IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 9/10 iphe. 10-11
  • Kuthetha Ukuthini Ukuphethula Esinye Isidlele?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kuthetha Ukuthini Ukuphethula Esinye Isidlele?
  • Vukani!—2010
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Intsingiselo Yoko Kwakuthethwa NguYesu
  • Kuthekani Ngokuzikhusela?
  • Athetha Ukuthini Amazwi Athi “iLiso NgeLiso”?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Xa Ucatshukisiwe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Ngaba UMthetho KaThixo KumaSirayeli Wawusesikweni Yaye Unobulungisa?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • INtshumayelo YaseNtabeni Eyaziwayo
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
Khangela Okunye
Vukani!—2010
g 9/10 iphe. 10-11

Imbono YeBhayibhile

Kuthetha Ukuthini Ukuphethula Esinye Isidlele?

KWINTSHUMAYELO yakhe yaseNtabeni edumileyo uYesu Kristu wathi: “Musani ukumchasa lowo ungendawo; kodwa othe wakumpakaza esidleleni sakho sasekunene, mphethulele nesinye.”—Mateyu 5:39.

Wayetheth’ ukuthini? Ngaba wayetheth’ ukuthi amaKristu afanele asonge izandla angazikhuseli xa ehlaselwa? Ngaba kulindeleke ukuba amaKristu anyamezele ukuxhatshazwa aze angafuni ukukhuselwa ngumthetho?

Intsingiselo Yoko Kwakuthethwa NguYesu

Ukuze siqonde intsingiselo yoko kwakuthethwa nguYesu, sifanele sihlole umongo wamazwi akhe kuquka nabantu awayethetha nabo. UYesu watshayelela isiluleko esicatshulwe ngasentla ngamazwi abaphulaphuli bakhe ababesele bewazi ngokusuka kwiZibhalo Ezingcwele. Wathi: “Nivile ukuba kwathiwa, ‘Iliso ngeliso nezinyo ngezinyo.’”—Mateyu 5:38.

Iindinyana uYesu awabhekisela kuzo zikwiEksodus 21:24 nakwiLevitikus 24:20. Kuyacaca ukuba ngokuvisisana noMthetho kaThixo, isigwebo esithi “iliso ngeliso” esikhankanywe kwezi zibhalo sasinikelwa kuphela emva kokuba umoni eye wema phambi kwenkundla yababingeleli nabagwebi ababeqwalasela iimeko baze babone enoba loo mntu wone ngabom kusini na.—Duteronomi 19:15-21.

Ekuhambeni kwexesha amaYuda ayitshintsha indlela osebenza ngayo lo mthetho. UAdam Clarke wenkulungwane ye-19 wagqabaza wathi ngeBhayibhile: “Kubonakala ukuba amaYuda awusebenzisa lo mthetho [iliso ngeliso, izinyo ngezinyo] njengemvume yokuqumbela abanye neyokwenza nantoni na embi ukuze aziphindezelele. Abantu babeziphindezelela ngokubaxiweyo yaye izinto ababezenza zazimbi ngakumbi kunezo zazenziwe kubo.” IZibhalo azisivumeli ukuba silwe nabanye abantu.

Oko kwafundiswa nguYesu kwiNtshumayelo yaseNtabeni ngokuphathelele ‘ukuphethula esinye isidlele’ kuyavumelana noko kwakuthethwa nguMthetho kaThixo oya kumaSirayeli. UYesu wayengathi xa abalandeli bakhe bempakazwa ebusweni bafanele bagxadazele bakugqiba bazise elinye icala lobuso. Ngexesha lokubhalwa kweBhayibhile, njengokuba kunjalo nanamhlanje, injongo yempama yayingekokuvisa umntu ubuhlungu, kodwa yayikukwenza loo mntu oqhwatywayo acaphuke.

