IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g01 8/8 iphe. 8-11
  • Ukuphela Kwentiyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuphela Kwentiyo
  • Vukani!—2001
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Intsingiselo ‘Yothando’
  • Ukufunda Ukuba Nothando
  • Ukuqhekeza Iiyantlukwano Ezibangelwa Bubuhlanga
  • Ukulibala Ngezexa Elidluleyo
  • Ihlabathi Elingenantiyo!
  • Ekuphela Kwendlela Yokushenxisa Intiyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Kutheni Abantu Becaphukelana Kangaka?—Ithini IBhayibhile?
    Imixholo Engakumbi
  • Ukuphela Kwentiyo Ehlabathini Lonke
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • Kutheni Inzondo Ixhaphake Kangaka?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2022
Khangela Okunye
Vukani!—2001
g01 8/8 iphe. 8-11

Ukuphela Kwentiyo

‘Zithandeni iintshaba zenu.’—MATEYU 5:44.

KANGANGEENTSUKU iinkokeli zamazwe amabini aziintshaba zazibambe iingxoxo ezishushu zoxolo. Inkulumbuso yelizwe elihambele phambili kwezoqoqosho nelinamandla yayikho kwezo ngxoxo, isebenzisa impembelelo nobuchule bayo ukuzama ukwenza uxolo phakathi kwezi nkokeli zimbini. Kodwa le migudu inzima kangaka yabangela intlungu engakumbi. Kwisithuba seeveki la mazwe mabini angenelela oko iphephancwadi iNewsweek lakubiza ngokuba “lolona gonyamelo lubi phakathi kwawo kwisithuba samashumi amabini eminyaka.”

Ehlabathini lonke, intiyo nenzondo phakathi kweentlanga ezahlukeneyo azivumi kuphela, phezu kwayo nje imigudu yokuzimisela yeenkokeli zamazwe. Intiyo inwenwa ngokukhawuleza gqitha, iphehlwa kukungazi, ubuntamo-lukhuni naziingcamango ezenzakalisayo. Kodwa ngoxa iinkokeli zanamhlanje zizama izicombululo ezitsha nezibonakala ziphucukile eziwa phantsi, ziyasilela ukubona ukuba esona sicombululo sisebenzisekayo sidala—into eyathethwa kwiNtshumayelo yaseNtabeni. Kuloo ntshumayelo uYesu Kristu wakhuthaza abo babemphulaphule ukuba basebenzise indlela kaThixo yokwenza izinto. Kulapho wathetha la mazwi acatshulwe ngasentla, ‘Zithandeni iintshaba zenu.’ Eso sibongozo asipheleli nje ngokuba sisicombululo esisemagqabini kwingxaki yentiyo nobuhlanga kodwa sikukuphela kwesicombululo esisebenzisekayo!

Abantu abathandabuzayo bayayigatya ingcamango yokuthanda iintshaba njengento engasebenziyo. Noko ke, ukuba intiyo yinto efundwayo, ngaba ke akukho sengqiqweni ukucinga ukuba inokuyekwa? Ngenxa yoko amazwi kaYesu alunika ithemba lokwenene uluntu. Abonisa ukuba kunokwenzeka ukuba inzondo ekudala ikho iphele.

Khawucinge nje ngemeko yomhla kaYesu phakathi kwamaYuda awayemphulaphule. Kwakungeyomfuneko ukuba aye kude ukuze afumane iintshaba. Amajoni amaRoma aqhubeka etsal’ iintambo kuloo mmandla, ehlawulisa amaYuda iirhafu ezinkulu, ewalawula ngokwezobupolitika, ewaxhaphaza yaye ewaphethe kakubi. (Mateyu 5:39-42) Noko ke, abanye babesenokujonga amanye amaYuda njengeentshaba zabo ngenxa yeengxabano ezingenamsebenzi ezingaconjululwayo neziye zavunyelwa zakhula. (Mateyu 5:21-24) Ngaba ngokwenene uYesu wayenokulindela ukuba abo bamphulaphuleyo bathande abantu ababavisa intlungu?

