Zama Ukubajonga Abanye Ngendlela UYehova Abajonga Ngayo
“Indlela abona ngayo umntu asiyondlela abona ngayo uThixo.”—1 SAMUWELI 16:7.
1, 2. Yayahluke njani indlela uYehova amjonga ngayo uEliyabhi kwindlela uSamuweli amjonga ngayo, yaye sinokufunda ntoni koku?
NGENKULUNGWANE ye-11 B.C.E., uYehova wathuma umprofeti uSamuweli ukuba enze umsebenzi oyimfihlo. Wayalela lo mprofeti ukuba aye endlwini yendoda enguYese aze athambise omnye woonyana bakhe njengowayeza kuba ngukumkani kaSirayeli. Xa uSamuweli wabona unyana olizibulo kaYese, uEliyabhi, wayeqinisekile ukuba umfumene lowo uThixo amkhethileyo. Kodwa uYehova wathi: “Musa ukukhangela imbonakalo yakhe nokuphakama kwesithomo sakhe, kuba ndimgatyile. Kuba indlela abona ngayo umntu asiyondlela abona ngayo uThixo, ngenxa yokuba umntu nje ubona okubonakalayo emehlweni; kodwa uYehova yena, ubona oko ikuko intliziyo.” (1 Samuweli 16:6, 7) USamuweli wayengamjonganga uEliyabhi ngendlela uYehova awayemjonge ngayo.a
2 Hayi indlela ekulula ngayo ukuba abantu benze impazamo kwindlela ababajonga ngayo abanye! Kwelinye icala, sisenokukhohliswa ngabantu ababonakala ngaphandle bebahle kodwa ngaphakathi bengamaqhophololo. Kanti, sisenokuba ngqongqo size sibe rhabaxa ngendlela esibaphatha ngayo abanye abantu abanyanisekileyo kuba nje ubuntu babo singabuthandi.
3, 4. (a) Ukuba kuvela iingxaki phakathi kwamaKristu amabini, yintoni ngamnye afanele azimisele ukuyenza? (b) Yiyiphi imibuzo esifanele sizibuze yona xa sinengxabano enzulu nelinye ikholwa?
3 Kusenokubakho iingxaki xa sikhawuleza sibagwebe abanye—kwanabo ekudala sibazi. Mhlawumbi usenokuxambulisana nomKristu othile owayengumhlobo wakho osenyongweni. Ngaba ungathanda ukungciba elo thanda? Yintoni eya kukunceda ukuze wenjenjalo?
4 Kutheni ungakhe umjongisise kakuhle umzalwana okanye udadewenu ongumKristu ukhangela kuye iimpawu ezintle? Yaye kwenze oku ucinga ngamazwi kaYesu athi: “Akukho mntu unako ukuza kum ngaphandle kokuba uBawo, owandithumayo, amtsale.” (Yohane 6:44) Yandula ke uzibuze: ‘Kwakutheni ukuze uYehova atsalele lo mntu kuNyana Wakhe? Ziziphi ezi mpawu zintle lo mntu anazo? Ngaba bendingazikhathalelanga okanye ndizijonga njengezingabalulekanga ezi mpawu? Kwakutheni ukuze sibe ngabahlobo? Yintoni eyanditsalela kuye?’ Ekuqaleni, usenokufumanisa kunzima ukucinga ngeempawu ezintle ingakumbi ukuba ubufukame inzondo kangangexesha elide. Noko ke, eli linyathelo elibalulekileyo ukuzama ukulungisa izinto phakathi kwenu nobabini. Ukwenza umzekelo ngendlela okunokwenziwa ngayo oku, makhe sijonge iimpawu ezintle kubantu ababini ekungathethwa kakuhle ngabo. Umprofeti uYona nompostile uPetros.