UYesu wayesithi, ukuba umntu ucaphukisa omnye aze amqhwabe ngempama—okanye asebenzise amazwi ahlabayo—lo mntu uqhwatyiweyo ufanele angaziphindezeli. Ufanele angalwi.—Roma 12:17.

Amazwi kaYesu afana twatse nakaKumkani uSolomon owathi: “Musa ukuthi: ‘Kanye njengoko enjenjalo kum, ndiya kwenjenjalo nam kuye. Ndiya kumbuyekeza ngamnye ngokwezenzo zakhe.’” (IMizekeliso 24:29) Umlandeli kaYesu unokuphethula esinye isidlele ngokungavumeli abanye abantu bamnyanzele ukuba abe nguphuma silwe.—Galati 5:26.

Kuthekani Ngokuzikhusela?

Ukuphethula esinye isidlele akuthethi kuthi amaKristu akanakuzikhusela xa ehlaselwa. UYesu wayengathi sifanele singazikhuseli, kodwa wayesithi sifanele singaze siqalise umlo size sicaphuke de sifune ukuziphindezela. Nangona kububulumko ukuwushiya umlo, sifanele senze okuthile ukuze sizikhusele size sicele uncedo lwamapolisa xa sihlaselwa.

Abafundi bakaYesu benza okufanayo xa babezama ukulwela amalungelo abo ngokwasemthethweni. Ngokomzekelo, umpostile uPawulos wasebenzisa umthetho wexesha lakhe ukuze akhusele ilungelo lakhe lokuphumeza umyalelo kaYesu kubalandeli bakhe wokushumayela. (Mateyu 28:19, 20) Xa uPawulos nesithunywa sevangeli uSilas, babeshumayela kwisixeko saseFilipi, bavalelwa ngabasemagunyeni betyholwa ngokwaphul’ umthetho.

Emva koko la madoda mabini atywatyushwa aza avelelwa entolongweni ngaphandle kokuziswa phambi kwenkundla. Xa kwakuvela ithuba, uPawulos walisebenzisa ilungelo lakhe lokuba ngumhlali waseRoma. Xa abasemagunyeni bafumanisa ukuba uPawulos ungumhlali waseRoma, boyika ukuba sengxakini baza bacela yena noSilas ukuba bahambe. Ngoko uPawulos wasibekela umzekelo ‘ngokuthethelela nangokumisela ngokusemthethweni iindaba ezilungileyo.’—IZenzo 16:19-24, 35-40; Filipi 1:7.

Exelisa uPawulos, amaNgqina kaYehova kuye kwafuneka ukuba alwe amadabi ezinkundleni zamatyala ukuze akwazi ukuqhubeka nomsebenzi wawo wamaKristu. Oku kuye kwenzeka nakumazwe azibanga ebanika inkululeko yonqulo abemi bawo. Xa kusaphulwa umthetho naxa kufuneke ezikhusele, amaNgqina kaYehova akulindelekanga ukuba aphethule esinye isidlele—avume ukuba axhatshazwe. Abhenela emthethweni ukuze akhuseleke.

Ngoko njengamaKristu, amaNgqina enza konke anako ukuze alwele amalungelo awo, nangona esazi ukuba oko akusoloko kubangela ukuba afumane inkululeko. NjengoYesu, izinto aziyekela kuThixo, eqinisekile ukuba uyayiqonda imeko nokuba uya kugweba ngokusesikweni. (Mateyu 26:51-53; Yude 9) AmaKristu okwenyaniso akhumbula ukuba impindezelo yekaYehova.—Roma 12:17-19.

NGABA WAKHA WAZIBUZA?

● Ziziphi izinto amaKristu afanele akuphephe ukuzenza?—Roma 12:17.

● Ngaba iBhayibhile iyakwalela ukubhenela emthethweni ukuze ubani azikhusele?—Filipi 1:7.

● Yintoni eyayibangela ukuba uYesu amthembe uYise?—Mateyu 26:51-53.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share