Intsingiselo ‘Yothando’

Okokuqala, khumbula ukuba xa wayethetha ‘ngothando,’ uYesu wayengacingi ngohlobo lomsa owawunokubakho phakathi kwabahlobo abasenyongweni. Igama lesiGrike lothando elisetyenziswe kuMateyu 5:44, lisuka kwelithi a·ga’pe. Eli gama linentsingiselo yothando olukhokelwa okanye lulawulwe ngumgaqo. Lisenokungaquki umsa osenyongweni. Ngenxa yokuba lulawulwa ngumgaqo wobulungisa, olo thando lushukumisela umntu ukuba afune izilangazelelo zabanye, kungakhathaliseki ukuba banjani na. Ngenxa yoko, uthando olungua·ga’pe ludlulela ngaphaya kobutshaba babantu. UYesu walubonisa olo thando xa wathi endaweni yokuba aqalekise amajoni angamaRoma awambethelelayo wathandaza wathi: “Bawo, baxolele, kuba abakwazi oko bakwenzayo.”—Luka 23:34.

Ngaba kusengqiqweni ukulindela ukuba ihlabathi liya kulandela iimfundiso zikaYesu ngomkhamo omkhulu yaye abantu baya kuqalisa ukuthandana? Akunjalo, kuba iBhayibhile ithi eli hlabathi liya kuqhubeka lingena lindlandlatheka kwintlekele. Eyesi-2 kuTimoti 3:13 ithi: “Abantu abangendawo namabhedengu baya kuhambela phambili ebubini.” Noko ke, abantu banokuyiphelisa intiyo ngokuyifunda ngokucokisekileyo imigaqo yobulungisa ngokufundisisa iBhayibhile. Ingxelo ibonisa ngokucacileyo ukuba abaninzi baye bafunda ukuxhathisa umoya wentiyo obhudla kufutshane nabo. Khawuhlolisise nje imizekelo yokwenene embalwa.

Ukufunda Ukuba Nothando

Xa wayeneminyaka eli-13 ubudala, uJosé waba nenxaxheba kwimfazwe yabanqolobi elilungu leqela labanqolobi.a Wafundiswa ukuthiya abantu ekwakusithiwa babengunobangela wokungekho sikweni okwakusenzeka kwindawo yabo. Ukuba kunokwenzeka wayenosukelo lokubabulala. Wathi esakubona uninzi lwamaqabane akhe ebulawa, uJosé wakhulelwa yinzondo waza wafuna ukuziphindezelela. Ngoxa wayesenza iibhombu, wayedla ngokuzibuza, ‘Kutheni abantu bebandezeleka kangaka? Ukuba kukho uThixo, ngaba uyayibona yonke le nto?’ Amaxesha amaninzi wayedla ngokulila, edidekile yaye edandathekile.

Ekugqibeleni uJosé waqhagamshelana nebandla lasekuhlaleni lamaNgqina kaYehova. Kwintlanganiso yebandla yokuqala awaya kuyo, wakhawuleza waphawula indlela ekuthandanwa ngayo apho. Wonke umntu wambulisa ngobubele nangobuhlobo. Kamva, intetho enomxholo othi “Kutheni UThixo Evumele Ubungendawo?” yaphendula kanye le mibuzo kudala enayo.b

Ekuhambeni kwexesha, ulwazi olungakumbi olusuka eBhayibhileni lwabangela ukuba uJosé atshintshe ubomi bakhe nendlela yakhe yokucinga. Wafunda ukuba “lowo ungenaluthando uhleli ekufeni. Lowo [unentiyo] . . . usisibulala-mntu, yaye . . . akukho sibulala-mntu sinobomi obungunaphakade obuhleliyo kuso.”—1 Yohane 3:14, 15.

Noko ke, ukuqhawula unxibelelwano neqela lakhe labanqolobi kwaba lucelomngeni. Sihlandlo ngasinye esiya kwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova, wayelandelwa. Abanye ababesakuba ngamaqabane akhe bada baya kwiintlanganiso ezimbalwa ukuze babone ukuba yintoni le yayitshintsha uJosé. Bathi besakwaneliseka ukuba wayengengomngcatshi okanye ingozi kubo, bahlukana naye. Xa wayeneminyaka eli-17 ubudala, uJosé wabhaptizwa njengomnye wamaNgqina kaYehova. Kungekudala waqalisa ukushumayela ixesha elizeleyo. Kunokuba enze amabhunga okubulala abantu, ngoku ubanika isigidimi sothando nethemba!

