Ixabiseke Kangakanani Inyaniso Kuwe?
“Niya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula.”—YOHANE 8:32.
1. Yayahluke njani indlela uPilato awalisebenzisa ngayo igama elithi “inyaniso” kwindlela uYesu awalisebenzisa ngayo?
“YINTONI na inyaniso?” Xa uPilato wabuza lo mbuzo, eneneni, wayenomdla kwinyaniso nje eqhelekileyo. Kwelinye icala, uYesu wayesandul’ ukuthi: “Ndizalelwe oku, yaye ndizele oku ehlabathini, ukuze ndiyingqinele inyaniso.” (Yohane 18:37, 38) Ngokungafaniyo noPilato, uYesu wayebhekisela kwinyaniso evela kuThixo.
Isimo Sengqondo Sehlabathi Ngokuphathelele Inyaniso
2. Ngawaphi amazwi awathethwa nguYesu abonisa indlela exabiseke ngayo inyaniso?
2 UPawulos wathi: “Ukholo asinto banayo bonke abantu.” (2 Tesalonika 3:2) Kunokuthethwa into efanayo nangenyaniso. Kwanaxa befumene ithuba lokwazi inyaniso esekelwe eBhayibhileni, abaninzi bakhetha ukungayikhathaleli. Ukanti, ixabiseke ngokwenene! UYesu wathi: “Niya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula.”—Yohane 8:32.
3. Sisiphi isilumkiso esiphathelele iimfundiso ezikhohlisayo esifanele sisithobele?
3 Umpostile uPawulos wathi inyaniso yayingayi kufunyanwa kwiintanda-bulumko nezithethe zabantu. (Kolose 2:8) Eneneni, iimfundiso ezinjalo ziyinkohliso. UPawulos walumkisa amaKristu ase-Efese esithi ukuba ayekholelwa kuzo, ayeza kuba afana neentsana ngokomoya ‘ezikhukuliswa ngamaza nayiyo yonke imimoya yeemfundiso zabakhohlisi abalahlekisa abantu ngobuqhokolo.’ (Efese 4:14) Namhlanje, ‘ukukhohlisa kwabantu’ kuhambela phambili ngenxa yobuxoki obusasazwa ngabo bachasa inyaniso evela kuThixo. Ubuxoki obunjalo bugqwetha inyaniso ibe bubuxoki buze ubuxoki bubonakale njengenyaniso. Ukuze sifumane inyaniso nakuba kukho inkohliso embi ngolo hlobo, simele sifunde iZibhalo ngenkuthalo.
AmaKristu Nehlabathi
4. Yenziwe ukuba ifumaneke koobani inyaniso, yaye yiyiphi imbopheleleko abanayo abo bayamkelayo?
4 Ebhekisela kwabo baba ngabafundi bakhe, uYesu Kristu wathandaza kuYehova wenjenje: “Bangcwalise ngayo inyaniso; ilizwi lakho liyinyaniso.” (Yohane 17:17) Abo bafundi babeza kungcwaliswa okanye bahlulwe ukuze bakhonze uYehova baze bazise abanye ngegama lakhe noBukumkani bakhe. (Mateyu 6:9, 10; 24:14) Nangona ingamkelwa ngabo bonke abantu, inyaniso kaYehova iyafumaneka njengesipho sesisa kubo bonke abo bayifunayo, kungakhathaliseki ukuba ngabaluphi na uhlanga, isizwe okanye ingakhathaliseki indlela abakhuliswe ngayo. Umpostile uPetros wathi: “Ndiyaqonda ukuba uThixo akakhethi buso, kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.”—IZenzo 10:34, 35.
5. Kutheni amaKristu ngokufuthi etshutshiswa?
5 AmaKristu abelana nabanye ngenyaniso yeBhayibhile kodwa akamkelekanga kuyo yonk’ indawo. UYesu walumkisa: ‘Abantu baya kuninikela ekubandezelweni, banibulale, nithiywe ziintlanga zonke ngenxa yegama lam.’ (Mateyu 24:9) Egqabaza ngale ndinyana, umfundisi waseIreland uJohn R. Cotter, ngowe-1817 wabhala: “Imigudu yawo [amaKristu] yokuguqula ubomi babantu ngokushumayela kwawo, kunokuba yenze abantu babe nombulelo ibangela ukuba babatshutshise abafundi ngenxa yokubhenca imikhuba yabo.” Abo babatshutshisayo ‘abalwamkeli uthando lwenyaniso ukuze basindiswe.’ Ngenxa yesi sizathu, “uThixo ubayekele ekulahlekisweni nasekukholelweni ubuxoki, ukuze bagwetywe bonke ngenxa yokuba bengayikholelwanga inyaniso, basuka bakholiswa yintswela-bulungisa.”—2 Tesalonika 2:10-12.
