Isahluko 31
Ukukha Izikhwebu NgeSabatha
NGOKUKHAWULEZA uYesu nabafundi bakhe bayemka eYerusalem bebuyela eGalili. Kusentwasahlobo, yaye emasimini kukho izikhwebu ezindizeni. Abafundi balambile. Ngoko bakha izikhwebu baze badle. Kodwa ekubeni kungeSabatha, izenzo zabo ziyaphawulwa.
Iinkokeli zonqulo eYerusalem bezisandul’ ukufuna ukubulala uYesu ngenxa yoko zithi kukwaphulwa kweSabatha. Ngoku abaFarisi bayammangalela. Bathi: “Yabona, abafundi bakho benza oko kungavumelekileyo ukwenziwa ngesabatha.”
AbaFarisi bathi ukukha isikhwebu uze usihlikihle ezandleni ukuba usitye oko kukuvuna nokubhula. Kodwa indlela yabo engqongqo yokuchaza oko kungumsebenzi kuyenze iSabatha yaluxanduva, ngoxa yayilungiselelwe ukuba ibe lixesha elivuyisayo nelakhayo ngokomoya. Ngoko uYesu ubaphendula ngemizekeliso engokweZibhalo ukubonisa ukuba uYehova uThixo akazange acebe oko kusetyenziswa kungqongqo ngokungafanelekanga komthetho Wakhe ongeSabatha.
UYesu uthi xa uDavide namadoda akhe babelambile, bema eminqubeni baza badla izonka zeminikelo. Ezo zonka zazisele zishenxisiwe phambi koYehova kwaza kwabekwa ezitsha endaweni yazo, ibe ngokuqhelekileyo zazigcinwa ukuze zidliwe ngababingeleli. Kanti, phantsi kwezo meko, uDavide namadoda akhe abazange bagwetywe ngenxa yokuzidla.
Enikela omnye umzekelo, uYesu uthi: “Anilesanga na emthethweni, ukuba ngesabatha ababingeleli etempileni bayayingcolisa isabatha, bangazeki tyala noko?” Ewe, kwanangeSabatha, ababingeleli bayaxhela yaye benza neminye imisebenzi etempileni ekulungiseleleni amadini ezilwanyana! UYesu uthi: “Ndithi ke kuni, omkhulu kunayo itempile ukho apha.”
Eluleka abaFarisi, uYesu uyaqhubeka esithi: “Ukuba ke nibe nikwazile ukuba kuthini na ukuthi, Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo, ninge ningabagwebanga abangenatyala.” Wandula ke aqukumbele ngokuthi: “Kuba uNyana woMntu uyiNkosi yayo nesabatha.” Usingisele entwenini uYesu ngokuthetha oko? UYesu ubhekisela kulawulo lwakhe loBukumkani olunoxolo lweminyaka eliwaka.
Ngoku kangangeminyaka engama-6 000, uluntu luye lweva ubunzima bokulawulwa nguSathana uMtyholi, yaye ugonyamelo nemfazwe zisisonka semihla ngemihla. Kwelinye icala, ulawulo lukaKristu ebudeni beSabatha enkulu luya kuba lixesha lokuphumla kuzo zonke iimbandezelo neengcinezelo ezinjalo. Mateyu 12:1-8; Levitikus 24:5-9; 1 Samuweli 21:1-6; Numeri 28:9; Hoseya 6:6.
▪ Sisiphi isityholo esibekwa kubafundi bakaYesu, ibe uYesu usiphendula njani?
▪ Kukuphi ukusilela kwabaFarisi uYesu akuchazayo?
▪ UYesu “uyiNkosi yayo nesabatha” ngayiphi indlela?