Ukuqhekeza Iiyantlukwano Ezibangelwa Bubuhlanga

Ngaba amaqela awahlukeneyo eentlanga anako ukuziqhekeza iiyantlukwano zentiyo eziwenza iintlaba-zahlukane? Khawucinge nje ngeqela lamaNgqina kaYehova elithetha isiAmharic eLondon, eNgilani. Elo qela linabantu abamalunga nama-35—abangama-20 ngabase-Ethiopia kanti abali-15 ngabase-Eritrea. Banqula bonke beseluxolweni yaye bemanyene phezu kwaso nje isibakala sokuba eAfrika, abantu base-Eritrea nabase-Ethiopia kutshanje balwe amadabi anzima.

Elinye iNgqina lase-Ethiopia lalixelelwe oku yintsapho yakowalo: ‘Ungaze ubathembe abantu base-Eritrea!’ Kodwa ngoku, akaneli nje ukuwathemba amaKristu akhonza kunye nawo ase-Eritrea kodwa uwabiza abazalwana noodade! Nangona abantu base-Eritrea ngokuqhelekileyo bethetha ulwimi lwesiTigrinya, baye bakhetha ukufunda isiAmharic—ulwimi lwabazalwana babo base-Ethiopia—ukuze bafunde iBhayibhile kunye nabo. Enjani yona ukumangalisa imbonakaliso yokuba namandla kothando lobuthixo ‘njengomxokelelwane ogqibeleleyo womanyano’!—Kolose 3:14.

Ukulibala Ngezexa Elidluleyo

Kodwa kuthekani ukuba uye walixhoba lokuphathwa ngendlela engenasidima. Ngaba akuyonto iqhelekileyo ukuba nenzondo kwabo baye bakungcungcuthekisa? Khawucinge nje ngoManfred, iNgqina laseJamani. Wachitha iminyaka emithandathu yobomi bakhe kwintolongo yamaKomanisi ngenxa nje yokuba wayengomnye wamaNgqina kaYehova. Ngaba wakha wanentiyo ngabo babemngcungcuthekisa okanye waziva efuna ukuziphindezelela? Waphendula wathi: “Akunjalo.” Ngokutsho kwephephandaba laseJamani iSaarbrüker Zeitung, uManfred wathi: “Ukwenza okungekho sikweni okanye ukuphindisa ngokwenza okungekho sikweni . . . kwenza ukuba kuqhutyekwe kuphindaphindwana nokungekho sikweni.” Ngeliphandle uManfred wasebenzisa la mazwi eBhayibhile: “Musani ukubuyisela ububi ngobubi nakubani na. . . . Ukuba kunokwenzeka, zamani ngokusemandleni enu, ukuba noxolo nabantu bonke.”—Roma 12:17, 18.

Ihlabathi Elingenantiyo!

AmaNgqina kaYehova akazingombi zifuba esithi enza ngokugqibeleleyo kule nkalo. Ayaqonda ukuba ukulibala iintiyo nenzondo ngezinto zangaphambili akulula. Kufuna ukuzimisela nokusebenzisa ngokuqhubekayo imigaqo yeBhayibhile kubomi bomntu. Kodwa ubukhulu becala, amaNgqina kaYehova angumzekelo ophilayo wamandla eBhayibhile okuphelisa intiyo. Ngenkqubo yezifundo zeBhayibhile zamakhaya, amaNgqina anceda amawaka abantu nyaka ngamnye ukuba ahlukane nobuhlanga nobuntamo-lukhuni.c (Bona ibhokisi enomxholo othi “Isiluleko SeBhayibhile Siyayiphelisa Intiyo.”) Loo mpumelelo isikrobisa kwimiphumo yenkqubo yemfundo yehlabathi lonke eya kuthi kungekudala iphelise intiyo noonobangela bayo ngokupheleleyo. Le nkqubo yemfundo yekamva iya kuqhutywa phantsi kolawulo loBukumkani bukaThixo, okanye urhulumente wehlabathi lonke. UYesu wasifundisa ukuba sithandazele obo Bukumkani kuMthandazo weNkosi, xa wathi: “Mabufike ubukumkani bakho.”—Mateyu 6:9, 10.