6. Yiyiphi iminqweno umKristu angamele ayihlakulele?
6 Umpostile uYohane ululeka amaKristu aphila kweli hlabathi lizele yintiyo esithi: “Musani ukulithanda ihlabathi nezinto ezisehlabathini. . . . Konke okusehlabathini—inkanuko yenyama nenkanuko yamehlo nokuqhayisa ngezinto zobu bomi—akuphumi kuBawo, kodwa kuphuma ehlabathini.” (1 Yohane 2:15, 16) Xa uYohane esithi “konke,” akukho nto ayishiyayo. Ngenxa yesi sizathu asimele sihlakulele ukuba nomnqweno wayo nantoni na ekweli hlabathi enokusenza siphambuke enyanisweni. Ukuthobela isiluleko sikaYohane kuya kuba nempembelelo enamandla ebomini bethu. Njani?
7. Ukwazi inyaniso kubakhuthaza njani abo baneentliziyo ezilungileyo?
7 Ebudeni bonyaka wama-2001, amaNgqina kaYehova asehlabathini lonke aye aqhuba izifundo zeBhayibhile zamakhaya ezingaphezu kwezigidi ezine ezinesiqingatha, efundisa abantu namaqela abantu ngemilinganiselo kaThixo yobomi. Ngenxa yoko, kuye kwabhaptizwa abantu abangama-263 431. Aba bafundi batsha baye banoxabiso ngokukhanya kwenyaniso, yaye baye balugatya unxulumano olubi neendlela zokuziphatha okubi zokungahlonel’ uThixo ezixhaphakileyo kweli hlabathi. Ekubeni bebhaptiziwe, baye baqhubeka bephila ngokuvisisana nemilinganiselo uYehova ayimisele onke amaKristu. (Efese 5:5) Ngaba inyaniso ixabiseke ngaloo ndlela kuwe?
UYehova Usikhathalele
8. Usabela njani uYehova kuzahlulelo lwethu, yaye kutheni kububulumko ‘ukufuna kuqala ubukumkani’?
8 Nangona singafezekanga, uYehova ngenceba uyalwamkela uzahlulelo lwethu, ngokungathi kunjalo, uyehla aze asitsalele kuye. Ngaloo ndlela, usifundisa ukuba sizibekele usukelo oluphakamileyo neminqweno emihle. (INdumiso 113:6-8) Kwangaxeshanye, uYehova uyasivumela ukuba sibe nolwalamano lobuqu kunye naye, yaye uthembisa ukuba uya kusikhathalela ukuba ‘siqhubeka sifuna kuqala ubukumkani nobulungisa bakhe.’ Ukuba senza oku size silondoloze impilo yethu yokomoya, uyasithembisa: “Zonke ezinye izinto ziya kongezelelwa kuni.”—Mateyu 6:33.
9. Ngubani “olikhoboka elithembekileyo neliyingqondi,” yaye uYehova ulisebenzisa njani elo ‘khoboka’ ukuze lisinyamekele?
9 UYesu Kristu wanyula abapostile bakhe abali-12 waza wabeka isiseko sebandla lamaKristu athanjisiweyo lawo abizwa ngokuba ‘nguSirayeli kaThixo.’ (Galati 6:16; ISityhilelo 21:9, 14) Kamva achazwa ‘njengebandla loThixo ophilayo, intsika nesixhaso senyaniso.’ (1 Timoti 3:15) UYesu wabiza amalungu elo bandla ngokuthi ‘likhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ nangokuthi ‘ligosa elithembekileyo, elo liyingqondi.’ Loo mkhonzi uthembekileyo, uYesu wathi, wayeya kuba nembopheleleko yokunika amaKristu ‘umlinganiselo wawo wokutya ngexesha elifanelekileyo.’ (Mateyu 24:3, 45-47; Luka 12:42) Xa ukutya kungekho siyalamba sife. Ngokufanayo, xa singazondli ngokutya kokomoya, siba buthathaka size sife ngokomoya. Ngoko ke, ukubakho ‘kwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ bobunye ubungqina bokuba uYehova uyasinyamekela. Ngamana singasoloko siwaxabisa amalungiselelo axabisekileyo okomoya esiwafumana ngelo “khoboka.”—Mateyu 5:3.
