Isahluko 32
Yintoni Evumelekileyo NgeSabatha?
KUNGOMNYE umhla weSabatha ibe uYesu utyelela indlu yesikhungu ekufutshane noLwandle lwaseGalili. Apha kukho indoda eyome isandla sasekunene. Ababhali nabaFarisi bakhe umkhanya ukuze babone enoba uYesu uza kuyiphilisa na le ndoda. Ekugqibeleni bambuza besithi: “Kuvumelekile na ukuphilisa ngesabatha?”
Iinkokeli zonqulo zamaYuda zikholelwa kwelokuba ukuphilisa ngeSabatha kuvumelekile kuphela ukuba ubomi busengozini. Ngokomzekelo, zifundisa ukuba ngeSabatha akuvumelekanga ukuphilisa ithambo elaphukileyo okanye ukubophela indawo ekrunekileyo. Ngoko ababhali nabaFarisi bampheka bemophula uYesu ngemibuzo bezama indlela abangammangalela ngayo.
Phofu ke, uYesu uyazazi iingcinga zabo. Kwangaxeshanye, uyaqonda ukuba baye baba nembono ebaxiweyo nengeyoyazibhalo ngoko kuthethwa kukwaphulwa komthetho owalela ukusebenza ngomhla weSabatha. Ngaloo ndlela uYesu ubangela kubekho ingxabano enkulu ngokuyalela le ndoda inesandla esomileyo esithi: “Phakama uze phakathi.”
Ngoku, ephethukela kubabhali nabaFarisi, uYesu uthi: “Kuni apha nguwuphi na umntu ongethi, enemvu inye, yaza yona yeyela emhadini ngesabatha, angayibambi ayirhole?” Ekubeni imvu imela imali elondoloziweyo, babengayi kuyishiya emhadini de kube lusuku olulandelayo, mhlawumbi inokugula ize ibangele ukuba balahlekelwe. Ngaphandle koko, iZibhalo zithi: “Ilungisa liyawazalelela umphefumlo wenkomo yalo.”
Ethelekisa izinto, uYesu uqhubeka esithi: “Ubeke phi na ke umntu ukuyigqitha imvu? Ngoko ke kuvumelekile ukwenza okulungileyo ngesabatha.” Zingakwazi ukuyiphendula le ntetho esengqiqweni neyovelwano, iinkokeli zonqulo azikhuphi nelimdaka.
Ecaphukile, yaye ezisizela ngenxa yobudenge bazo bokuqaqadeka, uYesu uyasingasinga. Wandula ke athi kule ndoda: “Solule isandla sakho.” Ithi ke isolule isandla sayo size siphiliswe.
Kunokuba bavuye kukuba isandla sale ndoda siphilisiwe, abaFarisi bayaphuma baze ngokukhawuleza benze iyelenqe neqela labalandeli bakaHerode lokuba babulale uYesu. Eli qela lobupolitika ngokucacileyo liquka amalungu onqulo lwabaSadusi. Ngokuqhelekileyo, eli qela lobupolitika kunye nabaFarisi bachasene ngokuphandle, kodwa bamanyene ngokuqinileyo ekuchaseni kwabo uYesu. Mateyu 12:9-14; Marko 3:1-6; Luka 6:6-11; IMizekeliso 12:10; Eksodus 20:8-10.
▪ Yintoni eyabangela ingxabano enkulu phakathi koYesu neenkokeli zonqulo zamaYuda?
▪ Ezi nkokeli zonqulo zamaYuda zikholelwa entwenini ngokuphathelele ukuphilisa ngeSabatha?
▪ Nguwuphi umzekeliso osetyenziswa nguYesu ukuchasa iimbono zazo eziphosakeleyo?