IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 2/01 iphe. 1
  • Zukisa UYehova Ngemisebenzi Emihle

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Zukisa UYehova Ngemisebenzi Emihle
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
  • Amanqaku Afanayo
  • Imisebenzi Emihle Ezukisa UYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • Ngaba ‘Uyayizondelela Imisebenzi Emihle’?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Khuthazanani Kwimisebenzi Emihle Ngenzondelelo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2015
  • Ngaba Sifanele Uxakeke Kwimisebenzi Efileyo Okanye Kwinkonzo KaYehova?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
km 2/01 iphe. 1

Zukisa UYehova Ngemisebenzi Emihle

1 Xa uqutyulwe luqhwithela, hayi indlela ekukuhle ngayo ukufumana ikhusi! Ukuba kufudumele yaye kunqabisekile ngaphakathi abaninimzi banobubele, uya kukuvuyela ukuhlala apho. Umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani walathisa abantu abavela kwinkqubo kaSathana kwikhusi elilolo hlobo. Ngaba ihambo yethu yemihla ngemihla inokunceda abanye bayibone indlela elinomtsalane ngayo eli khusi? Ewe, kuba uYesu wathi abantu babeya kuyibona ‘imisebenzi yethu emihle baze bazukise uBawo wethu osemazulwini.’—Mat. 5:16.

2 Sinokuziphatha njani ukuze imisebenzi yethu itsalele abanye kuYehova nakwintlangano yakhe? Ngokuvumela amazwi kaYesu abhalwe kuLuka 6:31 nese-10:27 abumbe ubomi bethu suku ngalunye. Oku kuya kusishukumisela ukuba sibonakalise inkxalabo ngabanye abantu, kusahlule kweli hlabathi lingenaluthando nelingenankathalo.

3 Omnye udade owayehamba ngesikhephe elwandle waphawula ibhinqa eliselula elalisoyika ulwandle kangangokuba lalingakwazi ukunyamekela usana lwalo. Lo dade wacela ukulunyamekela olu sana. Xa eli bhinqa labuza into elingambulela ngayo, lo dade wathi: ‘Nceda uphulaphule amaNgqina kaYehova xa ephinda ekutyelela kwixa elizayo.’ Eli bhinqa lenjenjalo, ngoku lona nomyeni walo bangamaNgqina. Imisebenzi emihle yenza umahluko kwindlela abasabela ngayo kwisigidimi soBukumkani.

4 Ubomi Bethu Bonke Bubandakanyekile: Ihambo yethu elumelwaneni, xa sisemsebenzini okanye esikolweni, nangamaxesha okuzihlaziya zenza abanye babe nendlela abasijonga ngayo thina nonqulo lwethu. Ngenxa yoko, sifanele sizibuze: ‘Abantu bandijonga njani mna nentsapho yam? Ngaba abamelwane bayijonga indlu nebala lethu njengezicocekileyo nezinyanyekelwa kakuhle? Ngaba abo sifunda nabo nesisebenza nabo basijonga njengabantu ababamba ixesha nabakhutheleyo? Ngaba abanye basijonga njengabantu abathozamileyo nabanembeko?’ Imisebenzi yethu emihle ingenza unqulo lukaYehova lube nomtsalane ngakumbi kwabanye.

5 UPetros walumkisa amaKristu esithi ayeza kuba lilifa lokugculelwa. (1 Pet. 4:4) Simele siqinisekise ukuba ihambo yethu asingonozala weentetho ezigculelayo. (1 Pet. 2:12) Ukuba imisebenzi yethu yemihla ngemihla izukisa uThixo esimnqulayo, ngoko ke siya kuba njengezibane ezisendaweni ephezulu ezikhanyisela abanye kwindawo ekhuselekileyo elungiselelwe nguYehova.—Mat. 5:14-16.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share