Ukukhonza UKristu UKumkani Ngokuthembeka
“Wanikwa ulawulo nesidima nobukumkani, ukuze zonke izizwana neentlanga neelwimi zimkhonze.”—DANIYELI 7:14.
1, 2. Sazi njani ukuba uKristu akazange abe nguKumkani ngokupheleleyo ngowama-33 C.E.?
NGUWUPHI umlawuli owayenokufela abakhonzi bakhe aze aphinde abalawule njengokumkani? Nguwuphi ukumkani owayenokuphila emhlabeni, akwazi ukwenza abalawulwa bakhe bamthembe yaye banyaniseke kuye, aze abalawule esezulwini? Ekuphela komntu owayenokukwazi ukwenza oku—nezinye izinto ezininzi—nguYesu Kristu. (Luka 1:32, 33) NgePentekoste yowama-33 C.E., emva kokuba uKristu efile, wavuswa waza wanyukela ezulwini, uThixo “wamenza intloko yezinto zonke kulo ibandla.” (Efese 1:20-22; IZenzo 2:32-36) Ngaloo ndlela uKristu waqalisa ukulawula ukusa kumkhamo othile. Abalawulwa bakhe bokuqala yayingamaKristu athanjisiweyo, awayebumba uSirayeli wokomoya, “uSirayeli kaThixo.”—Galati 6:16; Kolose 1:13.
2 Malunga neminyaka engama-30 emva kwePentekoste yowama-33 C.E., umpostile uPawulos waqinisekisa ukuba uKristu akazange alawule ngokupheleleyo njengoKumkani, kodwa “wahlala phantsi ngasekunene kukaThixo, elindele ukuba zide iintshaba zakhe zibekwe njengesihlalo seenyawo zakhe.” (Hebhere 10:12, 13) Kwala ngasekupheleni kwenkulungwane yokuqala, umpostile uYohane owayesele aluphele wabona iNkosi enguMongami, uYehova, emisela uKristu Yesu njengoKumkani woBukumkani obutsha bamazulu. (ISityhilelo 11:15; 12:1-5) Ngokwembali esinayo namhlanje, singaphonononga ubungqina obuqinisekisa ukuba uKristu waqalisa ukulawula njengoKumkani onguMesiya ezulwini ngowe-1914.a
3. (a) Liliphi inyathelo elitsha eliye lathatyathwa ukuze kushunyayelwe iindaba ezilungileyo zoBukumkani ukususela ngowe-1914? (b) Yiyiphi imibuzo esinokuzibuza yona?
3 Ewe, ukususela ngowe-1914 ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo zoBukumkani kuye kwathath’ unyawo. UKristu ebelawula njengoKumkani woBukumkani bukaThixo basezulwini, nangona ebelawula ‘phakathi kweentshaba zakhe.’ (INdumiso 110:1, 2; Mateyu 24:14; ISityhilelo 12:7-12) Ngaphezu koko, kuwo wonke umhlaba, abalawulwa bakhe abanyanisekileyo basabela ngolangazelelo kwigunya lakhe ngokuba nenxaxheba kwinkqubo yokufundisa iBhayibhile ehlabathini lonke ngendlela engazange yabonwa kwimbali yoluntu. (Daniyeli 7:13, 14; Mateyu 28:18) AmaKristu athanjisiweyo, “oonyana bobukumkani,” akhonza ‘njengoonozakuzaku abamela uKristu.’ Axhaswa sisihlwele ‘sezinye izimvu,’ zikaKristu ezingabathunywa boBukumkani bukaThixo. (Mateyu 13:38; 2 Korinte 5:20; Yohane 10:16) Sekunjalo, ngamnye kuthi kufuneka azihlole enoba uyaligqala kusini na igunya likaKristu. Ngaba sinyaniseke ngokungagungqiyo kuye? Singabonisa njani ukuba sinyanisekile kulo Kumkani ulawula esezulwini? Makhe siqale sixubushe ngezizathu zokuba sinyaniseke kuKristu.
