kuya kubakho . . . neendyikitya zokufa.” (Luka 21:11) Ehlabathini jikelele abantu abaninzi bagula zizifo ezidala nezisandul’ ukuvela, yaye azinyangeki. Ngokomzekelo, amazwe ngamazwe kuye kwafuneka asoloko ephucula iindlela zokunyanga isifo seengcongconi. Ukongezelela, izigidi zabantu zibulawa zizifo ekudala zikho, ezinjengesifo sephepha, esihamba noGawulayo nezifo ezitsha. IWorld Health Organization ithi: “Ngoku sithethayo, isinye kwisithathu kubantu abasehlabathini sinesifo sephepha.” Le ntlangano ithi kumazwe amaninzi intsholongwane kaGawulayo inegalelo ekwandeni kwesifo sephepha. Mzuzwana ngamnye, kukho umntu owasulelwa sesi sifo, yaye asinyangeki. Iphephancwadi iNew Scientist lithi: Ngowama-2007 kwafunyaniswa ukuba esinye isigulana saseYurophu “sinesifo sephepha esinganyangekiyo.”

Ukuwohloka Kwemilinganiselo Yokuziphatha Neyentlalo. UYesu wathi: “Ngenxa yokwanda kokuchas’ umthetho luya kuphola uthando lwabaninzi.” (Mateyu 24:12) Ukongezelela kula mazwi kaYesu, umpostile uPawulos wathetha ngokuwohloka kwemilinganiselo yokuziphatha neyentlalo. Wathi ngaphambi kokuba uBukumkani bukaThixo buphelise le nkqubo yehlabathi, kuya kufika “imihla yokugqibela” ekuya kuba nzima ukujamelana nayo. “Abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, abazidlayo, abanekratshi, abanyelisi, abangathobeli bazali, abangenambulelo, abanganyanisekanga, abangenawo umsa wemvelo, abangayifuni kwaphela imvisiswano, abanyelisi, abangenakuzeyisa, iindlobongela, abangathandi kulunga, abangcatshi, abaneentloko ezilukhuni, abakhukhumele likratshi, abathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo, benembonakalo yozinikelo lobuthixo kodwa bengaphili ngokuvisisana nalo; ngoko ke zikhwebule kwabanjalo.” (2 Timoti 3:1-5) Ngaba namhlanje abantu abazibonisi ngakumbi ezi mpawu?

UYesu noPawulos abazange bathethe ngazo zonke izinto zembali, ezentlalo nezopolitiko ezifak’ isandla kwiimeko zehlabathi. Sekunjalo, iziprofeto zabo zizichaza ngokuchanileyo iziganeko nezimo zengqondo zabantu esizibonayo namhlanje. Kuthekani ngekamva? Isiprofeto sikaIsaya esakuchaza ngokuchanileyo ukufika kukaMesiya, sikwachaza neenguqu eziza kuziswa buBukumkani bukaThixo emhlabeni. Ezo nguqu siza kufunda ngazo kwinqaku elilandelayo.

[Umfanekiso okwiphepha 6]

“Uhlanga luya kuvukelana nohlanga”

[Umfanekiso okwiphepha 7]

“Kuya kubakho . . . neendyikitya zokufa”

[Inkcazelo]

© WHO/P. Virot

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share