Ukuqwalasela UYona Ngokunyanisekileyo
5. Wayethunywe ntoni uYona, yaye yena wenza ntoni?
5 UYona wayengumprofeti kubukumkani basentla bakwaSirayeli ngemihla kaKumkani uYerobhoham II, unyana kaYehowashe. (2 Kumkani 14:23-25) Ngenye imini, uYehova wayalela uYona ukuba anduluke kwaSirayeli aze aye eNineve, ikomkhulu loBukhosi baseAsiriya obunamandla. Wayethunywe ntoni? Ukuba aye kulumkisa abemi balapho ngokutshatyalaliswa kwesixeko sabo esikhulu. (Yona 1:1, 2) Kunokuthobela umyalelo kaThixo, uYona wabaleka! Wakhwela inqanawa eyayisiya eTarshishe, kude lee neNineve.—Yona 1:3.
6. Kwakutheni ukuze uYehova anyule uYona ukuba aye eNineve?
6 Yintoni ethi qatha engqondweni yakho xa ucinga ngoYona? Ngaba ucinga ngaye njengomprofeti ongathobeliyo? Usenokuvakalelwa njalo xa uqala nje ukucinga ngaye. Kodwa ngaba uThixo wamnyula njengomprofeti kuba engathobeli? Ngokuqinisekileyo akunjalo! Usenokuba uYona wayeneempawu ezithandekayo. Khawucinge ngengxelo yakhe njengomprofeti.
7. UYona wamkhonza uYehova phantsi kwaziphi iimeko kwaSirayeli, yaye ukwazi oku kuyichaphazela njani indlela omjonga ngayo?
7 Enyanisweni uYona wayesebenze ngokuthembeka kwaSirayeli, kubantu ababengaphulaphuli ngeyona ndlela. Umprofeti uAmosi, owayephila phantse ngexesha elifanayo noYona, uwachaza amaSirayeli elo xesha njengawayezithanda izinto eziphathekayo neziyolo.b Kwakusenzeka izinto ezimbi kwelo lizwe, kodwa amaSirayeli ayezibetha ngoyaba. (Amosi 3:13-15; 4:4; 6:4-6) Sekunjalo, imihla ngemihla uYona wayewenza ngokuthembeka umsebenzi wokushumayela awayewuthunyiwe. Ukuba ungumvakalisi weendaba ezilungileyo, uyayazi indlela ekunzima ngayo ukuthetha nabantu abami kakuhle nabangakhathaliyo. Ngoko ke, ngoxa sibuvuma ubuthathaka bukaYona, masingazilibali iimpawu zakhe zokuthembeka nonyamezelo njengoko wayeshumayela kumaSirayeli angathembekanga.
8. Ziziphi iingxaki awayeza kujamelana nazo umprofeti ongumSirayeli eNineve?
8 Isabelo sokuya eNineve sasinzima ngokwenene. Ukuze afike kweso sixeko, uYona kwakufuneka ahambe iikhilomitha ezinokuba ngama-800 ngeenyawo—uhambo olunzima olwaluza kuthabatha malunga nenyanga. Akuba efikile apho, kwakuza kufuneka lo mprofeti ashumayele kuma-Asiriya, awayesaziwa ngenkohlakalo. Kwakhona ayesaziwa ngokungcungcuthekisa ngolunya emfazweni. Ayede aqhayise ngenkohlakalo yawo. Yiloo nto ke iNineve yayibizwa ngokuba ‘sisixeko sophalazo-gazi’!—Nahum 3:1, 7.