Ukumkani Oneempawu Ezenza Abalawulwa Bakhe Bafune Ukunyaniseka Kuye
4. NjengoKumkani Omiselweyo, yintoni awayiphumezayo uYesu kubulungiseleli bakhe xa wayelapha emhlabeni?
4 Isizathu sokuba sinyaniseke kuKristu kukuba simxabisile ngenxa yezinto aye wasenzela zona neempawu zakhe ezibalaseleyo. (1 Petros 1:8) Ngoxa wayelapha emhlabeni, uYesu njengoKumkani Omiselweyo wabonisa ngomlinganiselo othile oko aya kukwenzela abantu xa sele elawula njengoKumkani womhlaba wonke ngexesha likaThixo elifanelekileyo. Wondla abalambileyo, waphilisa abagulayo, iimfama, imilwelwe, izithulu nezimumu. Wade wavusa nabathile ababefile. (Mateyu 15:30, 31; Luka 7:11-16; Yohane 6:5-13) Ukongezelela koko, ukwazi indlela awaphila ngayo uYesu apha emhlabeni kusinceda sazi iimpawu zakhe njengoMlawuli womhlaba wexesha elizayo—olona lubalaseleyo iluthando lwakhe lokuzincama. (Marko 1:40-45) Kule nkalo, kuthiwa uNapoléon Bonaparte wathi: “UAlesandire, uKesare noCharlemagne, nam saseka ubukhosi, kodwa yintoni esayisekela phezu kwayo le misebenzi yethu mikhulu? Ekusebenziseni igunya. NguYesu Kristu kuphela owasekela ubukumkani bakhe phezu kothando, yaye nanamhlanje izigidi zabantu zikulungele ukufa ngenxa yakhe.”
5. Kwakutheni ukuze bube nomtsalane kangaka ubuntu bukaYesu?
5 Ekubeni uYesu wayenobulali ethobekile ngentliziyo, abantu abadimazekileyo ziingcinezelo neengxaki zobomi babehlaziywa ziimfundiso nabububele bakhe. (Mateyu 11:28-30) Abantwana babekhululeka xa bekunye naye. Amadoda athobekileyo naqondayo akuvuyela ukuba ngabafundi bakhe. (Mateyu 4:18-22; Marko 10:13-16) Uvelwano lwakhe nentlonelo zamenza wafumana abalandeli ababhinqileyo abaninzi aboyika uThixo, iqela labo lanikela ngexesha lalo, imigudu nangezinto eziphathekayo ukuze limnyamekele njengoko wayesenza ubulungiseleli bakhe.—Luka 8:1-3.
6. Ziziphi iimvakalelo ezinzulu ezaboniswa nguYesu xa kwafa uLazaro?
6 UKristu wabonisa iimvakalelo zakhe xa kwafa umhlobo wakhe uLazaro. Wakhathazwa gqitha yintlungu kaMariya noMarta kangangokuba akazange akwazi ukuzibamba wagcuma “zathi waxa iinyembezi.” “Wakhathazeka”—ebuhlungu, nangona wayesazi ukuba wayeza kumvusa uLazaro. Ngenxa yothando nemfesane, uYesu wasebenzisa igunya aliphiwe nguThixo wavusa uLazaro.—Yohane 11:11-15, 33-35, 38-44.
7. Kutheni sifanele sinyaniseke kuYesu? (Funda ibhokisi ekwiphepha 31.)
7 Sikothulel’ umnqwazi ukuthanda kukaYesu ubulungisa nokuthiya kwakhe uhanahaniso nobungendawo. Izihlandlo ezibini wagxotha abarhwebi abanyolukileyo ababerhweba etempileni. (Mateyu 21:12, 13; Yohane 2:14-17) Ukongezelela, ekubeni wayengumntu apha emhlabeni, wachanabeka kuzo zonke iintlobo zobunzima, nto leyo eyamnika amava ngeengcinezelo neengxaki esijamelene nazo. (Hebhere 5:7-9) UYesu wayesazi kakuhle nokuba kunjani ukuba lixhoba lentiyo nokungabikho kokusesikweni. (Yohane 5:15-18; 11:53, 54; 18:38–19:16) Ekugqibeleni wavumela ukubulawa kabuhlungu ephumeza ukuthanda kukaYise ukuze abalawulwa bakhe bazuze ubomi obungunaphakade. (Yohane 3:16) Ngaba iimpawu ezinjalo zikaKristu azikwenzi ufune ukumkhonza ngokunyaniseka? (Hebhere 13:8; ISityhilelo 5:6-10) Kodwa yintoni efunekayo ukuze ube ngumlawulwa kaKristu uKumkani?