10. Kutheni kubalulekile ukuba sibekho rhoqo kwiintlanganiso?
10 Ukuzondla ngokutya kokomoya kuquka ufundisiso lobuqu. Kukwaquka ukunxulumana namanye amaKristu nokuya kwiintlanganiso zebandla. Ngaba ukhumbula kakuhle ukuba utye ntoni kwiinyanga ezintandathu okanye kwanakwiiveki ezintandathu ezidluleyo? Mhlawumbi akukhumbuli. Sekunjalo, enoba yintoni na oyityileyo ufumene izondlo eziyimfuneko ezikwenza womelele. Yaye mhlawumbi uye watya ukutya okufanayo ukususela ngelo xesha. Kuyafana ke nangokutya kokomoya esikufumana kwiintlanganiso zamaKristu. Mhlawumbi asikukhumbuli ngokweenkcukacha oko siye sakuva kwiintlanganiso. Yaye mhlawumbi siye safumana inkcazelo efanayo izihlandlo eziliqela. Sekunjalo, kukutya kokomoya, okuyimfuneko ukuze siphile. Kwiintlanganiso zethu sisoloko sifumana ukutya okunezondlo zokomoya, okufika ngexesha elifanelekileyo.
11. Yiyiphi imbopheleleko esinayo xa sikwiintlanganiso zamaKristu?
11 Ukuya kwiintlanganiso zamaKristu kuzisa imbopheleleko kuthi. AmaKristu abongozwa ukuba ‘akhuthazane,’ avuselele amanye amalungu ebandla “eluthandweni nasemisebenzini emihle.” Ukulungiselela, ukuya nokuba nenxaxheba kuzo zonke iintlanganiso zamaKristu komeleza ukholo lwethu njengabantu ngabanye yaye kuyabakhuthaza abanye. (Hebhere 10:23-25) Njengabantwana abancinane abasenokungalufuni uhlobo oluthile lokutya, abanye kusenokufuneka bakhuthazwe rhoqo ukuba bazondle ngokutya kokomoya. (Efese 4:13) Ukunikela ukhuthazo olunjalo xa kuyimfuneko kukubonakalisa uthando ukuze abo banjalo babe ngamaKristu aqolileyo, lawo umpostile uPawulos wabhala ngawo wathi: “Ukutya okuqinileyo kokwabantu abaqolileyo, abo bathe ngokuwasebenzisa amandla abo okuqonda bawaqeqeshela ukwahlula okulungileyo nokubi.”—Hebhere 5:14.
Ukuzinyamekela Ngokomoya
12. Yimbopheleleko kabani ukuhlala kwethu sisenyanisweni? Chaza.
12 Amaqabane ethu omtshato okanye abazali bethu banokusikhuthaza ukuba sihlale kwindlela yenyaniso. Ngokufanayo, abadala bebandla banokusalusa njengenxalenye yomhlambi abawunyamekelayo. (IZenzo 20:28) Kodwa ekugqibeleni, yimbopheleleko kabani ukuhlala kwethu sinyamezele kwindlela yenyaniso? Eneneni, yimbopheleleko yakhe ngamnye wethu. Yaye oku kunjalo kwiimeko eziqhelekileyo nangamaxesha obunzima. Khawucinge ngesi siganeko silandelayo.
13, 14. Njengoko kuboniswe kumava aphathelele itakane, sinokulufumana njani uncedo olufunekayo lokomoya?
13 ESkotlani, amatakane ezimvu ayesidla kwidlelo elithile xa elinye lawo labhadula laya ngakwenye indulana laza leyela elungqamekweni. Alizange lenzakale, kodwa lalisoyika yaye lalingakwazi ukunyuka liphume apho. Ngoko laqalisa ukukhala kalusizi. Unina waliva, yaye naye waqalisa ukunxakama de umalusi weza kulikhupha elo takane.
14 Phawula indlela ezilandelelana ngayo ezi ziganeko. Eli takane lafuna uncedo, nonina wanxakama, yaye emva kokuba umalusi evile wathabatha amanyathelo ngoko nangoko ukuze alisindise. Ukuba isilwanyana esincinane nonina ziyakwazi ukubona ingozi zize zifune uncedo ngoko nangoko, ngaba asifanele senze okufanayo nathi xa sikhubeka ngokomoya okanye xa sijamelene neengozi ebesingazilindelanga kwihlabathi likaSathana? (Yakobi 5:14, 15; 1 Petros 5:8) Sifanele senjenjalo, ngokukodwa ukuba asinamava mhlawumbi ngenxa yokuba siselula okanye ngenxa yokuba sisebatsha enyanisweni.