IBhayibhile ithembisa ukuba phantsi kolawulo lwalo rhulumente wasezulwini, “umhlaba ngokuqinisekileyo uya kuzaliswa kukwazi uYehova.” (Isaya 11:9; 54:13) Amazwi adla ngokucatshulwa rhoqo omprofeti uIsaya aya kuzaliseka ehlabathini lonke: “Ngokuqinisekileyo [uThixo] uya kugweba phakathi kweentlanga aze alungelelanise imicimbi phakathi kwezizwana ezininzi. Ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba nemikhonto yazo ibe zizikere zokuthena imithi. Uhlanga aluyi kuphakamisela uhlanga ikrele, zingayi kuphinda zifunde nemfazwe kwakhona.” (Isaya 2:4) UThixo uya kuyiphelisa ngokupheleleyo intiyo enolunya.

[Imibhalo esemazantsi]

a Asilogama lakhe.

b Bona isahluko 8, esinomxholo othi “Kutheni UThixo Evumela Ukubandezeleka?” kwincwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

c Unokwenza amalungiselelo esifundo seBhayibhile sekhaya sesisa ngokuqhagamshelana namaNgqina kaYehova asekuhlaleni okanye ngokubhalela abapapashi beli phephancwadi.

[Ibhokisi ekwiphepha 11]

Isiluleko SeBhayibhile Siyayiphelisa Intiyo

● “Zibangelwa yintoni na iimfazwe neengxabano phakathi kwenu? Azibangelwa yinkanuko yenu yenyama na, ephikisanayo namalungu enu?” (Yakobi 4:1) Ukulwa nabanye kunokuphetshwa ukuba sifunda ukulwa nokuzingca.

● “[Nyamekelani] kungekuphela nje izilangazelelo zobuqu, kodwa kwanezilangazelelo zabanye.” (Filipi 2:4) Ukubeka izilangazelelo zabanye ngaphezu kwezethu yenye yeendlela zokuphepha imilo engeyomfuneko.

● “Wuyeke umsindo uyishiye ingqumbo; musa ukuvutha ngumsindo uze wenze ububi.” (INdumiso 37:8) Sinako yaye simele silawule imikhwa eyingozi.

● “UThixo . . . wazenza ngokuphuma kumntu omnye zonke iintlanga zabantu, ukuba zihlale phezu komhlaba uphela.” (IZenzo 17:24, 26) Akukho ngqiqweni ukuziva wongamile kunabantu bolunye uhlanga, ekubeni sonke singamalungu entsapho enye yoluntu.

● ‘Ningenzi nanye into ngokusukuzana okanye ngokuzigwagwisa, kodwa ngokuthobeka kwengqondo bagqaleni abanye njengabongamileyo kunani.’ (Filipi 2:3) Bubudenge ukujongela phantsi abanye abantu—kuba abanye abantu baneempawu yaye bayakwazi ukwenza izinto esingakwaziyo ukuzenza thina. Alukho uhlanga olunazo zonke iimpawu ezintle.

● “Ngoko ke, lo gama ixesha lisasivumela, masenze okulungileyo kubo bonke.” (Galati 6:10) Ukuthabatha inyathelo lokuqala lokuba nobuhlobo nokunceda abanye, kungakhathaliseki uhlanga lwabo, kunokwenza lukhulu ukuvala umsantsa wonxibelelwano kuze kuphelise ukungaqondani.

[Imifanekiso ekwiphepha 8, 9]

AmaNgqina ase-Ethiopia nawase-Eritrea anqula kunye eluxolweni

[Umfanekiso okwiphepha 10]

UManfred, owasinda kwintolongo yamaKomanisi, akazange afune ukuyekelela kwintiyo

[Umfanekiso okwiphepha 10]

IBhayibhile inokusinceda siqhekeze iiyantlukwano ezahlula abantu

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share