Ukufanelekela Ukuba Ngumlawulwa Wakhe
8. Yintoni efunekayo kubalawulwa bakaKristu?
8 Khawucinge ngalo mzekelo: Ukuze ube ngummi welinye ilizwe kudla ngokufuneka uhlangabezane neemfaneleko ezithile. Kusenokufuneka ube negama elihle yaye ubesempilweni. Ngokufanayo, abalawulwa bakaKristu kufuneka babenemilinganiselo ephakamileyo yokuziphatha yaye baphile ngokomoya.—1 Korinte 6:9-11; Galati 5:19-23.
9. Singabonisa njani ukuba sinyanisekile kuKristu?
9 Ngokufanelekileyo uYesu Kristu ufuna ukuba abalawulwa bakhe banyaniseke kuye nakuBukumkani bakhe. Oko kunyaniseka bakubonisa ngokuphila ngokuvisisana nezinto awazifundisayo xa wayelapha emhlabeni njengoKumkani Omiselweyo. Ngokomzekelo, babeka izilangazelelo zoBukumkani nokuthanda kukaThixo ngaphambi kwezinto eziphathekayo. (Mateyu 6:31-34) Baphinde bazame ukubonisa ubuntu bukaKristu, naphantsi kwezona meko zivavanyayo. (1 Petros 2:21-23) Ukongezelela, abalawulwa bakaKristu baxelisa umzekelo wakhe ngokunceda abanye.—Mateyu 7:12; Yohane 13:3-17.
10. Kunokuboniswa njani ukunyaniseka kuKristu (a) entsatsheni (b) nasebandleni?
10 Abalandeli bakaYesu baphinda babonise ukunyaniseka kwabo kuye ngokubonakalisa iimpawu zakhe entsatsheni. Ngokomzekelo, abayeni babonisa ukunyaniseka kuKumkani wabo wasezulwini ngokuxelisa uKristu kwindlela ababaphatha ngayo abafazi nabantwana babo. (Efese 5:25, 28-30; 6:4; 1 Petros 3:7) Abafazi babonisa ukunyaniseka kuKristu ngehambo enyulu nangokubonisa ‘umoya ozolileyo nowobulali.’ (1 Petros 3:1-4; Efese 5:22-24) Abantwana baya kuba banyanisekile kuKristu xa belandela umzekelo wakhe wokuthobela. Eselula, uYesu waqhubeka ebathobela abazali bakhe, nangona babengafezekanga. (Luka 2:51, 52; Efese 6:1) Abalawulwa bakaKristu bakuzabalazela ngokunyanisekileyo ukumxelisa ngokuba ‘novelwano, umsa wobuzalwana, imfesane, ukuthobeka kwengqondo bengabuyiseli ububi ngobubi okanye ukutshabhisa ngokutshabhisa.’—1 Petros 3:8, 9; 1 Korinte 11:1.
Abalawulwa BakaKristu Bayawuthobela Umthetho
11. Yiyiphi imithetho ethotyelwa ngabalawulwa bakaKristu?
11 Kanye njengokuba abantu abafuna ukuba ngabemi belinye ilizwe beyithobela imithetho yelo lizwe litsha, abalawulwa bakaKristu bathobela “umthetho kaKristu” ngokuvisisanisa ubomi babo nazo zonke izinto awazifundisayo nawaziyalelayo uYesu. (Galati 6:2) Ngokukhethekileyo, baphila ‘ngomthetho wakomkhulu’ wokuba nothando. (Yakobi 2:8) Iquka ntoni le mithetho?
12, 13. Siwuthobela njani “umthetho kaKristu” ngokunyaniseka?
12 Abalawulwa bakaKristu abafezekanga kwaye banazo iintsilelo. (Roma 3:23) Ngenxa yoko kufuneka bahlakulele “umsa wobuzalwana ongenaluhanahaniso” ukuze ‘bathandane kakhulu ngokusuka entliziyweni.’ (1 Petros 1:22) “Ukuba nabani na unesizathu sokukhalazela omnye,” ngokunyaniseka amaKristu asebenzisa umthetho kaKristu ‘ngokunyamezelana nokuxolelana ngesisa.’ Ukuthobela lo mthetho kuyawanceda akubethe ngoyaba ukungafezeki atsho ke athandane. Ngaba awukuvuyeli ukuba phakathi kwabantu abamthobela ngokunyaniseka uKumkani wethu onothando nabambatha uthando, “umxokelelwane ogqibeleleyo womanyano”?—Kolose 3:13, 14.
