IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • gt isahl. 41
  • Kuphikiswana Ngaye

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kuphikiswana Ngaye
  • Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • Amanqaku Afanayo
  • Uyenza Ngamandla Kabani Imimangaliso?
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • “Akuzange Kubekho Omnye Umntu Othetha Njengalo”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • ‘Fundani Kum’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • UYesu Uphilisa NgeSabatha
    Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
Khangela Okunye
Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
gt isahl. 41

Isahluko 41

Kuphikiswana Ngaye

KUNGEKUDALA emva kokuba amkelwe kwaSimon, uYesu uqalisa ukhenketho lwesibini lokushumayela eGalili. Kukhenketho lwakhe lwangaphambili kulo mmandla, wayephelekwe ngabafundi bakhe bokuqala, uPetros, uAndreya, uYakobi noYohane. Kodwa ngoku uphelekwe ngabapostile abali-12, nangabafazi abathile. Kubo kukho uMariya waseMagadala, uSusana noYohana, ondoda yakhe iligosa likaKumkani uHerode.

Njengoko inkqubela yobulungiseleli bukaYesu ithabath’ unyawo, injalo nempikiswano ephathelele umsebenzi wakhe. Indoda ephethwe ziidemon, ekwayimfama yaye engenako nokuthetha, iziswa kuYesu. Xa uYesu eyiphilisa, kangangokuba ide ikhululeke ekuphathweni ziidemon ize ibe nokuthetha yaye ibone, izihlwele azikwazi kuzibamba. Ziqalis’ ukuthetha zisithi: “Ngunyana kaDavide kanti na lo?”

Izihlwele ziyawungungela lo mzi uYesu ahleli kuwo kangangokuba yena nabafundi bakhe abanako nokufumana isidlo. Ngaphandle kwabo bathi mhlawumbi ‘ungunyana kaDavide’ othenjisiweyo, kukho ababhali nabaFarisi abahambe ukusuka eYerusalem beze kumnyelisa. Xa izalamane zikaYesu zisiva ngesiwiliwili esiqhubekayo ngenxa kaYesu, ziza kumbamba. Ngenxa yantoni?

Kaloku, kwanabantakobo Yesu abakakholelwa ukuba unguNyana kaThixo. Kwakhona, esi siphithiphithi sabantu abaninzi nale ngxwabangxwaba aye wayibangela azifani kwaphela noYesu ababemazi kwasekukhuleni kwakhe eNazarete. Ngoko ke bakholelwa kwelokuba kukho nto ithile eyonakeleyo kwingqondo kaYesu. “Uyageza,” bagqiba ngelitshoyo, ibe bafuna ukumbamba baze bahambe naye.

Kanti bona ubungqina bokuba uYesu uyiphilisile le ndoda ebiphethwe ziidemon bucacile nakubani na. Ababhali nabaFarisi bayazi ukuba abanakubukhanyela ubunyaniso bale nto. Ngoko ukuze bamnyelise uYesu babaxelela oku abantu: “Lo yena akazikhuphi iidemon, kuphela kungoBhelezebhule, umphathi weedemon.”

Ekwazi oko bakucingayo, uYesu ubabizela kuye ababhali nabaFarisi aze athi: “Ubukumkani bonke obahlulelene bodwa buyaphanza, nomzi wonke nendlu yonke eyahlulelene yodwa ayisayi kuma. Ukuba ke uSathana ukhupha uSathana, wahlulelene yedwa; bothini na ngoko ukuma ubukumkani bakhe?”

Enjani ukuba nomphumo indlela yokuqiqa! Ekubeni abaFarisi besithi abanye babo baye bakhupha iidemon, kwakhona uYesu uyababuza: “Ukuba mna ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule, bazikhupha ngabani na oonyana benu?” Ngamanye amazwi, indlela abamtyhola ngayo uYesu imele ibe yindlela ababatyhola ngayo nabo. Wandula ke uYesu abalumkise esithi: “Kodwa ukuba ndizikhupha iidemon ngoMoya kaThixo mna, ngoko bunifikele kanti ubukumkani bukaThixo.”

Ukuze ababonise ukuba ukukhupha kwakhe iidemon kububungqina bamandla akhe phezu koSathana, uYesu uthi: “Angathini na umntu ukuba nako ukungena endlwini yegorha elo, ayiphange impahla yalo, ukuba akathanga tanci alibophe igorha, andule ke ukuyiphanga indlu yalo? Lowo ungengakum uchasene nam, nalowo ungandibuthisiyo uyachithachitha.” AbaFarisi ngokucacileyo banxamnye noYesu, bezibonisa bengabameli bakaSathana. Bawachithachithela kude naye amaSirayeli.

Ngenxa yoko, uYesu uyabalumkisa aba bachasi bakhohlakeleyo ngelithi “ukumnyelisa uMoya oyiNgcwele abasayi kukuxolelwa.” Uyacacisa esithi: “Nothe wathetha ilizwi elichasene noNyana woMntu uya kuxolelwa; kodwa othe wathetha elichasene noMoya oyiNgcwele, akasayi kuxolelwa yena, nakweli phakade, nakwelo lizayo.” Abo babhali nabaFarisi benze eso sono singenakuxolelwa ngokuthi ngolunya bathi oko ngokucacileyo ikukusebenza okungummangaliso komoya oyingcwele kaThixo kwenziwe nguSathana. Mateyu 12:22-32; Marko 3:19-30; Yohane 7:5.

▪ Ukhenketho lukaYesu lwesibini eGalili lwahluke njani kolo lokuqala?

▪ Kutheni izalamane zikaYesu zizama ukumbamba nje?

▪ Bazama njani abaFarisi ukunyelisa imimangaliso kaYesu, yaye ngoko uYesu ubabonisa njani bengamaxoki?

▪ Banetyala lantoni abo baFarisi, yaye ngoba?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share