Ukulandela Ulwalathiso LukaThixo Kubangela Ulonwabo
15. Lavakalelwa njani elinye ibhinqa ekuqaliseni kwalo ukunxulumana nebandla lamaKristu?
15 Phawula ukuxabiseka kokuqonda iBhayibhile noxolo lwengqondo okulubangelayo kwabo bakhonza uThixo wenyaniso. Ibhinqa elineminyaka engama-70 ubudala, elalingumTshetshi ubomi balo bonke lavuma ukufundisisa iBhayibhile nomnye wamaNgqina kaYehova. Ngokukhawuleza lafunda ukuba igama likaThixo nguYehova yaye lathelela ngokuthi “Amen” kwimithandazo eyayisenziwa esidlangalaleni kwiHolo yoBukumkani yasekuhlaleni. Lichukumisekile, lathi: “Kunokuba uThixo nimchaze njengalowo abantu abangenakufikelela kuye, kubonakala ngathi nimsondeza kuthi njengomhlobo osenyongweni. Andizange ndivakalelwe ngaloo ndlela ngaphambili.” Mhlawumbi, loo mntu unomdla nothandekayo akasayi kuze ayilibale indlela eyamchukumisa ngayo inyaniso ngesihlandlo sokuqala. Ngamana nathi ngokufanayo, asingeyilibali indlela eyayixabiseke ngayo inyaniso kuthi ekuqaleni kwethu ukuyamkela.
16. (a) Yintoni ebinokwenzeka ukuba ukuzuza imali ibiyeyona nto iphambili kuthi? (b) Sinokulufumana njani ulonwabo lokwenene?
16 Abaninzi bakholelwa ukuba xa benokuba nemali eninzi, banokonwaba ngakumbi. Noko ke, ukuba eyona nto iphambili ebomini bethu kukuzuza imali, sinokubhuqwa “ziinzingo ezingathethekiyo.” (1 Timoti 6:10, Phillips) Qwalasela indlela abaninzi ngayo abantu abathenga amatikiti elottery, abachitha imali kumaziko okungcakaza, okanye bachithe imali ngokungakhathali bethenga izahlulo zamashishini, benethemba lokuzuza intywenka yemali. Bambalwa kakhulu abaye bayifumane intywenka yemali ebebenethemba lokuyifumana. Ngokufuthi kwanabo bayifumanayo baye bafumanise ukuba ubutyebi babo babumini abubangeli ukuba bonwabe. Kunoko, ulonwabo oluhlala luhleli lubangelwa kukwenza ukuthanda kukaYehova, ukusebenza nebandla lamaKristu phantsi kokhokelo lomoya oyingcwele kaYehova nangoncedo lweengelosi zakhe. (INdumiso 1:1-3; 84:4, 5; 89:15) Xa sisenza oku, sisenokuzuza iintsikelelo ebesingazilindelanga. Ngaba inyaniso ixabiseke ngokwaneleyo kuthi ukuba ingasenza sizuze iintsikelelo ezinjalo?
17. Ukuhlala kukaPetros noSimon, owayengumsuki, kwakutyhila ntoni ngesimo sengqondo salo mpostile?
17 Phawula amava kampostile uPetros. Ngomnyaka wama-36 C.E., njengomvangeli wasemazweni watyelela kwiThafa laseSharon. Wamisa eLida, apho waphilisa uAyineya owayefe umzimba waza wadlulela kwizibuko laseYopa. Apho wavusa uDorkas. IZenzo 9:43 zithi: “Kangangemihla eliqela wahlala eYopa kunye noSimon othile, umsuki.” Le ngxelo imfutshane ibonisa ukuba uPetros wayengakhethi xa elungiselela abantu beso sixeko. Njani? Umphengululi weBhayibhile uFrederic W. Farrar uthi: “Akukho mlandeli ungqongqo nongalalanisiyo woMthetho [kaMoses] owawudluliselwa Ngomlomo owayenokulukuhlelwa ukuba ahlale endlwini yomsuki. Ukuphatha kwakhe izikhumba nemizimba yezilwanyana ezifileyo ezahlukahlukeneyo yonke imihla nto leyo kwakufuneka eyenzile ngenxa yomsebenzi wakhe, nezixhobo ezaziyimfuneko ekwenzeni lo msebenzi, kwakubangela ukuba ube yinto engahlambulukanga neyenyanyekayo kubo bonke abo babenamathele ngokungqongqo emthethweni.” Kwanokuba ‘indlu kaSimon eyayingaselwandle’ yayingekho kufuphi nendawo awayewenzela kuyo umsebenzi wakhe wokusuka, uSimon wayesenza “umsebenzi ogqalwa njengento eyenyanyekayo obenza bajongelwe phantsi bonke abantu abawenzayo,” utsho lo kaFarrar.—IZenzo 10:6.