13 Ngaphezu koko, uYesu wachaza ukuba uthando awalubonisayo lungaphaya kothando oludla ngokuboniswa ngabantu. (Yohane 13:34, 35) Ukuba sithanda abo basithandayo kuphela, akuyi kubakho “nto engaqhelekanga” siyenzayo. Ngaloo ndlela uthando lwethu lwakuba alugqibelelanga. UYesu wasibongoza ukuba sixelise uthando lukaYise olulawulwa yimigaqo nkqu nakwezo ntshaba zisithiyileyo nezisitshutshisayo. (Mateyu 5:46-48) Olu thando lwenza abalawulwa boBukumkani banyamezele ngokunyaniseka kowona msebenzi wabo ubalulekileyo. Nguwuphi loo msebenzi?
Ukunyaniseka Kuyavavanywa
14. Kutheni ubaluleke kangaka umsebenzi wokushumayela?
14 Abalawulwa boBukumkani bukaThixo ngoku banomsebenzi obalulekileyo ‘wokunikela ubungqina obucokisekileyo ngokuphathelele ubukumkani bukaThixo.’ (IZenzo 28:23) Ukwenjenjalo kubalulekile kuba uBukumkani obulawulwa nguMesiya buya kuthethelela ulongamo lukaYehova lwendalo iphela. (1 Korinte 15:24-28) Xa sishumayela iindaba ezilungileyo, abo basiphulaphulayo bavulekelwa lithuba lokuba ngabalawulwa boBukumkani bukaThixo. Enye into, uKristu uKumkani uya kubagweba abantu ngokwendlela abasabela ngayo kweso sigidimi. (Mateyu 24:14; 2 Tesalonika 1:6-10) Ngoko, eyona ndlela sibonisa ngayo ukuba siyamthobela uKristu kukuthobela umyalelo wakhe wokuba sixelele abanye ngoBukumkani bakhe.—Mateyu 28:18-20.
15. Kutheni ukunyaniseka kwamaKristu kuvavanywa nje?
15 Kakade ke, uSathana uwuchasa ngenxazonke umsebenzi wokushumayela, kwaye abalawuli abangabantu abaligqali igunya uKristu alinikwe nguThixo. (INdumiso 2:1-3, 6-8) UYesu walumkisa abafundi bakhe wathi: “Ikhoboka alikho likhulu kunenkosi yalo. Ukuba banditshutshisile mna, baya kunitshutshisa nani.” (Yohane 15:20) Ngenxa yoko, abalandeli bakaKristu, bazifumana besilwa imfazwe yokomoya evavanya ukunyaniseka kwabo.—2 Korinte 10:3-5; Efese 6:10-12.
16. Abalawulwa boBukumkani bazibuyisela njani “izinto zikaKesare kuKesare”?
16 Nakuba kunjalo, abalawulwa boBukumkani bukaThixo bayaqhubeka benyanisekile kuKumkani wabo ongabonakaliyo ngoxa bengawadeleli amagunya angabantu. (Tito 3:1, 2) UYesu wathi: “Buyiselani izinto zikaKesare kuKesare, kodwa izinto zikaThixo kuThixo.” (Marko 12:13-17) Ngoko ke, abalawulwa bakaKristu bayayithobela imithetho karhulumente engangqubaniyo nemithetho kaThixo. (Roma 13:1-7) Kodwa, xa inkundla ephakamileyo yamaYuda yaye yaphazamisana nomthetho kaThixo ngokuyalela abafundi bakaYesu ukuba bayeke ukushumayela, bema baqina ngentlonelo bathi: “Simele sithobele uThixo njengomlawuli kunabantu.”—IZenzo 1:8; 5:27-32.
