Isahluko 131
Ukubonakala Okokugqibela, NePentekoste Yowama-33 C.E.
NGAXA lithile uYesu wenza amalungiselelo okuba bonke abapostile bakhe abali-11 badibane naye entabeni eseGalili. Ngokucacileyo nabanye abafundi baxelelwe ngale ntlanganiso, yaye kuyo kubakho abantu abangaphezu kwama-500. Hayi indlela engqineka iyevuyisa ngayo le ndibano xa uYesu efika aze aqalise ukubafundisa!
Phakathi kwezinye izinto, uYesu ucacisela esi sihlwele sikhulu ukuba uThixo umnike lonke igunya ezulwini nasemhlabeni. Ubongoza athi: “Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptizela egameni loYise, loNyana, loMoya oyiNgcwele; nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniwisele umthetho ngazo.”
Khawukhe ucinge nje ngako oku! Amadoda, abafazi nabantwana bonke bafumana olu thumo lunye lokuba babe nesabelo kumsebenzi wokwenza abafundi. Abachasi baya kuzama ukukuthintela ukushumayela nokufundisa kwabo, kodwa uYesu uyabomeleza esithi: “Niyabona, mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli.” UYesu uhlala enabalandeli bakhe ngomoya oyingcwele, ukuze abancede babufeze ubulungiseleli babo.
Lilonke, uYesu uzibonakalisa ephilile kubafundi bakhe kangangeentsuku ezingama-40 emva kokuvuswa kwakhe. Ebudeni boku kubonakala ubafundisa ngoBukumkani bukaThixo, yaye ugxininisa oko zikuko iimbopheleleko zabo njengabafundi bakhe. Ngasihlandlo sithile ude abonakale kumntakwabo ngonina uYakobi aze amqinisekise lo owayesakuba ngongakholwayo ukuba ngokwenene unguye uKristu.
Ngoxa abapostile beseseGalili, kubonakala ukuba uYesu ubayalela ukuba babuyele eYerusalem. Xa edibana nabo apho, uthi kubo, “Mabangahlukani neYerusalem; mabalinde idinga loYise, awathi ukuthetha, Naliva kum; ngokuba uYohane okunene wabhaptiza ngamanzi; kodwa nina niya kubhaptizwa ngomoya oyingcwele, kungekabi kade emva kwezi ntsuku.”
Kamva uYesu udibana nabapostile bakhe kwakhona aze abakhokelele ngaphandle kwesixeko ukuya kufika eBhetani, eme kwithambeka elingasempuma leNtaba Yeminquma. Okumangalisayo kukuba, phezu kwayo yonke into abaxelele yona ngokunduluka kwakhe kungekudala ukuya ezulwini, basakholelwa ukuba uBukumkani bakhe buya kumiselwa emhlabeni. Ngoko babuza bathi: “Nkosi, wobubuyisela ngeli xesha na ubukumkani kuSirayeli?”
Kunokuzama ukulungisa ingcamango yabo ephosakeleyo kwakhona, uYesu usuka nje abaphendule athi: “Asikokwenu ukwazi amaxesha nokuba ngamathuba, awamise ngelakhe igunya uBawo.” Wandula ke, egxininisa kwakhona umsebenzi abamele bawenze, uthi: “Niya kwamkela ke amandla, akubon’ ukuba uMoya oyiNgcwele uhlile phezu kwenu; nibe ngamangqina am eYerusalem, kwanakulo lonke elakwaYuda nelaseSamariya, kude kuse nasekupheleni komhlaba.”
Ngoxa besakhangele, uYesu uqalisa ukunyukela ezulwini, lize lithi ke ilifu limgqubuthele bangamboni. Emva kokulahla umzimba wakhe wenyama, unyukela ezulwini njengomntu wokomoya. Njengoko abali-11 beqhubeka bekhangele esibhakabhakeni, kubonakala amadoda ama-2 ambethe iingubo ezimhlophe emi ecaleni kwabo. Ezi zithunywa zezulu zizambathise imizimba yenyama zibuza zithi: “Madoda, maGalili, nimeleni na nondele ezulwini? Kwayena lo Yesu unyusiweyo kuni, wasiwa emazulwini, uya kuza ngolu hlobo nimbone esiya ngalo emazulwini.”
Indlela uYesu asandul’ ukuwushiya ngayo umhlaba ayibhiyozelwa nguwonke wonke, yaye ubonwa ngabalandeli bakhe abathembekileyo kuphela. Ngoko uya kubuya ngendlela efanayo—engabhiyozelwa nguwonke wonke yaye ingabalandeli bakhe abathembekileyo kuphela abaqondayo ukuba ubuyile nokuba ukho esemandleni oBukumkani.
Ngoku abapostile bayehla kwiNtaba Yeminquma, bawele iNtlambo yeKidron, baze bangene eYerusalem kwakhona. Bahlala apho bethobela umyalelo kaYesu. Kwiintsuku ezilishumi kamva, kuMthendeleko wamaYuda wePentekoste yowama-33 C.E., ngoxa abali-120 babafundi behlanganisene kwigumbi eliphezulu eYerusalem, isandi esinjengesomoya ovuthuza ngamandla ngequbuliso sizalisa indlu yonke. Kubonakala iilwimi ezingathi zezomlilo, luze ilolo luhlale phezu kwakhe ngamnye wabo bakhoyo, yaye bonke abafundi baqalisa ukuthetha ngeelwimi ezahlukahlukeneyo. Oku kukuthululwa komoya oyingcwele uYesu awakuthembisayo! Mateyu 28:16-20; Luka 24:49-52; 1 Korinte 15:5-7; IZenzo 1:3-15; 2:1-4.
▪ UYesu uyinikela koobani imiyalelo yokwahlukana kwintaba eseGalili, yaye yiyiphi le miyalelo?
▪ UYesu ubomeleza ngokuthini abafundi bakhe, yaye uya kuhlala ekunye nabo njani?
▪ UYesu ubonakala kangangethuba elingakanani kubafundi bakhe emva kokuvuswa kwakhe, yaye ubafundisa ntoni?
▪ UYesu ubonakala kubani ekubonakala ukuba wayengenguye umfundi ngaphambi kokufa kukaYesu?
▪ Ziziphi iintlanganiso ezimbini zokugqibela uYesu aba nazo kunye nabapostile bakhe, yaye kwenzeka ntoni ngezi zihlandlo?
▪ UYesu uya kubuya njani ngendlela efanayo naleyo emka ngayo?
▪ Kwenzeka ntoni ngePentekoste yowama-33 C.E.?