9. Xa oomatiloshe babeza kubulawa sisivunguvungu somoya, ziziphi iimpawu ezabonakaliswa nguYona?
9 Emadolw’ anzima ukuthobela umyalelo kaYehova, uYona wakhwela inqanawa eyamsa kude gqitha nesabelo sakhe. Sekunjalo, uYehova akazange amncame lo mprofeti wakhe okanye afune omnye umntu endaweni yakhe. Kunoko, uYehova wamnceda uYona ukuze abone ukubaluleka kwesabelo sakhe. UThixo wabangela kwakho isivunguvungu somoya elwandle. Inqanawa eyayikhwele uYona yazanyazanyiswa ngamaza. Kwakuza kufa abantu abamsulwa, kuphela nje ngenxa kaYona! (Yona 1:4) Wayeza kwenza ntoni uYona? Engafuni ukuba kufe oomatiloshe ngenxa yakhe, uYona wabaxelela: “Ndiphakamiseni nindiphose elwandle, yaye ulwandle luya kunizolela.” (Yona 1:12) Xa ekugqibeleni oomatiloshe bamphosa elwandle, wayengenasizathu sakucinga ukuba uYehova uya kumhlangula. (Yona 1:15) Noko ke, uYona wayezimisele ukulahlekelwa nabubomi bakhe ukuze kungafi oomatiloshe. Ngaba apha asiboni iimpawu ezinjengenkalipho, ukuthobeka nothando?
10. Yintoni eyenzekayo emva kokuba uYehova waphinda wamthuma uYona kwisabelo sakhe?
10 Ekugqibeleni, uYehova wamsindisa uYona. Ngaba ezi zenzo zikaYona zamenza akakufanelekela ukukhonza uThixo njengommeli wakhe? Akunjalo, uYehova ngenceba nangothando waphinda wamthuma lo mprofeti ukuba aye kushumayela kubemi baseNineve. Ekufikeni kukaYona eNineve, ngenkalipho wabaxelela abemi balapho ukuba ububi babo bukhulu kuThixo yaye isixeko sabo sasiza kutshatyalaliswa kwiintsuku ezingama-40. (Yona 1:2; 3:4) Emva kokuva isigidimi sikaYona esingqalileyo, abemi baseNineve baguquka, yaye isixeko sabo asizange sitshatyalaliswe.
11. Yintoni ebonisa ukuba uYona wafunda isifundo esibalulekileyo?
11 Sekunjalo, uYona akazange abe nesimo sengqondo esihle. Noko ke, ngomzekelo obonakalayo, uYehova ngomonde wamnceda uYona afunde ukuba Yena ubona ngaphaya kokubona komntu. Uhlola intliziyo. (Yona 4:5-11) Ubungqina bokuba uYona wafunda isifundo esibalulekileyo sibonwa kwingxelo awayibhala ngokwakhe. Ukukulungela kwakhe ukubhala ngeentsilelo zakhe ezibangel’ iintloni kububungqina bokuba wayethobekile. Kufuna inkalipho ukuvuma iimpazamo!
12. (a) Sazi njani ukuba uYesu unembono efanayo nekaYehova ngabantu? (b) Sikhuthazwa ukuba sibe nayiphi imbono ngabantu esishumayela kubo iindaba ezilungileyo? (Bona ibhokisi ekwiphepha 18.)
12 Kwiinkulungwane kamva, uYesu Kristu wathetha amazwi akhuthazayo ngokwenzekayo kuYona. Wathi: “Kuba kanye njengokuba uYona wayesesiswini sentlanzi enkulu iimini ezintathu nobusuku obuthathu, kwangokunjalo noNyana womntu uya kuba sembilinini womhlaba iimini ezintathu nobusuku obuthathu.” (Mateyu 12:40) Emva kokuba evusiwe uYona, uya kuva ukuba uYesu wathelekisa ixesha Lakhe esengcwabeni nexesha elalinzima ebomini balo mprofeti. Ngaba asivuyiswa kusini na kukukhonza uThixo ongabancamiyo abakhonzi bakhe xa besenza iimpazamo? Umdumisi wabhala: “Njengoyise obenzela inceba oonyana bakhe, uYehova ubenzele inceba abo bamoyikayo. Kuba yena uyakwazi ukuyilwa kwethu, ekhumbula ukuba siluthuli.” (INdumiso 103:13, 14) Enyanisweni, olu “thuli”—oluquka abantu abangafezekanga namhlanje—lunokufeza lukhulu xa luxhaswa ngumoya oyingcwele kaThixo!