17. Kutheni sinokumelana neemvavanyo zokunyaniseka ngenkalipho?
17 Yinyaniso ukuba, kufuneka inkalipho ukuze abalawulwa bakaKristu bahlale benyanisekile kuKumkani wabo nokuba bayatshutshiswa. Nangona kunjalo, uYesu wathi: “Ninoyolo nina xa abantu beningcikiva, benitshutshisa, bethetha ngani lonke uhlobo lwento engendawo bexoka, ngenxa yam. Yibani nemihlali nixhume ngovuyo, ngokuba umvuzo wenu mkhulu emazulwini.” (Mateyu 5:11, 12) Abalandeli bokuqala bakaKristu babubona ubunyaniso baloo mazwi. Kwanaxa babekatswa ngenxa yokushumayela ngoBukumkani, bavuya “ngenxa yokuba babebalelwe ekuthini bafanelwe kukuhlaziswa ngenxa yegama lakhe. Yaye imihla yonke etempileni nakwizindlu ngezindlu baqhubeka ngaphandle kokuyekelela befundisa kwaye bevakalisa iindaba ezilungileyo ezingoKristu, uYesu.” (IZenzo 5:41, 42) Nani nifanele ninconywe, kuba nibonisa umoya wokunyaniseka xa ninyamezela ubunzima, ukugula, ukufelwa ngabantu enibathandayo okanye inkcaso.—Roma 5:3-5; Hebhere 13:6.
18. Abonisa ntoni amazwi awathethwa nguYesu kuPontiyo Pilato?
18 Xa wayesenguKumkani Omiselweyo, uYesu wathi kwiRhuluneli yaseRoma uPontiyo Pilato: “Ubukumkani bam abuyonxalenye yeli hlabathi. Ukuba ubukumkani bam bebuyinxalenye yeli hlabathi, abalindi bam bebeya kulwa ukuze ndinganikelwa kumaYuda. Kodwa ubukumkani bam abusuki kulo mthombo.” (Yohane 18:36) Abalawulwa boBukumkani basezulwini, abalwi kwaye abathabathi cala kwiimbambano zabantu. Ekubeni benyaniseke ‘kwiNkosana yoXolo,’ abananxaxheba kwaphela kwiimbambano zeli hlabathi.—Isaya 2:2-4; 9:6, 7.
Iintsikelelo Ezingunaphakade Eziza Kufunyanwa Ngabalawulwa Abanyanisekileyo
19. Kutheni abalawulwa bakaKristu benokukhangela kwikamva bengenadyudyu?
19 Abalawulwa abanyanisekileyo bakaKristu, “uKumkani wokumkani,” bakhangele phambili kwikamva bengenadyudyu. Balindele ukuba abonakalise amandla akhe obuthixo njengokumkani. (ISityhilelo 19:11–20:3; Mateyu 24:30) Intsalela enyanisekileyo yabathanjiswa “oonyana bobukumkani” bakhangele phambili kumvuzo obalaseleyo ilifa lokuba ngookumkani noKristu ezulwini. (Mateyu 13:38; Luka 12:32) “Ezinye izimvu” zikaKristu ezinyanisekileyo zilindele ukwamkelwa nguKumkani xa esithi: “Yizani, nina nisikelelweyo nguBawo, budleni ilifa ubukumkani [beParadesi yomhlaba] obalungiselelwa nina ukususela ekusekweni kwehlabathi.” (Yohane 10:16; Mateyu 25:34) Ngamana bonke abalawulwa boBukumkani bangazimisela ukuqhubeka bekhonza uKristu uKumkani ngokunyaniseka.
[Umbhalo osemazantsi]
a Hlola incwadi ethi Ukuqiqa NgeZibhalo, kumxholo othi, “Kutheni le nto amaNgqina kaYehova esithi uBukumkani bukaThixo bamiselwa ngowe-1914?” iphepha 133-5, ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
Ngaba Unokucacisa?
• Kutheni simele sinyaniseke kuKristu?
• Abalawulwa bakaKristu babonisa njani ukuba banyanisekile kuye?
• Kutheni sifuna ukunyaniseka kuKristu uKumkani?
[Ibhokisi ekwiphepha 31]
EZINYE IIMPAWU ZIKAKRISTU EZIBALASELEYO
Akanakhethe—Yohane 4:7-30.
Unemfesane—Mateyu 9:35-38; 12:18-21; Marko 6:30-34.
Unothando lokuzincama—Yohane 13:1; 15:12-15.
Unyanisekile—Mateyu 4:1-11; 28:20; Marko 11:15-18.
Unovelwano—Marko 7:32-35; Luka 7:11-15; Hebhere 4:15, 16.
Unolwazelelelo—Mateyu 15:21-28.
[Umfanekiso okwiphepha 29]
Xa sithandana, siya kuba sizithoba ngokunyaniseka ‘kumthetho kaKristu’
[Imifanekiso ekwiphepha 31]
Ngaba iimpawu zikaKristu zikushukumisela ukuba umkhonze ngokunyaniseka?