Zazi Izinto Omele Uzijonge
● Iliso lomntu lihle ngendlela engathethekiyo. Kodwa, alipheleli nje ekubeni lihle. Likwanamandla. Incwadi ethi Visual Impact, Visual Teaching ithi, “amashumi amane ekhulwini ayo yonke imithambo-luvo esengqondweni anokuthanani neretina,” inwebu entsonkothileyo engaphakathi elisweni.
UYesu Kristu wayechanile xa esithi iliso ‘sisibane somzimba.’ Ecacisa intsingiselo yoko wathi: “Ukuba . . . iliso lakho alinakumbi [linyanisekile, lijonga izinto ezilungileyo], umzimba wakho uphela uba sekukhanyeni; kodwa ukuba iliso lakho lingendawo, umzimba wakho uphela uba sebumnyameni.” (Mateyu 6:22, 23) Ngala mazwi, uYesu wayebethelela indlela elinamandla ngayo iliso ekuvuseleleni iingcinga, iimvakalelo nezenzo. Iingcinga ezilungileyo ziyabukhanyisa ubomi bukabani; ukanti iingcinga ezimbi zona zibenza bube sebumnyameni.
Ngokomzekelo, cinga ngala mazwi kaYesu akuMateyu 5:28, 29: “Wonk’ ubani oqhubeka ekhangela umfazi ngokokude amkhanuke sele emkrexezile entliziyweni yakhe. Ukuba, ke, iliso lakho lasekunene liyakukhubekisa, linyothule ulilahle kude [ngokufuziselayo].” Wayethetha ukuthini? Iliso elingalawulwayo linokuvuselela iminqweno ephosakeleyo ukusa kwinqanaba lokuba xa kuvela ithuba umninilo aziphathe kakubi ize lo nto imxabanise noThixo.—Yakobi 1:14, 15.
Kubhetele ukuzeyisa nokuba oko sele kubuhlungu njengokunyothula iliso! Ngapha koko, ngaba ibiya kuba bubulumko na ukukhetha ukulahlekelwa bubomi obungunaphakade ngenxa nje yoyolo lomzuzwana?
Izinto esivumela iliso linikele ingqalelo kuzo zinokusenza sinyoluke. Kungenxa yoko iBhayibhile isilumkisa isithi, ‘inkanuko yamehlo ayiphumi kuBawo, kodwa iphuma ehlabathini. Ngapha koko, ihlabathi liyadlula nenkanuko yalo, kodwa lowo wenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.’—1 Yohane 2:16, 17.
Ngaba iBhayibhile ingqongqo ngokungeyomfuneko? Akunjalo! Ukungayithobeli imilinganiselo yayo kukuzibizela iinkathazo nokungonwabi. (Galati 6:7, 8) Ukuthobela iLizwi likaThixo, kuquka ubulumko balo ngezinto esifanele sizijonge, kukuhlwayela ulonwabo. UYesu wathi: “Banoyolo abo balivayo ilizwi likaThixo baze baligcine.” (Luka 11:28) Okubaluleke ngakumbi kukuba banethuba lokuphila emhlabeni ngonaphakade, ngoxa abo baneliso elingcolileyo belahlekelwa lulonwabo nobomi.