Imbono Elungeleleneyo NgoPetros
13. Ziziphi iimpawu zikaPetros esinokucinga ngazo, kodwa kwakutheni ukuze uYesu amkhethe njengompostile?
13 Ngoku ngokufutshane makhe siqwalasele umzekelo wesibini, kampostile uPetros. Ukuba bekunokuthiwa chaza uPetros, ngaba ubuya kukhawuleza ucinge ngesingxami, isityhuthutyhuthu, kwanomntu ozikhukhumalisayo? Ngamanye amaxesha uPetros wayebonakalisa ezo mpawu. Noko ke, ngaba uYesu wayenokumkhetha uPetros njengomnye wabapostile bakhe abali-12 ukuba ngokwenene wayengumntu osisingxami, isityhuthutyhuthu, okanye ozikhukhumalisayo? (Luka 6:12-14) Akunjalo, konke konke! Ngokucacileyo uYesu wabona ngaphaya kwala makhwiniba waza wabona iimpawu zikaPetros ezintle.
14. (a) Yintoni esenokuba yayibangela ukuba uPetros athethe ngokuphandle? (b) Kutheni sifanele sibe nombulelo kuba uPetros wayesoloko ebuza imibuzo?
14 Ngamanye amaxesha uPetros wayesisithethi sabanye abapostile. Bambi basenokukujonga oku njengokungathozami. Kodwa ngaba ngokwenene kunjalo? Abanye abantu bathi kusenokwenzeka ukuba uPetros wayemdala kunabanye abapostile—mhlawumbi emdala nakuYesu. Ukuba oko kunjalo, kusenokuba sisizathu sokuba uPetros wayedla ngokuba ngowokuqala ukuthetha. (Mateyu 16:22) Noko ke, kukho enye inkalo esifanele siyiqwalasele. UPetros wayezixabisile izinto zokomoya. Ukulangazelela kwakhe ukwazi kwamenza ukuba abuze imibuzo. Oku kuye kwaluncedo kuthi. UYesu wathetha izinto ezininzi ezibalulekileyo ephendula imibuzo kaPetros, yaye oku kuye kwalondolozwa eBhayibhileni. Ngokomzekelo, uYesu wathetha ‘ngegosa lithembekileyo’ xa wayephendula uPetros. (Luka 12:41-44) Yaye khawucingisise ngombuzo kaPetros othi: “Sishiye zonke izinto saza sakulandela; yintoni okunene esiya kuyifumana?” Oku kwakhokelela kwisithembiso sikaYesu esikhuthazayo esithi: “Wonk’ ubani oshiye izindlu okanye abantakwabo okanye oodade okanye uyise okanye unina okanye abantwana okanye imihlaba ngenxa yegama lam uya kwamkela izihlandlo ezininzi ngakumbi yaye uya kudla ilifa ubomi obungunaphakade.”—Mateyu 15:15; 18:21, 22; 19:27-29.
15. Kutheni kunokuthiwa uPetros wayenyanisekile ngokwenene?
15 UPetros wayenolunye uphawu oluhle—wayenyanisekile. Xa abafundi abaninzi bayeka ukumlandela uYesu ngenxa yokuba bengazange bayiqonde enye yeemfundiso zakhe, nguPetros owathethayo egameni labapostile abali-12 waza wathi: “Nkosi, siya kumka siye kubani na? Nguwe onamazwi obomi obungunaphakade.” (Yohane 6:66-68) Hayi indlela amele ukuba amvuyisa ngayo uYesu loo mazwi! Kamva, xa ihlokondiba laza kubamba iNkosi, inkoliso yabapostile yabaleka. Noko ke, uPetros wasilandela eso sihlwele emgama waza wangena ngaphakathi entendelezweni yombingeleli omkhulu. Yinkalipho eyambangela ukuba aye apho ingebubo ubugwala. Xa uYesu wayencinwa, uPetros wasondela kwiqela lamaYuda elalothe umlilo omkhulu. Omnye umkhonzi wombingeleli omkhulu wambona waza wammangalela esithi wayekunye noYesu. Masivume ukuba uPetros wayikhanyela iNkosi yakhe, kodwa masingalibali ukuba yayikukunyaniseka nenkxalabo awayenayo ngoYesu eyambeka uPetros kwingozi awayekuyo, inkoliso yabapostile engazange icinge nokucinga ukuzifaka kuyo.—Yohane 18:15-27.
