Umbuzo Oya KuYesu
Abantu abaninzi aboyika uThixo bavakalelwa ukuba unqulo lufanele lubandakanyeke kwezopolitiko. Bavakalelwa kukuba lungadlala indima ebalulekileyo ekucombululeni iingxaki zoluntu. Noko ke, amanye amakholwa anyanisekileyo acinga ukuba unqulo nezopolitiko azifanele zihambe kunye. Wena ucinga ntoni ngendima edlalwa lunqulo kwezopolitiko? Ngaba la maqela anamandla afanele asebenze kunye?
UYESU KRISTU uchazwa njengoyena “mntu oye wanempembelelo kwimbali yonqulo.” Ngoko ke, khawube nomfanekiso ngqondweni sibuza uYesu ukuba: “Ngaba unqulo lufanele lubandakanyeke kwezopolitiko?” Ebeya kuphendula athini? Xa wayelapha emhlabeni, wawuphendula loo mbuzo ngamazwi nangezenzo. Ngokomzekelo, kwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni edumileyo, uYesu wanika abalandeli bakhe imiyalelo eyayiza kubanceda bayiqonde indima abafanele bayidlale kwiindawo abahlala kuzo. Makhe siqwalasele ezinye zeengongoma ezikuloo ntshumayelo.
Yibani Nempembelelo Kwabanye
UYesu wachaza isimo sengqondo abafundi bakhe ababefanele babe naso ngehlabathi. Wathi: “Niyityuwa yomhlaba; ke ukuba ityuwa ithe yaphelelwa sisongo sayo, buya kubuyiselwa njani na ubutyuwa bayo? Ayisenamsebenzi konke konke ngaphandle kokulahlelwa phandle ukuze inyathelwe ngabantu. Nilukhanyiselo lwehlabathi. . . . Malukhanye ngokunjalo ukhanyiselo lwenu phambi kwabantu, ukuze babone imisebenzi yenu emihle baze bazukise uYihlo osemazulwini.” (Mateyu 5:13-16) Kwakutheni ukuze uYesu afanise abafundi bakhe netyuwa nokukhanya?
Amazwi kaYesu abonisa abalandeli bakhe banjengetyuwa, kungekhona nje kwiqaqobana labantu, kodwa kulo lonke uluntu. Banjengesibane, kungekhona kwinani labantu elilinganiselweyo, kodwa kubo bonke abo bafuna ukubona ngokucacileyo. Xa wayebazobela le meko, uYesu wenza kwacaca ukuba wayengafuni abafundi bakhe bazinxweme ebantwini. Ngoba?
Khawuve oku kulandelayo: Ityuwa ayinakukugcina ukutya kukwimeko entle ukuba ayifakwanga kuko. Isibane asinakuyikhanyisa indlu ukuba asibekwanga kuyo. Ngoko ke, ayimangalisi into yokuba uYesu engazange ayalele abafundi bakhe ukuba bazifunele enye indawo abaza kuhlala bodwa kuyo. Engazange abayalele ukuba bayokuhlala bodwa kwizakhiwo zetyalike. Endaweni yoko, njengetyuwa ekufuneka igalelwe ekutyeni nanjengokukhanya okukhanyisa ebumnyameni, wathi amaKristu afanele abuphembelele ubomi babanye.
“Abayonxalenye Yehlabathi”
Noko ke, imiyalelo kaYesu yokuba abalandeli bakhe kwakuza kufuneka baqhubane nabanye abantu iphakamisa umbuzo obalulekileyo ngokuphathelele isimo sengqondo amaKristu afanele abe naso ngezopolitiko. Kutheni kunjalo? Ngaphambi kokuba asweleke, uYesu wathandazela abafundi bakhe wathi: “Ndiyakucela, kungekhona ukuba ubasuse ehlabathini, kodwa ukuba ubalinde ngenxa yalowo ungendawo. Abayonxalenye yehlabathi, kanye njengoko nam ndingeyonxalenye yehlabathi.” (Yohane 17:15, 16) Ngoko ke, inokwenzeka njani into yokuba amaKristu angabi yonxalenye yehlabathi kodwa , kwangaxesha nye, abe lulutho kwiindawo ahlala kuzo? Ukuze sikwazi ukufumana iimpendulo zale mibuzo, makhe siqwalasele eminye imibuzo:
• UYesu wayezijonga njani ezopolitiko?
• Wona amaKristu afanele enze ntoni namhlanje?
• Iimfundiso zobuKristu zibachaphazela njani abantu basekuhlaleni?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 4]
UYesu wenza kwacaca ukuba wayengafuni ukuba abafundi bakhe bazinxweme ebantwini