IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w03 6/1 iphe. 32
  • ‘USolomon Wayengavathiswanga Nanjenganye Yazo’

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • ‘USolomon Wayengavathiswanga Nanjenganye Yazo’
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
w03 6/1 iphe. 32

‘USolomon Wayengavathiswanga Nanjenganye Yazo’

IINTYATYAMBO zasendle njengezo sizibona apha zidla ngokubonwa ecaleni kwendlela kumazantsi eAfrika. Zibizwa ngokuba ziicosmos yaye ngokwemvelo zikhula kwimimandla efudumeleyo yamahlathi aseMerika. Iintyatyambo ezintle ngolo hlobo kusenokukukhumbuza oko kwafundiswa nguYesu. Abantu abaninzi ababemphulaphula babengamahlwempu, yaye babexhalabele iintswelo zabo zokwenyama, ukutya nempahla.

UYesu wabuza: “Yini na ukuba nixhalele isinxibo? Fundani isifundo kwiinyibiba zasendle, indlela ezikhula ngayo; azibulaleki, azisonti; kodwa ndithi kuni kwanoSolomon kulo lonke uzuko lwakhe wayengavathiswanga nanjenganye yazo.”—Mateyu 6:28, 29.

Kukho iingcamango ezahlukahlukeneyo ngokuphathelele uhlobo lwentyatyambo yasendle uYesu awayecinga ngayo. Noko ke, uYesu wayithelekisa notyani, esithi: “Ukuba, ke, uThixo wenjenjalo ukwambesa utyani basendle, obuthi bubekho namhlanje buze ngomso buphoswe eontini, akayi kugqithisa na ukunambesa, nina nilukholo luncinane?”—Mateyu 6:30.

Nangona ngokwemvelo iicosmos zingakhuli kwaSirayeli, ngokuqinisekileyo ziyasixhasa isifundo uYesu awayesifundisa. Enoba uzibona zimgama okanye zikufutshane, zithi ndijonge yaye ziyathandwa ngabafoti nangabazobi. Eneneni, uYesu wayengazibaxi izinto xa wathi, “kwanoSolomon kulo lonke uzuko lwakhe wayengavathiswanga nanjenganye yazo.”

Yintoni esiyifundayo namhlanje? Abo bakhonza uThixo banokuqiniseka ukuba uya kubanceda bafumane izinto eziyimfuneko nakumaxesha anzima. UYesu wathi: “Qhubekani nifuna ubukumkani [bukaThixo], yaye ezi zinto [njengokutya nempahla eyimfuneko] ziya kongezelelwa kuni.” (Luka 12:31) Ewe, iinzuzo zokwenene zifumaneka ngokufuna uBukumkani bukaThixo. Kodwa ngaba uyabazi ukuba buyintoni uBukumkani bukaThixo noko buya kukwenzela uluntu? AmaNgqina kaYehova aya kukuvuyela ukukunceda ufumane iimpendulo eBhayibhileni.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share