16. Sisiphi isizathu esibangele ukuba sikhangele iimpawu ezintle kuYona nakuPetros?
16 Iimpawu ezintle zikaPetros zizigqwesa lee iintsilelo zakhe. Oku kunjalo nangoYona. Kanye njengokuba sikhangela iimpawu ezintle kuYona nakuPetros ngendlela esenokuba ingaphezu kweqhelekileyo, sifanele siziqhelise ukukhangela iimpawu ezintle kubazalwana nakoodadewethu bokomoya banamhlanje. Ukwenjenjalo kuya kusenza sibe nolwalamano oluhle nabanye. Kutheni kuyimfuneko ngokwenene ukwenjenjalo?
Ukusebenzisa Esi Sifundo Namhlanje
17, 18. (a) Kutheni kusenokubakho uqhushululu phakathi kwamaKristu? (b) Sisiphi isiluleko seBhayibhile esinokusinceda sicombulule iingxaki namanye amakholwa?
17 Namhlanje, amadoda, amabhinqa nabantwana abaneemeko zezoqoqosho, imfundo neemvelaphi ezahlukeneyo zobuhlanga, bonke bakhonza uYehova ngokumanyeneyo. (ISityhilelo 7:9, 10) Hayi indlela abantu abasebandleni lamaKristu abahlukahlukene ngayo ngobuntu! Ekubeni sikhonza uThixo ndawonye, kulindelekile ukuba kubekho ukungavisisani ngamanye amaxesha.—Roma 12:10; Filipi 2:3.
18 Ngoxa sizibona iintsilelo zabazalwana bethu, asigxininisi kuzo. Sizabalazela ukuxelisa uYehova, umdumisi athi ngaye: “Ukuba ubulinda iziphoso, Ya, Owu Yehova, ngubani na obenokuma?” (INdumiso 130:3) Kunokusoloko sijonge iimpawu zobuntu ezinokusenza singamanyani, “masisukele izinto ezisingisa eluxolweni nezinto ezakhayo komnye nomnye.” (Roma 14:19) Masenze umzamo wokubajonga abantu ngendlela uYehova abajonga ngayo, singajongi iintsilelo kodwa siqwalasele iimpawu ezintle. Ukwenjenjalo kusinceda ‘siqhubeke sinyamezelana.’—Kolose 3:13.
19. Chaza amanyathelo aluncedo umKristu anokuwalandela ukusingatha ukungavisisani okunzulu.
19 Kuthekani ukuba kukho ukungavisisani esingakwaziyo ukukusingatha ngokuphumelelayo? (INdumiso 4:4) Ngaba oku kuye kwenzeka kuwe nelinye ikholwa? Kutheni ungazami ukuyizinzisa loo mbambano? (Genesis 32:13-15) Okokuqala, thetha noYehova ngomthandazo, ucele ulwalathiso lwakhe. Yandula ke, ucinge ngeempawu ezintle zaloo mntu, uthethe naye ‘ngobulali nobulumko.’ (Yakobi 3:13) Mxelele ukuba ufuna ukudal’ uxolo. Khumbula isiluleko esiphefumlelweyo esithi: “Umntu umele akhawuleze ukuva, acothe ukuthetha, acothe ukuqumba.” (Yakobi 1:19) Icebiso elithi “acothe ukuqumba” libonisa ukuba omnye umntu usenokwenza okanye athethe into enokukucaphukisa. Ukuba oko kuyenzeka, cela uYehova akuncede ukwazi ukuzibamba. (Galati 5:22, 23) Mvumele umzalwana wakho athethe, uze uphulaphule ngenyameko. Musa ukumphazamisa xa ethetha enoba akuvumelani nayo yonke into ayithethayo. Usenokuba unembono ephosakeleyo, kodwa sekunjalo yimbono yakhe. Zama ukuyibona ingxaki ngendlela ayibona ngayo. Oku kusenokuquka ukuzijonga ngendlela umzalwana wakho akujonga ngayo.—IMizekeliso 18:17.