18, 19. (a) Yintoni eyabangela ukuba uPetros adideke ngenxa yombono awawubonayo? (b) Yiyiphi intsikelelo eyafunyanwa nguPetros engalindelanga?
18 UPetros owayengenakhethe wabamkela ububele bukaSimon, yaye ngoxa wayelapho, uPetros wafumana ulwalathiso oluvela kuThixo awayengalulindelanga. Wabona umbono awayalelwa kuwo ukuba atye izidalwa ezazingahlambulukanga ngokuvisisana nomthetho wamaYuda. UPetros wala ngelithi akazange ‘ayidle nantoni na eyinqambi nengahlambulukanga.’ Kodwa izihlandlo ezithathu waxelelwa oku: “Musa ukuzibiza ngokuba ziyinqambi izinto uThixo aye wazihlambulula.” Siyaqondakala isizathu sokuba ‘uPetros adideke kakhulu ngaphakathi mayela noko usenokuba uthetha kona umbono awayewubonile.’—IZenzo 10:5-17; 11:7-10.
19 UPetros wayengaqondi ukuba ngosuku olungaphambili eKesareya, ekumgama omalunga neekhilomitha ezingama-50, omnye weeNtlanga obizwa ngokuba nguKorneli naye wayebone umbono. Ingelosi kaYehova yayalela uKorneli ukuba athumele izicaka zakhe ukuba zikhangele uPetros kwindlu kaSimon umsuki. UKorneli wathumela izicaka zakhe endlwini kaSimon, yaye uPetros wabuyela nazo eKesareya. Apho washumayela kuKorneli, kwizalamane nezihlobo zakhe. Ngenxa yoko, baba ngamakholwa okuqala kwiiNtlanga ezingalukanga ezafumana umoya oyingcwele njengeendlalifa zoBukumkani. Nakuba la madoda ayengalukanga, bonke abo beva amazwi kaPetros babhaptizwa. Oku kwavulela abantu beentlanga, ababegqalwa njengabangahlambulukanga ngokwembono yamaYuda, ukuba babe ngamalungu ebandla lamaKristu. (IZenzo 10:1-48; 11:18) UPetros waba nelungelo elikhethekileyo ngenxa nje yokuba inyaniso yayixabisekile kuye yaye oko kwambangela ukuba athobele ulwalathiso oluvela kuYehova yaye athabathe amanyathelo abonakalisa ukuba unokholo!
20. Luluphi uncedo esilufumana kuThixo xa sibeka inyaniso kwindawo yokuqala ebomini bethu?
20 UPawulos uyasibongoza: “Njengoko sithetha inyaniso, masithi ngalo uthando sikhule ezintweni zonke kuye lowo uyintloko, uKristu.” (Efese 4:15) Ewe, inyaniso iya kusibangela ukuba sonwabe ngendlela engenakuthelekiswa nanto ngoku, ukuba sibeka inyaniso kwindawo yokuqala ebomini bethu size sivumele uYehova asikhokele ngomoya wakhe oyingcwele. Kwakhona, cinga ngenkxaso esiyifumana kwiingelosi ezingcwele kumsebenzi wethu wokushumayela. (ISityhilelo 14:6, 7; 22:6) Elinjani lona ilungelo esinalo ngaloo nkxaso siyifumanayo kumsebenzi uYehova asiyalele ukuba siwenze! Ukugcina ingqibelelo kuya kusibangela ukuba sidumise uYehova, uThixo wenyaniso, ukusa emaphakadeni. Ngaba ikho into exabiseke ngaphezu kwaleyo?—Yohane 17:3.
Sifunde Ntoni?
• Kutheni abantu abaninzi bengayamkeli inyaniso?
• AmaKristu afanele azijonge njani izinto zehlabathi likaSathana?
• Sifanele sibe njani isimo sethu sengqondo ngokuphathelele iintlanganiso, yaye ngoba?
• Yiyiphi imbopheleleko esinayo ngokuphathelele ukuzinyamekela ngokomoya?
[Imaphu/Umfanekiso okwiphepha 18]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
ULWANDLE OLUKHULU
EKesareya
ITHAFA LASESHARON
EYopa
ELida
EYerusalem
[Umfanekiso]
UPetros wamkela ulwalathiso lukaThixo waza wafumana iintsikelelo awayengazilindelanga
[Inkcazelo]
Map: Mountain High Maps® Copyright © 1997 Digital Wisdom, Inc.
[Umfanekiso okwiphepha 13]
UYesu wayingqinela inyaniso
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Njengoko kunjalo ngokutya kokwenyama, ukutya kokomoya kubalulekile ukuze siphile