20. Xa silungisa ukungavisisani, ngawaphi amanye amanyathelo anokuba ngumphumo wokudal’ uxolo?
20 Xa inguwe ofanele uthethe, thetha ngokukholekileyo. (Kolose 4:6) Mxelele umzalwana wakho into oyithandayo kuye. Cela uxolo ngayo nantoni na oyenzileyo enokubangela ukungavisisani. Ukuba imizamo yakho yokuthobeka iye yadal’ uxolo, mbulele uYehova. Ukuba akunjalo, qhubeka ucela ulwalathiso lukaYehova ngoxa ukhangela amathuba angakumbi okudal’ uxolo.—Roma 12:18.
21. Oku kukuncede njani ukuze ubajonge abanye ngendlela uYehova abajonga ngayo?
21 UYehova ubathanda bonke abakhonzi bakhe. Uyakuvuyela ukusisebenzisa sonke enkonzweni yakhe enoba asifezekanga. Njengoko sifunda okungakumbi ngendlela abajonga ngayo abanye, uthando lwethu ngabazalwana noodadewethu luya kukhula. Ukuba uthando lwethu ngomnye umKristu luye lwaphola, lunokuphinda luphenjwe. Hayi indlela esiya kusikelelwa ngayo ukuba senza umzamo onyanisekileyo wokubona iimpawu ezintle kwabanye—ewe, ukubajonga ngendlela uYehova abajonga ngayo!
[Imibhalo esemazantsi]
a Kamva kwaye kwacaca ukuba uEliyabhi owayeyinzwana wayengenazo iimpawu ezifanelekileyo zokuba ngukumkani wakwaSirayeli. Xa ingxilimbela engumFilisti uGoliyati wawacel’ undikho amaSirayeli, uEliyabhi, kunye namanye amadoda akwaSirayeli bangcangcazela luloyiko.—1 Samuweli 17:11, 28-30.
b Ngenxa yokoyisa amazwe amakhulu nokuphinda abuyisele umhlaba wakhe wangaphambili kunye nomrhumo asenokuba wawufumana, kubonakala ukuba uYerobhoham II wabuzuzela ubutyebi obuninzi ubukumkani basentla.—2 Samuweli 8:6; 2 Kumkani 14:23-28; 2 Kronike 8:3, 4; Amosi 6:2.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• UYehova uzijonga njani iintsilelo zabakhonzi bakhe abathembekileyo?
• Ziziphi iimpawu ezintle onokuzibala kuYona nakuPetros?
• Sisiphi isimo sengqondo ozimisele ukuba naso ngabazalwana bakho abangamaKristu?
[Ibhokisi ekwiphepha 18]
Cinga Ngendlela Abanye Ababonakala Ngayo KuThixo
Njengoko ucamngca ngengxelo yeBhayibhile engoYona, ngaba ubona imfuneko yokubajonga ngelinye iliso abantu esisoloko sishumayela kubo iindaba ezilungileyo? Basenokubonakala banelisekile okanye bengakhathali, njengamaSirayeli, okanye basenokusichasa isigidimi sikaThixo. Sekunjalo, uYehova uThixo ubajonga njani? Kwanabathile abadumileyo kule nkqubo yezinto ngenye imini basenokuguqukela kuYehova, kanye njengokuba ukumkani waseNineve waguquka ngenxa yokushumayela kukaYona.—Yona 3:6, 7.
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Ngaba abanye ubajonga ngendlela uYehova abajonga ngayo?
[Umfanekiso okwiphepha 16, 17]
UYesu wafumana into entle anokuyithetha ngento eyenzeka kuYona